UKUSETYENZISWA KWENKXASO-MALI YESEBE LEMFUNDO YEBAKALA R
INkxaso-mali yeSebe yeeklasi zeBakala R yenzelwe kuphela qwaba ukuqhutywa kwezi klasi. Amashumi asibhozo epesenti (80%) enkxaso-mali kufuneka asetyenziswe njengegalelo kwimivuzo yootitshala, ize eshiyekileyo, amashumi amabini epesenti (20%) isetyenziselwe ukuthenga izinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material) (LTSM). Njengoko iSebe iWCED lingaboneleli bhajethi epheleleyo yokufundiswa kweeklasi zeBakala R kunye nemivuzo yootitshala beBakala R, luxanduva lwebhunga lolawulo lesikolo ukuhlawula imali elityala elishiyekileyo (deficit) ngokunyusa ingxowa-mali nangokubiza iifizi zesikolo.
Ngenxa yokuba ncinane kwemali efumanekayo, kucetyiswa ukuba izikolo namaziko oluntu zithenge kuphela i-LTSM esemgangathweni apho abafundi baya kuzuza lukhulu kakhulu kuyo.
Makugxininiswe ukuba nakuphi na ukusetyenziswa gwenxa kwemali yeBakala R kuya kukhokelela ekurhoxisweni kwenkxaso-mali kwisikolo okanye kwiziko loluntu elichaphazelekayo. Ngenxa yesi sizathu, kunyanzelekile ukuba yenziwe ngenyameko enkulu ingxelo-mali emfutshane eshwankathela imicimbi engeniswa nesicelo senkxaso-mali ngasinye.
Kubalulekile ukuqaphela ukuba, xa izikolo namaziko oluntu zinqwenela ukugcina ubhaliso lweeklasi zazo zeBakala R, kufuneka ke ngoko zibe nabafundi ababhalisiweyo abayi-20 ubuncinane kwiklasi yeBakala R nganye. Apho izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo (ngaphandle kwezo zikwindawo esisemaphandleni) zingaphumeleliyo ukulandela ngqo lo mqathango uyimfuneko, yaye kuya kuthi emva kokwenziwa kotyelelo esikolweni ligosa leSebe iWCED, inkxaso-mali leyo inikwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezikwiindawo ezikude zasemaphandleni ezinawona manani asezantsi abafundi abhalisileyo aphakathi kwe-15 ne-19.
|