ISigaba saBadala (Senior Phase)
Ngo-2011 nango-2012 izikolo ziya kusebenzisa amaxwebhu omgaqo-nkqubo asetyenziswayo iNational Curriculum Statement Grades R-12 policy documents kwezi nkalo zezifundo zisibhozo (8) zikhoyo ngoku kwiSigaba saBadala, ekuzezi:
- Languages
- Mathematics
- Natural Sciences
- Life Orientation
- Social Studies
- Technology
- Arts and Culture
- Economic and Management Sciences
Ngokungqinelana ne-Government Notice No 349 kwi-Government Gazette No 33160 ye-6 Meyi 2010, iphelisiwe iMisebenzi yoVavanyo eFanayo (Common Tasks of Assessment (CTAs)) njengoko kucacisiwe kuxwebhu lomgaqo-nkqubo, iNational policy on assessment and qualifications for schools in the General Education and Training Band.
Izikolo zazicetyisiwe ukuba zisete awazo amaphepha eemviwo zangaphakathi endaweni yee-CTAs. Izithili zemfundo zizinikile izikolo inkxaso eyimfuneko emalunga nokumodareyithwa kwawo. Niyacelwa nifunde iSetyhula No 0016/2010 "Imiba emalunga neMfundo noQeqesho oluQhubelekayo eZikolweni ngo-2011" ("General Education and Training Matters in Schools for 2011"), ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu ngalo mba.
Ngo-2013 ezi zifundo zilandelayo ziya kufundiswa ngokwe-CAPS:
- Languages
- Mathematics
- Natural Sciences
- Life Orientation
- Social Studies
- Technology
- Arts and Culture
- Economic and Management Sciences
Abasebenzi bezithili zemfundo nabakwaNdlunkulu baya kunika izikolo inkxaso ngo-2011 nango-2012 ekwenzeni izicwangciso zethayimthebhile ezifanelekileyo nokwabelwa kootitshala umsebenzi kwezi zifundo zingentla.
|