1. Oku kubhekiselela kule Setyhula yeSebe iWCED 0039/2010.
2. IPhulo lokuThengwa kwee-Laptop ngooTitshala (Teachers' Laptop Initiative (TLI)) laphehlelelwa eNtshona Koloni nge-30 Oktobha 2010 yaye kwakumenywe ootitshala abayi-600 ukuba beze kolu phehlelelo.
3. I-TLI yinxalenye yesicwangciso seSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) nabanye abathathi-nxaxheba kwimfundo ukuphucula umgangatho wemfundo uphela ngokwenza ukuba izibonelelo zoncedo zifumaneke kubafundi nakootitshala abakwicandelo lemfundo yezikolo zikarhulumente.
4. I-TLI ijolise ekuncediseni ootitshala abaqeshwe isigxina ezikolweni, ngokuthi kuhlawulwe qho ngenyanga isibonelelo esingaxhuzulelwa mhlala-phantsi (non-pensionable allowance), ukuhlangabezana neendleko zokuthenga, zokuqhagamshelwa (connectivity) neze-inshorensi yekhompyutha eyi-laptop. I-TLI ayisosinyanzelo kwaye ootitshala abathatha inxaxheba kwi-TLI nabazilandelayo iimfuno ezingummiselo baya kufumana isibonelelo esingaxhuzulelwa mhlala-phantsi se-R130 ngenyanga ithuba eliyiminyaka emi-5.
5. IBhunga leMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (Education Labour Relations Council (ELRC)) ligunyaziswe ukuba lilawule le projekthi egameni le-DBE kunye nemibutho yabasebenzi. I-ELRC ifune iikowuteshini kubenzi bee-laptop nakwii-connectivity providers ukwenzela ukuba kufunyanelwe ootitshala elona xabiso lentengiso libhetele kakhulu.
6. I-TLI iya kuphunyezwa ithuba eliyiminyaka emi-5. Iqela lokuqala lootitshala abayi-3 500, nelibandakanya iinqununu, amasekela-nqununu, iintloko zamacandelo ezifundo nootitshala, sele lizifumene iileta ezibacela ukuba bathathe inxaxheba kwesi skim. Aba titshala bakhethwe ngenxa yezikhundla zabo ezikhulu kwaye, njengoko kucacisiwe apha ngentla, bakufanele ukufumana isibonelelo se-TLI ithuba eliyiminyaka emi-5.
7. I-TLI iya kuvulelwa ukuba ibandakanye abanye ootitshala njengoko kusiya kufumaneka ezinye iimali zokuyixhasa. ISebe iWCED likhuthaza ootitshala abafanelekileyo ukuba basebenzise eli thuba nelinjongo yalo ikukuxhasa ukufunda nokufundisa imfundo esemgangathweni.
8. Ingcaciso ngabathengisi, iiphakheji, noosomashishini ekusetyenziswana nabo, kunye nenkqubo yokufaka isicelo neyokuthenga, kwakunye neempendulo kwimibuzo edla ngokubuzwa, zingafumaneka kweli ziko lewebhu www.teacher-laptop.co.za
9. Inkqubo yokuthenga, njengoko icaciswe yi-ELRC, imi ngolu hlobo lulandelayo:

  • Isebe lemfundo lephondo (provincial education department (PED)) likhetha ootitshala abayifaneleyo i-TLI.
  • Ngamnye utitshala okhethiweyo uthunyelelwa ileta yokumazisa evela kwi-PED.
  • Utitshala uya komnye weevenkile ezigunyazisiweyo (authorised outlets) ezikhethwe ngumthengisi (supplier). Oku kuya kuboniswa kweli ziko lewebhu le-TLI
    www.teacher-laptop.co.za Kungenjalo, kungaqhagamshelwana nomthengisi ngokumalunga noku.
  • Utitshala unethuba lokuthelekisa iiphakheji ezahlukeneyo ezinikwa ngabathengisi.
  • Ileta yokumazisa (letter of notification) igqithiselwa kumthengisi.
  • Ukwamkelwa ngokusemthethweni kweleta notitshala kungqinisiswa kwi-central registry ye-TLI.
  • Akuba nje utitshala ekhethe iphakheji, utitshala nomboneleli-nkonzo ovunyiweyo (accredited service provider) bangena kwimvumelwano.
  • Umboneleli-nkonzo unika utitshala isatifikethi sokuthenga esinayo yonke ingcaciso ngephakheji. Yonke into ukususela kwii-serial numbers kuye kwi-connectivity ifakwa kwikhompyutha (is captured). Isatifikethi eso sikhutshwa kunye nenombolo engafani konke nenye (unique number) neya kuqinisekiswa (verified) kwi-central registry ye-TLI.
  • Kuya kufuneka utitshala asayine umgaqo ongokuziphatha.
  • Isatifikethi sisebenza njengobungqina bokuthenga kwaye siya kusetyenziselwa ukuvula i-akhawunti ye-imeyili katitshala. Siya kuphinda sithunyelwe kwi-PED ukwenzela ukuhlawula isibonelelo saqho ngenyanga ne-stop order sokuqalisa iintlawulo zokubuyisa ityala.
10. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:12:01

"Teacher laptop initiative suppliers list"  (ubukhulu: 14 KB)