1. KwiiSetyhula 45/2002 no-31/2003 zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), kucaciswa umbandela wentlawulo yezibonelelo zokubambela kootitshala abambele kwizithuba zengqesho eziphezulu (zonyuselo-sikhundleni). Le setyhula ichaza inkqubo eza kulandelwa xa ootitshala beqeshwa kwizithuba zonyuselo-sikhundeni njengababambeleyo.

2. Kungahlawulwa izibonelelo zababambeleyo kwiimeko apho kukho isithuba esingenamntu esivunywe ngokusemthethweni (vacant substantive post) okanye xa lowo uqeshwe isigxina kweso sithuba angekhoyo ngenxa yezi zizathu zilandelayo:

  1. Ekwikhefu lokuya kubeleka (maternity leave)
  2. Ekwikhefu lokugula (sick leave)
  3. Ekwikhefu lokuya kufunda (study leave)
  4. Enqunyanyisiwe emsebenzini (suspension)
  5. Esekondiwe (Secondment)
3. Ukutyunjwa kukatitshala ukuba abambele kwisithuba esiphezulu apho isithuba singenamntu okanye apho lowo uqeshwe isigxina kweso sikhundla angekhoyo, kwenziwa ngabasemagunyeni olawulo beziko (governance structure of the institution).

4. Imi ngolu hlobo lulandelayo inkqubo eza kulandelwa xa kuzaliswa zonke izithuba zonyuselo-sikhundleni okwethutyana:
4.1 Kwimeko apho kukho umgqatswa omnye ofaneleke ukuba abambele kwisithuba esiphezulu esingenamntu, loo mntu makaqalise ngaphandle kwamagingxi-gingxi (automatically) ukubambela kweso sikhundla.
4.2 Kwimeko apho kukho ngaphezulu komgqatswa omnye ofanelekileyo ukuba abambele kwisithuba esiphezulu, ibhunga lolawulo lesikolo (school governing body) malisipapashe eso sithuba siphezulu singenamntu ngaphakathi (internally) ngesaziso kwibhodi yezaziso yootitshala (staff notice board), emasicacise gca imisebenzi kunye neemfuno ezimiselwe isithuba eso.
4.3 Njengoko kunyanzelekile ukuba abasemagunyeni olawulo (governance structure) balandele ngqo okubhalwe kwiSetyhula 45/2002 (iSigqibo 8/2001) neSetyhula 31/2003 (iSigqibo 8/2002), makuqhutywe udliwano-ndlebe.
4.4 Ukuba isithuba eso asizi kuzaliswa ngokusisigxina kwithuba leenyanga ezintandathu, eso sikhundla sokubambela sinokujikeleziswa ukunika utitshala olandelayo ofanelekileyo ithuba lokuba abambe kweso sithuba. Oku akusibandakanyi isikhundla senqununu.

5. Ukuba kuye kwakho iimeko ezingaphaya kokuqhelekileyo nezinokukhokelela ekubeni kushenxwe kule migqaliselo (prespricts), makufunyanwe imvume kwangaphambili, phambi kokuba kwenziwe isigqibo. Imimiselo nemiqathango esetyenziswayo kwizithuba zengqesho zokubambela ezizodwa (exceptional acting appointments), icaciswe kumhlathi 4 wesiHlomelo A kuzo zozibini ezi Zigqibo sele zikhankanyiwe ngaphambili.

6. Igunya lokuvuma izithuba zokubambela lithweswe oyiNtloko yeCandelo loLawulo nokuPhathwa kwaMaziko (Head: Institutional Management and Governance) (izithuba zokubambela eziqhelekileyo) noMlawuli weSithili seMfundo (izithuba zokubambela ezizodwa), kwaye ke ngoko zonke izicelo zemvume eyimfuneko kwizithuba zokubambela mazithunyelwe kuMphathi weKomiti yeSekethe ochaphazelekayo, kungabi kwiCandelo loLawulo lwaBasebenzi lwaNgaphakathi (Internal Human Resource Administration) kwaNdlunkulu weSebe leMfundo leNtshona Koloni).

Qaphela: Ukutyunjwa kootitshala ukuba babambe kwizithuba zonyuselo-sikhundleni makwenziwe kwi-DHA-2 form, ukususela nge-1 Januwari 2011.

7. Awona mathuba asezantsi okuhlawulwa ngokweSigqibo 8 se-ELRC sika-2001 neSigqibo 8 sika-2002 ami ngolu hlobo lulandelayo:

  • Isithuba esiphezulu esingenamntu nesibekelwe intlawulo (funded posts): iiveki ezi-6
  • Isithuba esiphezulu esingenamntu ngenxa yokuba engekho lowo usisigxina uqeshiweyo kuso (permanent incumbent) (funda umhlathi 2 apha ngentla): iiveki ezili-12
8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo uze ubacele bayisayine baze bafake nomhla ukubonisa ukuba bayifumene kwaye banolwazi ngokuqulethwe yiyo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:11:12

"Resolution 8/2001"  (ubukhulu: 68 KB)
"Resolution 8/2002"  (ubukhulu: 64 KB)
"DHA 2 Form: Acting Appointment to Educator's Post"  (ubukhulu: 173 KB)