1. Kuvunyiwe ukwandiswa kwezi bhasari zilandelayo ukususela kwi-1 Apreli 2010:
1.1 Ezona ntlawulo ziphezulu zeebhasari zokubhoda ezihlawulwa abafundi abasweleyo abakwiihostele zezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zandisiwe ukusuka kwi-R5 640.00 ukuya kwi-R5 978.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
1.2 Ezona ntlawulo ziphezulu zeebhasari zokubhoda kwiindawo zabucala neebhasari zezothutho ezihlawulwa abafundi abasweleyo kwezi zithili zemfundo, West Coast, Cape Winelands, Eden & Central Karoo ne-Overberg, zandisiwe ukusuka kwi-R1315.00 ukuya kwi-R1 394.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.

QAPHELA: Zonke ezi bhasari zingentla zibalwa ngokungqinelana novavanyo lobungakanani bemfuno (means test) oluvunyiweyo neekhrayitheriya ezimiselweyo ezicaciswe kwiSetyhula 0143/1998 ye-6 Novemba 1998 nakwiSetyhula 0029/2001 ye-13 Matshi 2001.

2. Kukwavunyiwe kwakhona ukwandiswa kwezi nkxaso-mali zabasebenzi zilandelayo ukususela nge-1 Apreli 2010:
2.1 Inkxaso-mali (subsidy) yabasebenzi ehlawulwa kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinenani labafundi ababhalisileyo elingaphantsi kwabafundi abayi-201 ukwenzela ukuthenga iinkonzo zezolawulo nezokucoca, yandisiwe ukusuka kwi-R377.00 ukuya kwi-R400.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
2.2 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zikarhulumente ezinenani labafundi ababhalisileyo elingaphantsi kwabafundi abayi-50 abahlala ehostele ukwenzela ukuthenga ukutya kwesondlo (nutrition) neenkonzo zokucoca, yandisiwe ukusuka kwi-R5 232.00 ukuya kwi-R5 546.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
2.3 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zecawe okanye zabucala ukwenzela ukuthenga ukutya kwesondlo (nutrition) neenkonzo zokucoca, yandisiwe ukusuka kwi-R1 317.00 ukuya kwi-R1 397.72 ngomfundi ngamnye ngonyaka.

3. Kucelwa wazise amalungu ebhunga lolawulo lesikolo nabo bonke abanye abachaphazelekayo okukule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:11:01