1. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lweesetyhula ezikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ngonyaka ka-2009.
2. Iisetyhula zithunyelwa ngefomathi ye-imeyili, kodwa izikolo ezingekabinayo i-imeyili zinikwa iikopi zeesetyhula ezingamaphepha. Ukuba iisetyhula zinezihlomelo ezingenako ukuthunyelwa nge-imeyili, iikopi zazo ezingamaphepha zenziwa zifumaneke.

3. Luxanduva lwezikolo namagosa ukutshekisha qho i-imeyili yazo kuba la maxwebhu abaluleke kakhulu ekubeni likwazi ukusebenza ngempumelelo iSebe iWCED.
4. Mazincede izikolo namagosa zenze iifolda kwiikhompyutha zazo ukwenzela ukugcina ezi setyhula. Ezi setyhula mazigcinwe kwirekhodi ngalo lonke ixesha zisasebenza ngokusemthethweni.
5. Ziyafumaneka kwakhona iisetyhula ezakhutshwa ukususela ekuqaleni kuka-2003 kweli phepha lewebhu yeSebe iWCED http://wced.wcape.gov.za/circulars/index-circmins.html.
6. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.
7. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:02:15

Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lweesetyhula ezikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni  (ubukhulu: 22 KB)