1. UMphathiswa weMfundo kuzwelonke wabhengeza iPhulo lokuThengwa kweeLaptop ngooTitshala (Teacher Laptop Initiative (TLI)) kwiGazethi kaRhulumente Vol. 527, No. 32207 yange-8 Meyi 2009.
2. I-TLI yinxalenye yesicwangciso seSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) nabanye abathathi-nxaxheba kwimfundo ukuphucula umgangatho wemfundo uphela ngokwenza ukuba izibonelelo zoncedo zifumaneke kubafundi nakootitshala abakwicandelo lemfundo yezikolo zikarhulumente.
3. I-TLI ijolise ekuncediseni ootitshala abaqeshwe isigxina ezikolweni, ngokuthi kuhlawulwe qho ngenyanga isibonelelo esingaxhuzulelwa mhlala-phantsi (non-pensionable allowance), ukuhlangabezana neendleko zokuthenga, zokuqhagamshelwa (connectivity) neze-inshorensi yekhompyutha eyi-laptop. I-TLI ayisosinyanzelo kwaye ootitshala abathatha inxaxheba kwiTLI nabazilandelayo iimfuno ezingummiselo baya kufumana isibonelelo esingaxhuzulelwa mhlala-phantsi se-R130 ngenyanga ithuba leminyaka emi-5.
4. IBhunga leMfundo loBudlelane eMisebenzini (Education Labour Relations Council) (ELRC) ligunyaziswe ukuba lilawule le projekthi egameni leDBE kunye nemibutho yabasebenzi. Ukwenzela ukuba kungafakwa mmeli wezentengiso (middle man), i-ELRC ifune iikowuteshini ngqo kubenzi beelaptop nakwii-connectivity providers ukwenzela ukuba kufunyanelwe ootitshala elona xabiso lentengiso libhetele kakhulu.
5. I-TLI iya kuphunyezwa ithuba leminyaka emi-5. Iqela lokuqala lootitshala neenqununu abaya kucelwa ukuba bathathe inxaxheba kwesi skim nabanokufakwa kwibhajethi yeSebe iWCED kunyaka-mali ka-2010-2011, baya kukhethwa ngokobude benkonzo yabo.
6. Ukuphehlelelwa liphondo (provincial launch) kwephulo leLTI kuya kwenziwa ngoMgqibelo we-30 Oktobha 2010, kwaye iqela lokuqala leenqununu nootitshala abakhethelwe ukuba bathathe inxaxheba baya kufumana iileta ezibabizela kolu phehlelelo lwephulo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:10:18

Government Gazette Vol. 527, No. 32207  (ubukhulu: 706 KB)