1. Iqela leenqununu zezikolo livakalise ukuba linqwenela ukuba lizivale izikolo ngezi ntsuku 28 ne-29 Apreli 2011 njengoko ezi ntsuku zimbini ziphahlwe ziiholide zikawonke-wonke nge-27 Apreli 2011 nange-1 Meyi 2011.
2. Kufuneka izikolo zenze isicelo kumlawuli wesithili semfundo wazo ukuba zinqwenela ukuvala ngezi ntsuku. Isicelo eso masibonise ukuba liya kubuyiswa nini na ixesha lokufundisa kwaye masihanjiswe kunye neethayimthebhile zezikolo eziza kulandelwa ngezo ntsuku zokubuyisa ixesha elo.
3. Oku kulandelayo yimizekelo mhlawumbi izikolo ezingakhetha ukuyisebenzisa:

  • Ukuqala unyaka wezifundo ka-2011 kwiintsuku ezimbini ngaphambi kosuku lokuvula izikolo, o.k.t. nge-13 Januwari 2011 ootitshala kuze kube yi-17 Januwari 2011 abafundi
  • Ukuphetha ikota yesikolo yokuqala okanye yesibini kwiintsuku ezimbini emva koko
  • Ukusebenzisa iMigqibelo
4. Ukuba izikolo zinqwenela ukuvala izikolo nge-28 nange-29 Apreli 2011, mazingenise izicelo ezibhaliweyo kubalawuli bezithili zemfundo bazo ungadlulanga owe-5 Novemba 2010.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:10:06