1. Inkqubo esetyenziswayo njengangoku yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) yeyokuba makusetyenziswe olona hlobo lufaneleke ngakumbi nolunoqoqosho lweehambo ngomoya okanye ngezithuthi zendlela ukulungiselela iinjongo zaseburhulumenteni.
2. UMgaqo-nkqubo weSebe iWCED uMgaqo-nkqubo ongeeHambo zoMoya, iiHambo ngeNdlela neeNdawo zokuLala ngeeNjongo zezasebuRhulumenteni (jonga IsiHlomelo esihamba naletyhula ) (Policy on Air Travel, Road Transport and Accommodation for Official Purposes) (See attached annexure) wavunywa nguMphathiswa we Phondo (MEC) nge15 Juni 2010.
3. Lo mgaqo-nkqubo ngoku uthatha indawo yeSetyhula 0185 ka-2003 ukususela ngoku.
4. Imibuzo emalunga nalo mgaqo-nkqubo ingathunyelwa kwaba balandelayo:

Mnu JT Solomons ifoni. 021 467 2818
Nks R Daniels ifoni. 021 467 2792
5. Kucelwa wazise bonke abasebenzi okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:22

IsiHlomelo : UMGAQO-NKQUBO ONGEEHAMBO ZOMOYA, IIHAMBO NGEENDLELA NEENDAWO ZOKULALA NGEENJONGO ZEZASEBURHULUMENTENI  (ubukhulu: 52 KB)