ISETYHULA : | 0031/2010 | UMHLA WOKUPHELELWA : | AWUKHO |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO) NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO |
ISISHWANKATHELO ESIFUTSHANE: | Ukuqeshwa kwabasebenzi ababambeleyo benkonzo karhulumente okwexesha elifutshane kumaziko emfundo |
ISIHLOKO: | UKUQESHWA KWABASEBENZI ABABAMBELEYO BENKONZO KARHULUMENTE OKWEXESHA ELIFUTSHANE KUMAZIKO EMFUNDO |
1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liye, kwiminyaka embalwa egqithileyo, lavuma ukuqeshwa kwabasebenzi ababambeleyo abathile abanika inkxaso benkonzo karhulumente okwexesha elifutshane, ngokwemigaqo ekwiCandelo III, leSiqendu G seMimiselo yeNkonzo kaRhulumente ka-2001 (provisions in Part III, Section G of the Public Service Regulations of 2001). Iindleko ezinxulumene naba baqeshwa bongezelelweyo zafakwa kwibhajethi yokuqeshwa kwabasebenzi kwiSebe iWCED. |
2. |
Kodwa ke makuqatshelwe ukuba isibonelelo sokuqeshwa kwabasebenzi ababambeleyo benkonzo karhulumente asingomgqaliselo owenzelwe umthetho (not a legislated prescript), njengoko kunjalo malunga nesibonelelo sokuqeshwa kootitshala bezikolo. |
3. |
Ngelishwa, ngenxa yokuncitshiswa kwebhajethi okukhoyo ngoku nemfuneko yokubeka phambili izinto ezifuneka ngamandla (prioritise) kwinkcitho ejongene nabasebenzi, iSebe iWCED ngokwenjenje lazisa zonke iintloko zamaziko emfundo ukuba, ukususela nge-1 Oktobha 2010, akukho zicelo zabasebenzi ababambeleyo benkonzo karhulumente (kungabandakanywa abo baqeshwe ngemvumelwano (contract appointments) ziya kuqwalaselwa. |
4. |
Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaqeshwa ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:08:31
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|