1. Intshayelelo

UMphathiswa weMfundo, uNks A Motshekga, kutshanje ubhengeze iinguqu kwikharityhulam yezikolo. Ezi nguqu ziya kuphunyezwa ngezigaba ezithathu. Isigaba sokuqala besingo-2010 yaye kwenzeke iinguqu ezingephi kuvavanyo lweNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (NCS). IBhunga laBaphathiswa beMfundo (Council of Education Minsters) likuvumile ngoku ukupapashwa kweenguqu ezicetywayo kwikharityhulam esetyenziswayo njengangoku nakwimigaqo-nkqubo yovavanyo. Yakubanje ivunyiwe le migaqo iya kuphunyezwa kwiSigaba seSiseko ngo-2011, kuze kube kwisiSigaba esiPhakathi, saBadala neseFET ngo-2012.


2. Amaxwebhu omgaqo-nkqubo wekharityhulam

Iinguqu ezicetywayo kumgaqo-nkqubo wekharityhulam ziya kupapashwa nge-1 Septemba 2010 ngenjongo yokuba kwenziwe iikhomenti. Bayakhuthazwa bonke ootitshala neekomiti zolawulo lwesikolo (SMTs) ukuba bangenise iikhomenti zabo kwiSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education) ngale miba ilandelayo:

  1. Ukufundiswa kweelwimi ezimbini kumaBakala R - 3

  2. Ukudityaniswa kweenkalo zokufunda kwiSigaba esiPhakathi

  3. Ixesha elabelwe izifundo kwiSigaba seSiseko, esiPhakathi nesaBadala

  4. Uvavanyo kumaBakala R - 9

  5. Amaxwebhu eNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS)) athatha indawo yawo onke amaxwebhu akhoyo njengangoku ekharityhulam novavanyo

Kuqhotyoshelwe apha uxwebhu olufutshane ngeenguqu ezicetywayo.

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kumisela amaqela eengxoxo kwizithili zemfundo okuxoxa ngamaxwebhu omgaqo-nkqubo ne-CAPS. Yakuba ivunyiwe iCAPS, ikharityhulam nomgaqo-nkqubo wovavanyo, iSebe iWCED liya kuwafaka la maxwebhu kwiziko lewebhu leWCED lize linike izikolo iCD namaxwebhu angamaphepha.


3. Ukuqeqeshwa kwamagosa ezithili zemfundo, amagosa akwaNdlunkulu, iiSMTs nootitshala

Kuya kubanjwa oomasifundisane kwizithili zemfundo ngo-2010 nango-2011. Iprogram kamasifundisane iya kunikwa izikolo ekupheleni kukaSeptemba 2010. Ngo-2010, umasifundisane uya kugxininisa kwiSigaba seSiseko.


4. Izibonelelo zokuxhasa ukufunda nokufundisa (LTSM)

Le LTSM ilandelayo iya kubonelelwa ngo-2010 ukulungiselela ukuba isetyenziswe ngo-2011:

Iincwadi zomsebenzi (Workbooks) zamaBakala 1-6 ziya kubonelelwa mahala kuzo zonke izikolo liSebe leMfundo esiSiseko kuzwelonke. Iinkcukacha malunga nenani lazo nekhontenti yeencwadi zomsebenzi ziya kunikwa izikolo zeNtshona Koloni ngo-Oktobha 2010.

Izikim zokufunda ezikhethiweyo kwisiNgesi zeSigaba seSiseko ziya kubonelelwa kuzo zonke izikolo ezifundisa isiXhosa njengolwimi lokufunda nokufundisa (LOLT) kwiSigaba seSiseko. ISebe iWCED liya kubonelela ngeencwadi zokufunda ii-English FAL reading schemes kumaBakala 1 - 3 kwizikolo ezifundisa ngesiXhosa ukuncedisa ukuqaliswa kwe-FAL njengesifundo ukususela kwiBakala 1. Nangona kunjalo, zikwakhuthazwa izikolo ukuba zithenge iLTSM yazo kwisabelo-mali sazo ngokwemigangatho yolwabiwo-mali ukwenzela ukuncedisa ezi zikim zokufunda. Ukuba ufuna iinkcukacha ngezi ncwadi zokufunda, kucelwa uqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam wakho weSigaba seSiseko.

Izikim zokufunda (Reading schemes) zamaBakala 1 - 6 kuLwimi lweeNkobe zesikolo ngasinye ziya kuthunyelwa kwizikolo eziyi-250 ezikwiiprogram zoqeqesho ze-Lit/Num ngo-2011. Ukuba ufuna ingcaciso malunga nezi program ukwenzela ukuba ucwangcisele u-2011, okanye uzithenge, xa ungesiso isikolo esikhethiweyo, kucelwa uqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam wakho weSigaba seSiseko.

Iincwadi zezifundo zeMathematika zabafundi bamaBakala 4, 5, 6 no-7 ziya kunikwa zonke izikolo. ISebe iWCED likhethe iitayitile zeencwadi eziza kubonelelwa. Nakuba kunjalo, ukuba sele uyi-odole le ncwadi kufuneka wazise umcebisi ngezekharityhulam wakho weSigaba esiPhakathi kwaye uya kunikwa ithuba loku-odola enye incwadi yesifundo (textbook) exabiso lifanayo naleyo yaye oku kuya kubonelelwa liSebe iWCED.


5. Ezi nguqu ziya kuqaliswa ngo-2011, zenza ukuhlenga-hlengiswa ngokutsha kwekharityhulam ngenjongo yokuqinisekisa ukuba amaxwebhu asebenziseka lula kwaye akhuthaza ngakumbi umoya wokufunda, ukubhala nokubala. Ukuqaliswa kweenguqu ukususela ngo-2011 ukubheka phambili makubonwe njengenkqubo ingabi sisiganeko esithile. Kwenziwe zonke iinzame ukuhlangabezana nemiba ephakanyiswe ngootitshala ngethuba lenkqubo yerivyu. Sikhuthaza bonke ootitshala, amagosa ezithili zemfundo nabanye abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo ukuba basebenze ngobambiswano ekuqinisekiseni ukuphunyezwa ngempumelelo, ngokwakhayo nangokunenzuzo kwezi nkqubo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:08:24

IINGUQU EZICETYWAYO  (ubukhulu: 14 KB)