1. Uye wahlaziywa umgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi okwiSetyhula 0040/2004 ukwenzela ukuba ubandakanye iinkcukacha eziyimfuneko zolawulo ngokuchanekileyo nokwenziwa ngexesha kokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo eNtshona Koloni.
2. Lo mgaqo-nkqubo uqhotyoshelweyo nemigaqo yawo, uthatha indawo yeSetyhula 0040/2004, kwaye usebenza kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zaseNtshona Koloni ukususela nge-1 Januwari 2011.
3. Lo mgaqo-nkqubo mawufundwe kunye noMgaqo-nkqubo ongoKuhamba iSikolo kwaBafundi.
4. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zincede ziwunike lo mgaqo-nkqubo onke amaqela achaphazelekayo ngakumbi ootitshala nabasebenzi abasezikolweni namalungu ebhunga lolawulo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:08:24

UMGAQO-NKQUBO WESEBE I-WCED WOKWAMKELWA NOKUBHALISWA KWABAFUNDI KWIZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO  (ubukhulu: 86 KB)