ISETYHULA : | 0024/2010 | UMHLA WOKUPHELELWA : | AWUKHO |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUMASEKELA BALAWULI, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZESEKETHE, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM NAKWIINTLOKO ZAWO ONKE AMAZIKO ESEBE I-WCED |
ISISHWANKATHELO ESIFUTSHANE: | Ukwaziswa kwabahlali bezikolo ngeenjongo zePhulo lokuFunda nokuFundisa okuseMgangathweni (Quality Learning and Teaching Campaign (QLTC)) |
ISIHLOKO: | IPHULO LOKUFUNDA NOKUFUNDISA OKUSEMGANGATHWENI |
|
IPhulo lokuFunda nokuFundisa okuseMgangathweni (Quality Learning and Teaching Campaign (QLTC)) libongoza bonke abantu nemibutho ukuba bathathele kubo uxanduva lokuphucula umgangatho wemfundo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lilamkela ngokupheleleyo eli phulo. Injongo yephulo le-QLTC kukuba
- lazise abemi ngokubaluleka kwemfundo, indima yabo, uxanduva neembopheleleko zabo kwinkqubo yezemfundo;
- ligaye inkxaso ngamandla kubahlali ukuba babeke esweni baze baxhase izikolo, ootitshala nabafundi; nokuba
- liphucule imfundo yabo bonke abantwana, ngakumbi abo bathwaxwa yintlupheko, nokuba likubonise oku kuphuculwa komgangatho ngokuthi abafundi bazuze impumelelo engcono.
|
|
Ukufikelela kwimfundo esemgangathweni ngumntu wonke kuxhomekeke kumanyathelo amagosa esebe, kwiinqununu zezikolo, kootitshala, kubafundi, kubazali nakubahlali. Ngamnye waba uyabongozwa ukuba azibophelele kuMgaqo weMfundo eseMgangathweni (Code for Quality Education), ochaza imisebenzi nendlela yokuziphatha efunekayo kubo. Lo Mgaqo weMfundo eseMgangathweni uqhotyoshelwe apha kolu xwebhu. |
|
Le setyhula luphawu lokuphehlelelwa ngokusesikweni kweli phulo eNtshona Koloni. Abalawuli neenkokeli zesikolo ngasinye nezesithili semfundo ngasinye, bayacelwa ukuba babelane nabahlali bezikolo zabo ngale ngcaciso nokuba banike inkxaso uMgaqo weMfundo eseMgangathweni kuzo zonke izicwangiso zethu nakuwo onke amanyathelo ethu. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:07:07
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|