1. Le setyhula ilandela indawo yeNgcaciso eMfutshane yeCandelo loVavanyo 0019/2009, eyacela izikolo ukuba zingenise iikhomenti ngethayimthebhile yeemviwo zeSatifikethi seMatriki zika-Oktobha-Disemba 2010. Ngenxa yeekhomenti ezafika zivela kumasebe emfundo amaphondo, kubathathi-nxaxheba kwezemfundo kuzwelonke nakwimibutho yezenkolo, kuye kwafuneka ukuba iSebe leMfundo esiSiseko lifakele izilungiso kwithayimthebhile eyayithunyelwe nengcaciso emfutshane ekhankanywe apha ngasentla.
2. Iimviwo zeComputer Applications Technology (CAT) Speed Test (osenza ngokuzithandela), iComputer Applications Technology iPhepha 1 (iPraktikhali) ne-Information Technology (IT) IPhepha 1 (iPraktikhali) ziya kubhalwa nge-13, 14 nange-15 Oktobha 2010 ngokulandelelanayo.
3. Abaviwa abangazenziyo izifundo ze-CAT kunye/okanye i-IT kufuneka baye esikolweni nge-13, 14 nange-15 Oktobha 2010.
4. Ukufunda nokufundisa kwesiqhelo makuqhubeke kude kube nge-15 Oktobha 2010, ukwenzela ukuqinisekisa ukufumaneka kwexesha lokufundisa elininzi kangangoko kunokwenzeka. Ukuqalela nge-18 Oktobha 2010 abafundi beBakala 12 bonyaka ka-2010 bangavunyelwa ukuba bafundele ekhaya ukuzilungiselela ukubhala iimviwo ze-NSC.
5. Iimviwo eziphambili ziqala nge-25 Oktobha 2010 ziphele nge-3 Disemba 2010.
6. Zimbini iiseshoni zoviwo ezicwangciselwe usuku ngalunye. Iseshoni yakusasa iya kuqala ngo-09:00 ize iseshoni yasemva kwemini iqale ngo-14:00.
7. Ngokumalunga nokuvunyelwa kwabaviwa bangene kwigumbi loviwo, abagadi babaviwa mabaqinisekise ukuba ngamnye umviwa ubonisa ileta yakhe yokuvunyelwa ukungena kwakunye nesazisi sakhe. Abagadi babaviwa mabawunyanzelise ngokungqongqo lo mqathango oyimfuneko wokuvunyelwa kwigumbi loviwo. Nakuba kunjalo, umviwa ongaphumeleliyo ukuveza uxwebhu oluyimfuneko (amaxwebhu ayimfuneko) okungena kwigumbi loviwo makangathintelwa ukuba abhale olo viwo luthile. Umviwa ochaphazelekayo makaveze uxwebhu olufunekayo (amaxwebhu afunekayo) ngosuku olulandelayo. Ukuba loo mviwa akaphumeleli ukuveza uxwebhu olungekhoyo olufunekayo (amaxwebhu angekhoyo afunekayo) ngosuku olulandelayo, oko makwaziswe njengesitenxo ze kulandelwe inkqubo eqhelekileyo ephathelele kwizitenxo.
8. Iinqununu mazixelele abaviwa ukuba iimviwo zokuxabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ziya kubhalwa ngoFebruwari-Matshi 2011, kwaye mazingabhidaniswa neeMviwo zeSatifikethi seMatriki zangoMeyi-Juni 2011.
9. Okufakwe apha yikopi yethayimthebhile yokugqibela ka-2010 yeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.
10. 10. Kucelwa iinqununu nabaphathi bamaziko baxele onke amaxesha angqubanayo kwithayimthebhile (clashes) kwiSebe iWCED. Ezo ngxelo mazingeniswe ngeleta ebhaliweyo ungadlulanga uLwesihlanu, we-14 Meyi 2010, kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr TJ Magwaca (Room 5-27)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000

Ifeksi: 021 461 5637
Idilesi ye-imeyili: tmagwaca@pgwc.gov.za

11. Kufuneka iinqununu zazise bonke abaviwa ababhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ukuba mabanxibe iyunifom yesikolo sabo xa bebhala uviwo ngalunye, nokuba mabasoloko befumaneka kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo (10 Disemba 2010), ukwenzela ukuba xa kuthe kwakho imfuneko, ngenxa yaso nasiphi na isizathu, yokuba kutshintshwe ixesha lokubhalwa kwephepha loviwo elithile.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-17

"Final Examination Timetable: 2010 National Senior Certificate Examinations"  (ubukhulu: 45 KB)