1. Fumana ikopi yethayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zokuXabangela zeMatriki zikaFebruwari/Matshi wama-2010.
2. Iimviwo zokuXabangela ze-NSC zicwangciselwe ukuqala ngowe-11 Februwari 2010 zize zigqitywe ngowe-25 Matshi 2010.
3. Zimbini iiseshoni ezicwangciselwe usuku ngalunye. Iiseshoni zakusasa nezasemva kwemini ziya kuqala ngo-09:00 nango-14:00 ngokulandelelanayo.
4. Iifom zokubhalisela iimviwo zokuxabangela ziya kuthunyelwa kubo bonke abaviwa abakulungeleyo ukuhlalela iimviwo nje emva kokuba zikhutshiwe iziphumo. Iifom zokubhalisa ezizalisiweyo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:

Directorate: Examinations Administration
Attention: Mr L Van Gensen
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000

Iifomu zokubhalisa ezizalisiweyo zisenokuziswa ubuqu apha:

WCED Call Centre,
Grand Central Towers: 2nd Floor
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
5. Umhla wokuvala ukubhalisela uviwo lokuxabangela (supplementary examination entries) nguLwesihlanu, wama-22 Januwari 2010. Ziyacelwa iinqununu zezikolo nabaviwa ukuba bawulandele ngqo lo mhla, njengoko ukubhalisela uviwo sewugqithile umhla wokuvala kungayi kuvunyelwa.
6. Kuya kusekwa amaziko okubhalela iimviwo zokuxabangela kwizikolo eziziisekondari nakumanye amaziko njengoko kumiselweyo lisebe lemfundo. Ukuba isikolo asifumaneki njengeziko lokubhalela uviwo lokuxabangela, inqununu mayazise umphathi weze-IMG wayo engagqithanga uLwesihlanu wama-22 Januwari 2010, ukwenzela ukuba kwenziwe amalungiselelo eziko elingelinye lokubhalela uviwo.
7. Kwa-aba bagadi babaviwa baziintloko banye bekunye nabagadi babaviwa ababebandakanyekanga ekuqhutyweni kweemviwo ngoNovemba 2009 zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke baya kusetyenziswa ukugada olu viwo, njengoko kukhankanyiweyo kwiimvumelwano ezisayiniweyo zabo.
8. Makaqinisekise umgadi wabaviwa oyintloko ukuba abaviwa bangena kwiziko lokubhalela uviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa uviwo elisemthethweni leseshoni yoviwo. Eli xesha liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo:
8.1 Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo ezichanekileyo, ukukhupha amaphepha emibuzo, njl. njl.
8.2 Kwimizuzu eyi-10 eseleyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo.
8.3 Ukubhala okanye ukwenza iinowutshi akuvumelekanga ngalo naliphi na ixesha kwithuba lemizuzu engama-35. Ukophulwa kwalo mthetho kuya kuthathwa njengesitenxo (an irregularity).
8.4 Abaviwa mabagqibe ukubhala ngexesha eliboniswe kwithayimthebhile yoviwo.
9. Iinqununu zezikolo ziyacelwa okokuba zazise okubhalwe kule setyhula kubo bonke abaviwa ababhale iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngoNovemba 2009.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:01:05

Supplementary Examination: Timetable  (ubukhulu: 32 KB)