1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke lenze isibhengezo kwiSetyhula S1 yange-8 Apreli 2010, sokuba ii-CTAs zeBakala 9 ziphelisiwe ukuqalela ngoku nokuba amasebe emfundo amaphondo adluliselwe amagunya okuba amisele uhlobo lovavanyo oluya kwenza i-25% yekhomponenti yangaphandle (external component) yamanqaku okupasa eBakala 9.
2. Zonke izikolo eNtshona Koloni ezifundisa iBakala 9 mazizisetele amaphepha emibuzo yeemviwo azo ukulungiselela uNovemba 2010. Ezi mviwo ziya kwenza i-25% yamanqaku okupasa. Luxanduva lootitshala beenkalo zezifundo ezahlukeneyo ukuseta amaphepha emibuzo yeemviwo naya kumodareyithwa ziiNtloko zeZifundo ezifanelekileyo.
3. Ukuncedisa izikolo, abacwangcisi bezekharityhulam beSebe iWCED, baya kunika izikolo amaphepha emibuzo eemviwo ayimizekelo kwiveki yokuqala kwikota yesikolo yesithathu. Ukuba unqwenela oku, unako kwakhona ukucela umcebisi ngezekharityhulam akuncedise ekuseteni nasekumodareyitheni amaphepha emibuzo yeemviwo.
4. ISebe iWCED likhuthaza zonke izikolo ukuba ziyisebenzise ikota yesine ngokupheleleyo ekufundiseni, ekufundeni naserivayizeni.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-10