ISETYHULA : | 0018/2010 | UMHLA WOKUPHELELWA : | AWUKHO |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KWIINQUNUNU ZAZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO ZIKARHULUMENTE |
ISISHWANKATHELO ESIFUTSHANE: | Ukusetyenziswa kweefom zokukhusela isikolo kubutyala nezemvume yomzali |
ISIHLOKO: | IIFOM ZEMVUME YOMZALI (Parental Consent Forms) |
1. |
Izikolo ezilungiselela iihambo zokuphuma kwabafundi kufuneka zicele abazali basayine ifom ekhusela isikolo kubutyala (indemnity form). |
2. |
Ukusetyenziswa kwezi fom akunakuthintela ilungelo lomntwana ngokusemthethweni lokufuna imbuyiselo ngomonakalo xa kuye kwakho ingozi okanye isehlo apho umntwana ololu hlobo afumana ukwenzakala emzimbeni ngethuba lohambo lokuphuma nesikolo. Ngako oko ke iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) alikucebisi ukusetyenziswa kwee -indemnity forms. |
3. |
Nakuba kunjalo, isikolo masifumane imvume yomzali okanye yomgcini womfundi (guardian) phambi kokuba umfundi ashiye amasango esikolo ukuya kuhambo lokuphuma nesikolo. Ukulungiselela le njongo kufuneka zonke izikolo zeSebe iWCED zisebenzise ifom yemvume yomzali. Ikopi eqhotyoshelweyo ngumzekelo izikolo ezingathanda ukuwusebenzisa. |
4. |
Kucelwa uqaphele ukuba ukusetyenziswa kwale fom yemvume ekhankanywe apha ngaphambili akusikhuphi isikolo nootitshala kubutyala obubangelwe kukungakhathali okwenziwe ngabo. |
5. |
Makuzaliswe ifom yemvume yomzali ngomfundi ngamnye yaye nangexesha ngalinye isikolo sithatha uhambo lokuphuma. Izikolo mazingaze zicele umzali okanye umgcini womfundi ukuba azalise ifom ibe nye ukwenzela ukuba isebenze kuzo zonke iihambo zokuphuma zonyaka. |
6. |
Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-04-13
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|