1. IIMFUNO ZOKUQHUBELA PHAMBILI NOKUPASA (PROGRESSION AND PROMOTION REQUIREMENTS) KUMABAKALA 1 - 9
1.1 Lo mgaqo-nkqubo iNational Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the GET Band (IGazethi kaRhulumente No. 29626 ka-2007) ucacisa iimfuno zokuqhubela phambili kumaBakala 1 - 8, nezokupasa kwiBakala 9.
1.2 ISetyhula yeWCED 0030/2009 yacacisa ukuba iimfuno ezintsha zokuqhubela phambili nokupasa (new progression and promotion requirements) ezazipapashwe kwiSetyhula 0018/2009, ziya kuhlehliswa (postponed) de kube ngu-2010. Kwaphinda kwacaciswa nokuba iGazethi kaRhulumente 29626 iyajongisiswa kwakhona nayo.
1.3 Kucelwa niqaphele ukuba iimfuno zokuqhubela phambili nokupasa ezikhoyo njengangoku, njengoko zicaciswe kwiGazethi kaRhulumente No 29626, ziya kusetyenziswa ngo-2010.
2. UKUPHELISWA KWEMISEBENZI EQHELEKILEYO YOVAVANYO KWIBAKALA 9 (GRADE 9 COMMON TASKS FOR ASSESSMENT (CTA)
2.1 IGazethi kaRhulumente No 32836: Implementation of the recommendations of the task team appointed to review the implementation of the National Curriculum Statement Grades R - 12, icacisa ithi ii-CTA kwiBakala 9 ziphelisiwe (have been discontinued) ukuqalela ngoku.
2.2 Endaweni yee-CTA zeBakala 9, izikolo zePhondo leNtshona Koloni ziya kuqhubeka neeprogram zazo zovavanyo lwangaphakathi (internal programmes of assessment) zize ziqhube ezazo iimviwo zangaphakathi (internal examinations) kuzo zonke iinkalo zezifundo kwiBakala 9.
2.3 Iimviwo zangaphakathi zeBakala 9 eziza kuqhutywa ngeKota yesi-4 mazibe namanqaku athi enze i-25% yamanqaku ewonke kwinkalo yesifundo nganye.
2.4 Iimvavanyo ezimiselweyo (formal assessment) kwiBakala 9 eziqhutywa ngeeKota 1 -3 ziya kwenza i-75% yamanqaku ewonke kwinkalo yesifundo nganye.
2.5 Amaxwebhu emakhilisti (mark list) ehlaziyiweyo akwikhompyutha (revised electronic versions) yeBakala 9 aya kwenziwa afumaneke kwakamsinya kuzo zonke izikolo ezikwiziko lewebhu leCEMIS phantsi kwesihloko esithi Reports and Assessments.
3. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala, abazali, nabanye abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:04:09

iGazethi kaRhulumente No 29626 of 2007: National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the GET Band
(ubukhulu: 891 KB)