1. Uxwebhu olufakelwe izilungiso oluyi-Regulations on the Conduct, Administration and Management of Assessment of the Senior Certificate Examinations luvumela ukubhalwa kweemviwo zeMatriki ukususela ngo-2008 ukuya kutsho ngo-2011.
2. Apha kuqhotyoshelwe ithayimthebhile yabaviwa abangesosigxina (part-time candidates) abaya kuba bebhala iimviwo ngo-Apreli - Juni 2010.
3. Ezi mviwo ziqala ngowe-13 Apreli 2010 ziphele ngowe-08 Juni 2010.
4. Kwiintsuku ezininzi zokubhalwa kweemviwo kuya kubakho iseshoni yoviwo ibe nye kuphela ngosuku, o.k.t. yoba yiseshoni yasemva kwemini eqala ngo-14:00.
5. Amaziko eemviwo ekuza kubhalelwa kuwo iimviwo zeMatriki aya kwabiwa ngokweendawo ekuye kwagqitywa ngazo liSebe leMfundo leNtshona Koloni.
6. Umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba abaviwa bangena kwindawo yokubhalela uviwo kwimizuzu engama-30 phambi kwexesha lokuqala ngokusesikweni kweseshoni yoviwo. Le mizuzu ingama-30 mayisetyenziswe ngolu hlobo lulandelayo:
6.1 Imizuzu yokuqala engama-20 mayisetyenziselwe ukuhlalisa kakuhle abaviwa kwizitulo zabo ezichanekileyo, ukuhambisa amaphepha emibuzo, njl. njl.
6.2 Kwithuba lemizuzu eli-10 eshiyekileyo abaviwa kufuneka bawafunde onke amaphepha abo emibuzo.
7. Akuvumelekanga ukubhala okanye ukwenziwa kweenowutsi ngalo naliphi na ixesha ngeli thuba lemizuzu engama-30. Ukutyeshelwa kwalo mqathango kuya kuthathwa njengesitenxo.
8. Abaviwa mabagqibe ukubhala bangagqithisi kwixesha elibonisiweyo kwi-thayimthebhile yoviwo.
9. Uyacelwa ukuba wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaviwa abanenjongo yokubhala iiMviwo zeMatriki ngo-Apreli-Juni 2010.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:03:19

"Final Senior Certificte Examination Timetable, April-June 2010"  (ubukhulu: 50 KB)