1. INTSHAYELELO
1.1 Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0039/2006.
1.2 Ukwenzela ukuba kwaziswe izikolo ngeziphumo zezicelo zazo zokwandisa okanye zokunciphisa inani lamabakala okanye lezifundo, okanye zokutshintsha ulwimi lwazo lokufundisa, kuye kwaba yimfuneko ukuba kutshintshwe inkqubo ekhoyo nesebenzayo ngoku. Le nkqubo intsha iya kuqinisekisa ukuba izikolo ezenza izicelo ziya kubanako ukugqibezela izicwangciso zazo zonyaka wezifundo olandelayo ekuqaleni kwekota yesine.

2. UMHLABA OZA KUFIKELELWA
2.1 Le setyhula isebenza kuzo zonke izicelo zokwandisa okanye zokunciphisa inani lamabakala okanye lezifundo okanye zokutshintsha ulwimi lokufundisa kumaBakala R ukuya kwiBakala 12 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo kubandakanywa izikolo ezitsha.
2.2 Xa isikolo sisenza isicelo sotshintsho oluza kwenziwa ngethuba elithile umzekelo ukuqaliswa kweBakala 10 ngo-2011, iBakala 11 ngo-2012 neBakala 12 ng-2013, makuzaliswe ifom yesicelo entsha kunyaka ngamnye. Oku kuya kubangela ukuba iSebe iWCED libale kunyaka ngamnye isabelo sesikolo ngqo (specific school's allocation) ngokumalunga nokwabelwa ootitshala, imali eyabelwa isikolo ngokwemimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali, izibonelelo ezincedisa ukufunda nokufundisa (LTSM) zonyaka olandelayo.
2.3 Isicelo sokwandisa okanye sokunciphisa inani lamabakala okanye izifundo okanye sokutshintsha ulwimi lokufundisa makuxoxwe ngaso nomphathi wekomiti yesekethe yaye makuqwalaselwe zonke iziphumo eziya kuzalwa siso.
2.4 Apho isikolo singayi kufundisa ibakala okanye isifundo esithile kwixa elizayo, makwenziwe amalungiselelo nomphathi weze-IMG ochaphazelekayo ukuba kunikezelwe izixhobo ezingaphezu kwemfuneko neLTSM apho ziya kufuneka khona.
2.5 Inqununu mayingenise ifom yesicelo (kwiCandelo A lefom yesicelo iWCED 092) kumphathi weze-IMG wesikolo ungadlulanga owe-30 Apreli wonyaka ongaphambili.
2.6 ISebe iWECD liya kwazisa isikolo ngasinye ngeziphumo zesicelo saso ungadlulanga umhla we-31 Agasti.
2.7 Enkosi ngentsebenziswano yakho kulo mba.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:03:04

"WCED 092 Application Form"  (ubukhulu: 20 KB)