1. Kwaziswa bonke abaqeshwa, ingakumbi iinqununu nabaphathi, ukuba isistim yePesali ayizi kusebenza ukususela ngo-16:00 nge-18 Februwari 2009 de kube nge-27 Februwari 2009 (iintsuku zomsebenzi ezisi-7) ukulungiselela iinjongo zokubalwa kwakhona kwerhafu (tax recalculation purposes). Ngako oko ke imivuzo yokongezelela elandelayo (next supplementary run) iya kukhutshwa nge-2 Matshi 2009.
2. Njengoko iSebe leMfundo leNtshona Koloni lingayi kubanako ukulungisa nayiphi na imivuzo ngeli thuba, kucelwa zonke iintloko zamaziko emfundo ukuba zingenise ngokukhawuleza amagama abo batyunjelwe (nominations) ukuqeshwa kwizithuba zenkonzo karhulumente nakwezootitshala.
3. Kucelwa wazise okukule setyhula onke amaqela achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-NA DANIELS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:10