1. |
Olu xwebhu lucacisa umgaqo-nkqubo wekhefu lokugula kwaye lusebenza njengoxwebhu lokwenza iinqununu, iisuphavayiza nabaqeshwa (ootitshala nabaqeshwa benkonzo karhulumente) bakwazi ukulawula ikhefu labo lokugula ngempumelelo engaphezulu. Lumele ukuthathwa njengoluncedisa iSetyhula 57/2003 engekhefu lokugula.
|
2. |
Ikhefu lokugula lahlula-hlulwe langala macandelo alandelayo:
|
2.1 |
Ikhefu lokugula eliqhelekileyo
|
2.2 |
Ikhefu lokungaphili okwethutyana (Ithuba elifutshane: iintsuku eziyi-29 okanye ngaphantsi)
|
2.3 |
Ikhefu lokungaphili okwethutyana (Ithuba elide: iintsuku eziyi-30 okanye ngaphezulu)
|
2.4 |
Ikhefu lokungaphili isigxina
|
3. |
IKHEFU LOKUGULA ELIQHELEKILEYO
|
3.1 |
Abaqeshwa banelungelo lekhefu lokugula leentsuku eziyi-36 behlawulwa umvuzo opheleleyo kumjikelo weminyaka emithathu. (Umjikelo wekhefu lokugula osebenzayo ngoku uqale nge-1 Januwari 2007 - 31 Disemba 2009).
|
3.2 |
Ikhefu lokugula elingasetyenziswanga liyaphelelwa ekupheleni komjikelo weminyaka emithathu yaye alinako ukuba ligqithiselwe kumjikelo omtsha.
|
3.3 |
Abaqeshwa abathe, ngenxa yokugula ngokuqubulisileyo, abakwazi ukuya emsebenzini, mabazise inqununu okanye isuphavayiza yabo ngokumalunga noku lusaqala usuku lomsebenzi. Oku kuya kwenza ukuba kube nako ukwenziwa amalungiselelo angamanye okugcina ithayimthebhile yokufundisa isebenza kakuhle okanye inkonzo iqhutywa kakuhle. Ziyakhuthazwa iinqununu neesuphavayiza ukuba zimisele iimfuno ezinemiqathango ngokumalunga noku, zibambisane kunye nabaqeshwa abaphantsi kwazo.
|
3.4 |
Njengomgaqo, mawuphetshwe umkhwa wokungenisa incwadi kagqirha ebhalwe umhla osewugqithile (backdated medical certificates).
|
3.5 |
Umqeshwa okumjikelo wekhefu lakhe lokugula leentsuku eziyi-36 nobengekho emsebenzini izihlandlo ezingaphezulu kwezibini kwithuba leeveki ezisi-8, kufuneka, kungakhathaliseki nokuba ithuba lokugula okanye lokwenzakala lithathe ixesha elingakanani na, angenise incwadi kagqirha emva kwesihlandlo sesithathu engekho emsebenzini. Le ncwadi mayichaze ukuba umqeshwa lowo ebengenako ukusebenza ngelo thuba lezihlandlo ezithathu ebengekho emsebenzini ngenxa yokugula okanye yokwenzakala. Ukuba incwadi kagqirha elolo hlobo ayingeniswanga, elo thuba lezihlandlo ezithathu lokungabikho emsebenzini liya kubuyiswa ngokuthi lixhuzulwe kwikhefu leholide lesiqhelo (normal vacation leave) kunye/okanye kwikhefu lonyaka (annual leave) (ngemvumelwano nomqeshwa) okanye, kungenjalo, ngekhefu elingahlawulelwayo.
Ithuba leeveki ezisi-8 ekubhekiselelwe kulo apha ngasentla liya kuba lithuba elibalwa ngokwekhalenda kwaye liya kuqala ngosuku lokuqala lokungabikho emsebenzini komqeshwa ngenxa yokugula okanye yokwenzakala. Nalo naluphi na usuku olulandelayo lokungabikho ngenxa yokugula okanye yokwenzakala emva kwethuba leeveki ezisi-8 ezikhankanywe apha ngasentla maluthathwe ke ngoko njengosuku lokuqala lwethuba elilandelayo leeveki ezisi-8.
ISebe iWCED lisenokucela ukuba kungeniswe incwadi kagqirha ukuxhasa naso nasiphi na isicelo sekhefu lokugula (nokuba ngaba ngamathuba angaphantsi kweentsuku ezi-3), ukuba iimeko zingqinela ukuba kufanele kungeniswe incwadi elolo hlobo.
|
3.6 |
Zonke izicelo zekhefu lokugula okubangelwa lulo naluphi na uphazamiseko lwengqondo olunjengokudandatheka (depression) okanye ukuphaphazela (anxiety attacks) zingangeniswa zihamba kunye nencwadi kagqirha ekhutshwe ngugqirha onyanga izifo eziqhelekileyo (general practitioner) kuphela emva kokuxilongwa okokuqala ngugqirha. Kufuneka ke ngoko ugqirha onyanga izifo eziqhelekileyo amdlulisele umqeshwa lowo kwisakhayatristi (psychiatrist) ukuba afumane unyango olungaphezulu. Ayamkelekanga incwadi kagqirha onyanga izifo eziqhelekileyo apho ithuba loxinzelelo okanye lodandatheko lingaphezu kweentsuku ezimbini.
|
3.7 |
Kwiimeko apho kukho umkhwa osewuqapheleka ongabonisa ukusetyenziswa gwenxa kwekhefu lokugula, umzekelo, ukungabikho ngeMivulo, ngooLwezihlanu, ngeentsuku zokwamkela okanye ngeentsuku ezithile zeveki, angacelwa umqeshwa ukuba angenise incwadi kagqirha yekhefu lokugula elingaphantsi kweentsuku ezintathu emva kokuba lo mkhwa wenzeke izihlandlo ezingaphezu kwezithathu.
|
3.8 |
Kwiimeko apho iSebe iWCED lifumana izicelo zekhefu zamathuba aziintsuku ezintathu okanye ngaphezulu nezingenayo incwadi kagqirha, iintsuku ezimbini ziya kunikwa njengekhefu lokugula elihlawulelwayo ngokupheleleyo lize ithuba elishiyekileyo lithathwe njengekhefu elingagunyaziswanga angayi kuhlawulwa ngalo.
|
3.9 |
Kwiimeko apho ithuba lekhefu lokugula eliceliweyo ligqithileyo kwelo licetyiswe ngugqirha, makufunyanwe enye incwadi kagqirha eza kufaka nelo thuba lekhefu lokugula landisiweyo, kungenjalo elo thuba landisiweyo liya kuthathwa njengekhefu elingahlawulelwayo.
|
3.10 |
Ngazo zonke iintsuku ezili-15 ezilandelelanayo zekhefu elithathiweyo elingahlawulelwayo, ilungelo lokufumana ikhefu lokugula lomqeshwa licuthwa nge-1/36th (ngosuku olunye) yomjikelo wekhefu kwimeko yootitshala ize ibe yi-1/72nd (isiqingatha sosuku) kwimeko yabaqeshwa benkonzo karhulumente.
|
3.11 |
Ukuba utitshala okwiziko elithile usekhefini eligcinelwe ukuze lihlawulwe (capped leave), okanye ngutitshala ose-ofisini osekhefini eligcinelwe ukuze lihlawulwe okanye ikhefu lonyaka, okanye umqeshwa wenkonzo karhulumente osekhefini lonyaka okanye osekhefini eligcinelwe ukuze lihlawulwe uthi agule ngethuba lekhefu lonyaka okanye lekhefu eligcinelwe ukuze lihlawulwe, unokwenza isicelo sokuba alifumane elo thuba lekhefu lokugula okanye sokuba elo khefu ligcinelwe ukuze lihlawulwe litshintshelwe kwikhefu lokugula. Kwiimeko ezinjalo, kufuneka kungeniswe incwadi kagqirha obhaliswe ngokusemthethweni zingadlulanga iintsuku ezintathu eqalile kwakhona emsebenzini.
|
4. |
IKHEFU LOKUNGAPHILI LETHUTYANA: PILIR
Kucelwa ufunde iSetyhula 0045/2006, ye-1 Septemba 2006.
|
6. |
UKUNGENISWA KWAMAXWEBHU NESIKHOKELO NGOKUBANZI
|
6.1 |
Zonke izicelo zekhefu lokugula eziwela phantsi kwelungelo lokufumana ikhefu lokugula leentsuku eziyi-36 mazibhalwe kwifom Z1(a) (zihambe nencwadi kagqirha eqhotyoshelwe kuzo (zihamba neencwadi zoogqirha eziqhotyoshelwe kuzo), xa kukho imfuneko yoko). Umgaqo ngokubanzi wokuba, izicelo zekhefu lokugula kufuneka, apho kunako, zingeniswe kwangaphambili, okanye zingadlulanga iintsuku ezisixhenxe zomsebenzi zosuku lokuqala lokungabikho, mawuthotyelwe ngawo onke amaxesha.
|
6.2 |
Iinqununu neesuphavayiza mazithumele iifom zekhefu ezizalisiweyo kwii-ofisi zabaqeshwa ezichaphazelekayo kwaNdlunkulu ukuze zisingathwe zingadlulanga iintsuku ezilishumi elinesine zamkelwe iifom zesicelo sekhefu.
|
6.3 |
Iifom zesicelo sekhefu mazingagcinwa zide zibe yimfumba, koko mazithunyelwe kwaNdlunkulu ngoko nangoko. Le nkqubo iya kwenza kube lula ukulawula ikhefu labasebenzi ngendlela eyiyo kwaye yenze ukuba iSebe iWCED likwazi ukunika irekhodi echanekileyo yekhefu labaqeshwa nanini na. ISebe iWCED lingayimangalela inqununu okanye isuphavayiza ngokuziphatha kakubi ukuba iye yasilela ukuthobela lo myalelo.
|
6.4 |
Izicelo zekhefu mazizaliswe zithunyelwe ngokuphindwe kabini (in duplicate) kwaNdlunkulu ngenjongo yokuba ziqwalaselwe. Ikopi yesithathu yefom ezalisiweyo mayigcinwe yinqununu yomenzi-sicelo okanye yisuphavayiza ukulungiselela iinjongo zeerekhodi.
|
6.5 |
Iinqununu neesuphavayiza mazigcine irejista yekhefu labaqeshwa ukuze zikwazi ukulawula nokubeka esweni indlela abaqeshwa bazo abalithatha ngayo ikhefu.
|
6.6 |
Izicelo zekhefu ezibhalwa kwifom Z1(a) mazisayinwe ngumqeshwa owenza isicelo sekhefu size isiqendu esithi 'Recommendation by Supervisor/Manager sisayinwe yinqununu okanye yisuphavayiza.
|
6.7 |
Kwimeko apho inqununu okanye isuphavayiza ingasivumiyo isicelo sekhefu lokugula, mayinike izizathu umqeshwa lowo uchaphazelekayo kunye neSebe iWCED.
|
7.1 |
Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaqeshwa abakwiziko, abase-ofisini okanye kwicandelo lakho, kwakunye nabo basekhefini, uze ubacele ukuba bayisayine baze babhale nomhla abalufunde ngawo olu xwebhu njengobungqina bokuba bakuqaphele okubhalwe kulo.
|
7.2 |
Apho kukho imfuneko yoku, amagosa eSebe iWCED aya kufumaneka, xa eceliwe, ukuba aze kuqhuba oomasifundisane okanye iiseshoni zoqeqesho kwiinqununu, kwiisuphavayiza okanye kubaqeshwa ngokumalunga nomgaqo-nkqubo wekhefu lokugula.
|
ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:12:17
|