1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni laye lanazisa ngalo mgaqo-nkqubo ukhankanywe apha ngasentla ngale Setyhula 0045/2006 ye-1 Septemba 2006.
2. Njengoko sele kutshiwo kwisetyhula ekhankanywe apha ngasentla, umqeshwa (ongutitshala nongowenkonzo karhulumente, bobabini) banelungelo lekhefu lokugula leentsuku eziyi-36 kumjikelo weminyaka emithathu (lo mjikelo ukhoyo ngoku uqalela ku-2007 ukuya kutsho ku-2009). Lonke ikhefu lokugula ukongeza kwikhefu lokugula eliqhelekileyo (normal sick leave) lithathwa ngokuba likhefu lokungakwazi kusebenza ngenxa yokungaphili (incapacity leave) yaye ikhefu elilolu hlobo kufuneka lenzelwe isicelo kwiifom ezimiselweyo. Ukucacisa ngakumbi, le nkqubo iphindiwe apha ngasezantsi:
2.1 Xa esenza isicelo sekhefu lokugula eliqhelekileyo (normal sick leave) (o.k.t, leentsuku eziyi-36), makusetyenziswe ifom entsha u-Z1(a) (iqhotyoshelwe apha ikopi yayo).
2.2 Xa esenza isicelo sethutyana sekhefu lokungakwazi kusebenza ngenxa yokungaphili (temporary incapacity leave) samathuba amafutshane (usuku olu-1 kuye kwiintsuku eziyi-29), umqeshwa makangenise isiHlomelo A, sihamba kunye nencwadi kagqirha.
2.3 Xa esenza isicelo sethutyana sekhefu lokungakwazi kusebenza ngenxa yokungaphili (temporary incapacity leave) sethuba elide elingaphezu kweentsuku ezingama-30 okanye nangaphezu koko, makuzaliswe isiHlomelo B ngokupheleleyo, ngabo bobabini, umqeshwa kunye nogqirha wakhe.
3. Kucelwa ukuba uzifumane ezi ziHlomelo kweli ziko lewebhu lilandelayo: http://intrawp.pgwc.gov.za/  [for users on the Provincial (SITA) network only - for Circular 0045/2006 use the link above in paragraph 1]
Klikha ku-Departments kwicala langasekhohlo. 

Klikha ku-Education (Internet).

Klikha ku-Quick Links uze uye ke ku-WCED Circulars and Minutes.

Klikha ku-2006 wehle ke uye kutsho ku-Circular 0045/2006, apho 
uya kufumana ezi ziHlomelo zichaphazelekayo zekhefu lokungakwazi 
kusebenza ngenxa yokungaphili (incapacity leave) kunye 
nekhefu lokuthatha umhlala-phantsi ngenxa yezizathu zokugula 
(retirement on the grounds of ill health).

[for Circular 0045/2006 use the link above in paragraph 1]
4. Ngako oko ke, oku kuthetha ukuba bonke abaqeshwa bakarhulumente (ootitshala nabaqeshwa benkonzo karhulumente) abenza isicelo sekhefu lokungakwazi kusebenza ngenxa yokungaphili okanye lokuthatha umhlala-phantsi ngenxa yezizathu zokugula, mabakwenze oko kwiifom ezimiselweyo (prescribed forms).
5. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaqeshwa abaphantsi kolawulo lwakho. Ziyacelwa iintloko zamaziko ukuba zinike ikopi yale setyhula usihlalo webhunga lolawulo lesikolo.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:12:17

"Form Z1(a): Application for Leave of Absence"  (ubukhulu: 20 KB)