1. Amalungiselelo ekhefu lonyaka labasebenzi benkonzo karhulumente (public service staff) acaciswa kule Setyhula 0231/2003 yowe-1 Disemba 2003.
2. Kwacaciswa kuloo setyhula ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko emfundo banelungelo leentsuku eziyi-27 zomsebenzi zekhefu ngonyaka, ekufuneka kuthathwe ikhefu leentsuku eziyi-22 ubuncinane ngethuba laxa isikolo okanye iziko loqeqesho livalele iholide. Iintsuku eziseleyo ezi-5 zingathathwa ngexesha iziko livulile.
3. Kuloo setyhula zacelwa kwakhona iintloko zamaziko ukuba ziqinisekise ukuba zilandela ngqo imigaqo yobulungisa nolingano (principles of fairness and equity) xa zinika ikhefu.
4. Nakuba kunjalo, kubonakala kukho ukungaqondi malunga namalungiselelo ekhefu lonyaka kwiintloko zamaziko nakubasebenzi benkonzo karhulumente.
5. Oku kungaqondi kwenziwa kukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente kufuneka besemsebenzini ngethuba izikolo zivuliwe kwakunye nangamathuba okuvalwa kwezikolo namaziko oqeqesho, ngaphandle kwamathuba axa bethathe ikhefu. Kuzo zonke iimeko ezinjengezi, ithuba lekhefu/lokungabikho emsebenzini malitsalwe kwikhefu lelivunyiweyo (approved leave), o.k.t. makungeniswe ifom yekhefu ezaliswe ngokufanelekileyo kwiSebe iWCED. Oku sele kukhankanyiwe ngaphambili kuthetha ukuba naliphi na ilungu lenkonzo karhulumente elingekhoyo emsebenzini nokuba kungasizathu sini na, malingenise iifom zekhefu ezimiselweyo.
6. Abasebenzi ekungekho mfuneko yokuba bangenise iifom zekhefu ngokumalunga nekhefu lonyaka labo ngootitshala kuphela abathathwa ngokuba ngamathuba axa kuvalwe izikolo (ngeeholide zesikolo) bathathe ikhefu lonyaka.
7. Bonke abasebenzi benkonzo karhulumente, o. k. t. oomabhalane nabasebenzi ngokubanzi (general workers) banelungelo leentsuku eziyi-27 zomsebenzi zekhefu ngonyaka. Ukuba kuye kwathathwa ikhefu elingaphezu koku, kuya kufuneka ke ngoko umqeshwa lowo anikwe ikhefu elingahlawulelwayo (ukuba ngaba umqeshwa lowo akanazo iintsuku zekhefu eligcinelwe ukuze lihlawulwe (capped leave)
8. Ziyacelwa iintloko zamaziko ukuba zincede zingenise izicelo zekhefu kule ofisi ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
9. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho kwaye uqinisekise ukuba usihlalo webhunga lolawulo lesikolo uyayifumana ikopi yale setyhula.
10. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku kulapha ngasentla


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:26