1. Njengoko nisazi, uMnu Donald Grant nguMphathiswa weMfundo wePhondo omtsha kwiPhondo leNtshona Koloni.
2. Kucelwa nifake endaweni yamaxwebhu okudluliswa kwamagunya angaphambili amalunga namagunya oMphathiswa weMfundo wePhondo wangaphambili (uMnu Cameron Muir Dugmore) la maxwebhu okudluliswa kwamagunya aqhotyoshelwe apha kaMnu Donald Grant. La magunya aqala ukusebenza ngoko nangoko yaye afumaneka ngolwimi lwesiNgesi kuphela.
3. Njengoko iisetyhula, iingcaciso ezimfutshane kunye/okanye namaxwebhu aqhotyoshelwa kuzo zithunyelwa ngefomathi ye-imeyili kuphela, kulindeleke ukuba amagosa azenzele iikopi zawo ezingamaphepha zala maxwebhu okudluliswa kwamagunya kulawo athunyelwe nge-imeyili ukuba akhetha ukwenza ngolo hlobo.
4. Ngokwenjenje kurhoxiswa iNgcaciso eMfutshane yeCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 0019/2004 (Logistical Services Minute 0019/2004) yowe-7 Oktobha 2004.
5. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:11:10

isiHlomelo  (ubukhulu: 119 KB)