1. IForam yeeNqununu yePhondo (Provincial Principals' Forum (PPF)) yaphehlelelwa ngo- Februwari 2009 kwaye iye yasebenza kakuhle kulo nyaka uphelayo. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) livakalisa umbulelo walo kwiinqununu ezisebenze kwi-PPF neziye zanegalelo kwimpumelelo yayo ukuza kuthi ga ngoku.
2. Ukwenzela ukuphucula ukusebenza kweeforam zezithili neforam yephondo, kwenziwe olu tshintsho lulandelayo yiNtloko yeSebe leMfundo:
2.1 Ixesha lokuba lilungu leeforam zeenqununu zezithili neforam yephondo liya kuba yiminyaka emibini;
2.2 Iiforam zeenqununu zezithili neforam yephondo ziya kudibana kanye ngekota.
3. Kucelwa ufayilishe le setyhula noxwebhu olunguMgaqo-sikhokelo (Framework document) olwathunyelwa kunye nale Ngcaciso iMfutshane DIM/0008/2008.
4. Ungaqhagamshelana nomphathi we-IMG wesikolo sakho ukufumana ingcaciso engaphezulu.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:12:04