1. Uyacelwa uqaphele ukuba inkqubo yokuqeshwa kwabasebenzi abaqeshwa ngemvumelwano (appointment of contract staff) ixesha eliqingqiweyo (for a closed period) ihlaziyiwe kwaye ukususela kumhla wokukhutshwa kwale setyhula kuya kusetyenziswa le nkqubo ilandelayo:
1.1 Le fom yokutyumba abaza kuqeshwa (DHA 1) eqhotyoshelwe apha nezichazayo yona ngokwayo ngokucacileyo, iza kuthi ukususela ngoku ifuneke xa kunikwa ingcebiso malunga nokutyunjelwa ukuzalisa isithuba sokuqeshwa ngemvumelwano.
1.2 Intloko yecandelo okanye yeziko mayizalise ngokufanelekileyo le fom yokutyunjelwa isithuba, nemayibe neenkcukacha zesithuba neenkcukacha zomenzi-sicelo, nekufuneka ihambe kunye namaxwebhu ayimfuneko njengoko kukhankanyiweyo kwifom yokutyunjelwa isithuba (DHA 1).
1.3 Ukuqeshwa kwabasebenzi abaqeshwa ngemvumelwano kusahleli kuxhomekeke kwimvume enikwa kwangaphambili yamagunya adlulisiweyo (of the delegated authority) kwaye iSebe i-WCED alisayi kubekwa tyala (will not take responsibility) ngawo nawaphi na amabango entlawulo ngenkonzo eyenziweyo kungakhange kunikwe mvume yoko kwangaphambili.
1.4 Makuthathelwe ingqalelo abasebenzi abangaphezu kwenani lezithuba ezabelwe iziko (excess staff carried in excess) ukwenzela ukuba bathathwe (baqeshwe) phambi kokuba kuqale ukusebenza kwemvumelwano yengqesho entsha.
2. Kucelwa ukuba zonke izicelo zabo baza ukuqeshwa ngemvumelwano zithunyelwe kulo Section Head, Establishments, Directorate: Internal Human Capital Administration, Western Cape Education Department, Private Bag X9183, Cape Town, 8000. Amaxwebhu aziswe ngesandla kwaNdlunkulu weSebe i-WCED eGrand Central Towers, Cape Town makafakwe kwibhokisi engaphakathi ebhalwe "Public Service Staff" kwaClient Services Walk-in Centre kumgangatho wesibini. Makangaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko amaxwebhu angeniswe ngqo kwi-ofisi yezabasebenzi.
3. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kweliso lakho.


ISAYINWE: NGU-RB SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:12:29

Form DHA1: Nomination for Appointment to a Public Service Post  (ubukhulu: 45 KB)