1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linqwenela ukubulela bonke ootitshala ngenkuthalo nokusebenza nzima kwabo kwezi nyangana zimbalwa zidlulileyo. Iinzame zenu zokuphumeza imfundo esemgangathweni ziyathakazelelwa.
2. ISebe iWCED liqaphele ukuba imibutho ethile eyeyamene nemibutho kunye neenjongo zezopolitiko iye ithi amaxesha ngamaxesha ithagethe izikolo ukukhuthaza ii-ajenda neeprogram zayo.
3. Ukuqinisekisa ukuba ootitshala bayakwazi ukwenza imisebenzi yabo bengaphazanyiswa, nokuba abafundi bazuza ngokupheleleyo imfundo efundiswa sisikolo, kubaluleke gqitha ukuba singavumeli nayiphi na into ephazamisana nokufundiswa kwekharityhulam okanye ephazamisana neprogram yesikolo ezikolweni. Izikolo ngamaziko okufunda nokufundisa kwaye njengamaziko akhonza abafundi nabahlali, makangasetyenziselwa ukukhuthaza imiba engeyiyo eyekharityhulam ngeeyure zesikolo ezimiselwe ukufundisa okanye imiba engeyonxalenye yeprogram yesikolo.
4. Ngoko ke, ukususela ngoku, akukho zinto ezinganxulumananga ngqo nekharityhulam okanye neprogram yesikolo mazivunyelwe ezikolweni ngeeyure zesikolo.
5. Ziyacelwa iinqununu namagosa ee-ofisi zezithili zemfundo ukuba ziqinisekise ukuba akukho zinto ziphazamisana nekharityhulam zivunyelwayo esikolweni ngexesha lokufundisa. Oku kubandakanya into zezopolitiko okanye ezayamene neengcamango zemibutho yezopolitiko.
6. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
7. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:10:29