1. NgokweSetyhula 51/2009 kaNondyebo kaRhulumente (Treasury Circular 51/2009), kuye kwanyanzeleka ukuba sinciphise inkcitho ngenxa yeengxaki kwezoqoqosho (economic problems) ezikhoyo ngoku. Ukongeza, iNkulumbuso, kwiNtetho yayo kuBantu beli Phondo, yavakalisa ukuba amasebe ebengayisebenzisi imali yabarhafi ngeyona ndlela inenzuzo enkulu kuluntu nokuba kuza kufuneka iibhajethi zenziwe kakuhle ukwenzela ukuqinisekisa ukuba abarhafi bafumana eyona nzuzo inkulu ngemali yabo.
2. Ukwenzela ukunciphisa inkcitho yeSebe leMfundo yeentlawulo zeehambo ngomoya, makusetyenziswe la manyathelo okonga imali alandelayo ukususela ngoku:
2.1 Akuyi kuvunyelwa ukusebenzisa amatikiti odidi lokuqala okanye odidi loosomashishini xa kuhanjwa ngomoya, nokuba ngaba ziihambo zakweli lizwe okanye zokuya kumazwe ngamazwe (no first class or business class air travel will be allowed, be it for domestic or international travel) (ngaphandle kwaxa ukunikwa udidi oluphezulu lwamatikiti ziinkampani zeehambo ngomoya kungekho ziindleko zongezwa kwisebe);
2.2 Abaphathi abakhulu (senior managers) mabaqinisekise ukuba izicelo zamagosa zokuthatha uhambo ngomoya ziya kuba negalelo kwiinjongo zezemfundo nakwimisebenzi yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED). Izicelo zokuthatha uhambo mazixhaswe zizizathu ezivokothekileyo ezibhaliweyo nezibonisa ngokupheleleyo imfuneko yohambo olo kwaye mazigunyaziswe ngabaphathi abachaphazelekayo abafanelekileyo (appropriate responsibility managers). Makuqalwe kucingwe ngamanye amalungiselelo okunciphisa iihambo zaseburhulumenteni, umz. ukubamba inkomfa yamaqela axoxa ekumgama okude kumabona-kude (group teleconferencing);
2.3 Ukuya koomasifundisane, kwiinkomfa, kwiintlanganiso, njl. njl. makusikelwe elona nani lisezantsi labantu amabaye kuzo lifunekayo ukuze kufunyanwe inzuzo kwiintlanganiso ezilolu hlobo. Iintlanganiso neenkomfa mazibanjelwe kwizakhiwo zeSebe i-WCED, okanye kufutshane nazo;
2.4 Kungafumaneka isaphulelo eside siye kufikelela kwi-50% ukuba iinqwelo-moya zibhukishwa kwiintsuku ezingama-30 phambi kwexesha lohambo. Ukuba iinqwelo-moya zibhukishwa kwiintsuku ezili-15 phambi kwexesha lohambo, ngokuqinisekileyo, isaphulelo siya kuba sincinane. Ayacelwa ke ngoko onke amagosa ukuba angenise izicelo zawo zeehambo ngomoya kwangoko kwangangoko oku kunokwenzeka ukwenzela ukuba kufumaneke esona saphulelo siphezulu. Kungafumaneka kwakhona isaphulelo ukuba iihambo zithathwa ngexesha elingaphambi kwentsimbi yesi-06:00 okanye emva kweye-17:00;
2.5 Ukungqinisiswa kokubhukishwa kweenqwelo-moya makwenziwe ngeeyure zomsebenzi kuphela, njengoko kukho intlawulo ebizwayo ngenkonzo yokungqinisisa ukubhukisha eyenziwa emva kweeyure zomsebenzi.
3. Yonke ingcaciso engeniswe kwifom esayiniweyo i-Official Transport Request form (VA26A) mayibe yechanekileyo, njengoko kungenakwenziwa lutshintsho kwiinqwelo-moya ezibhukishiweyo. Makukhunjulwe ukuba, xa kucelwa ukutshintsha uhambo emva kokungqinisisa ukubhukisha (confirmation of a booking), kukho intlawulo yokulurhoxisa uhambo ekufuneka ihlawulwe liSebe leMfundo.
4. Kucelwa wazise le migqaliselo kubo bonke abachaphazelekayo ukuze bayithathele ingqalelo.
5. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:10:07