1. 1. Kucelwa nifunde iSetyhula 0028/2009 yowe-22 Agasti 2009.
2. Oku kulandelayo kusebenza kwizifundo ze-Afrikansi, isiNgesi, isiXhosa, iSesotho neSetswana:
2.1 Iincwadi ezidwelisiweyo zamaBakala 7, 8, 9, 10 no-11 zezo kucetyiswa ukuba zifundwe.
2.2 Oku kulandelayo yimimiselo yazo zonke iilwimi ezikhankanywe apha ngasentla kumaBakala 10 no-11:
2.2.1 Abaviwa BOLWIMI LWENKOBE benza isihobe, inoveli enye nomdlalo omnye. Zontathu ezi ntlobo zoncwadi ziviwa ngaphakathi. Amabalana amafutshane, okanye naziphi na iintlobo zoncwadi ezidweliswe kwiSikhokelo soVavanyo lweZifundo (Subject Assessment Guidelines) sikaJanuwari 2008, zinokusetyenziswa ekuphenduleni uncwadi ngomlomo. Imfuno engummiselo kukuba uhlobo loncwadi olusetyenziselwa ukuphendula uncwad ngomlomo mayingabi lolunye lwezo ntlobo zoncwadi ziviwa (examined) kwiimviwo zoncwadi (iPhepha 2). Uncwadi oluphendulwa ngomlomo nalo luviwa ngaphakathi;
2.2.2 Abaviwa BOLWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO benza NAZIPHI NA EZIMBINI kwezi ntlobo zoncwadi zilandelayo: isihobe, inoveli, umdlalo, amabalana amafutshane. Ezi ntlobo zoncwadi zimbini ziviwa ngaphakathi. Naziphi na kwezi ntlobo zoncwadi zidweliswe kwiSikhokelo soVavanyo lweZifundo sikaJanuwari 2008 zinokusetyenziswa ekuphenduleni uncwadi ngomlomo. Imfuno engummiselo kukuba uhlobo loncwadi olusetyenziselwa ukuphendula uncwadi ngomlomo mayingabi lolunye lwezo ntlobo zoncwadi ziviwa kwiimviwo zoncwadi (iPhepha 2).Ezi ntlobo zoncwadi ziviwa ngaphakathi;
2.2.3 Abaviwa BOLWIMI LWESIBINI OLONGEZELELWEYO benza NAYIPHI NA ENYE kwezi ntlobo zoncwadi zilandelayo: isihobe, inoveli, umdlalo, amabalana amafutshane. Olu hlobo loncwadi luviwa ngaphakathi. Abaviwa boLwimi lweSibini oLongezelelweyo (Second Additional Language candidates) abanyanzelekanga ukuba baphendule ngomlomo kumsebenzi woncwadi yaye ke ngoko bafunda uhlobo OLUNYE kuphela enyakeni.
3. ISebe leMfundo licela uxolo ngako nakuphi na ukungaqiniseki okungaba kwenzekile ngenxa yeSetyhula 0028/2009.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:30