1. Ngokwemiqathango yomgaqo-nkqubo kazwelonke nemimiselo esetyenziswayo xa kuqhutywa iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, kubaluleke kakhulu gqitha ukuba ZONKE IIMVIWO ziqhutywe ngendlela ethembekileyo (with intergrity).
2. Iimviwo zeprakhtikhali zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) kwi- Computer Applications Technology nakwi-Information Technology zilubeka emngciphekweni omkhulu ukhuseleko lwedatha (security of data). Oku kubangelwa kukuba kusetyenziswa kwa ezi khompyutha zinye eluviweni ezisetyenziswa ngexesha lezifundo kwanangenxa yokuba kufuneka kukotshwe iifayili kwikhompyutha yalowo nalowo mviwa (individual computers) ukwenzela abevi. Ngako oko ke ukuqinisekisa ukhuseleko lwedatha kubaluleke gqitha ukuba sifuna ukuqinisekisa ukuthembeka kwezi mviwo.
3. Le setyhula inemiyalelo ejolise ngqo kokuthile nangakumbi (very specific instructions) NEMAYILANDELWE ngabo bonke abagadi babaviwa nabanye abasebenzi abanako ukufikelela kwiindawo zokubhalela iimviwo ekusetyenziswa kuzo iikhompyutha. Iinqununu nabaphathi bamaziko okubhalela iimviwo, njengamagosa ongamele ukubhalwa kweemviwo, mabaqinisekise ukuba ilandelwa ngqo le miyalelo ngawo onke amaxesha.
4. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula S7 ka-2006, neSetyhula E25 ka-2009 kunye neMiqathango eMalunga nokuQhutywa, uLawulo nokuPhathwa kweeMvavanyo zeSatifikethi seMatriki kuZwelonke (Regulations pertaining to the Conducting, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate), (isiHlomelo G).
5. Apha kule setyhula kuqhotyoshelwe ezi zihlonyelwa zilandelayo. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba uyifundile wayiqonda imiyalelo equlekthwe kwezi zihlonyelwa ukuze apho kuyimfuneko uzalise uluhlu lokutshekisha oluchaphazelekayo:
5.1 ISIHLOMELO A: Ezona mfuno zisezantsi zokufundiswa kwe-Computer Applications Technology ne-Information Technology;
5.2 ISIHLOMELO B: Imisebenzi eluxanduva;
5.3 ISIHLOMELO C: Izintlu zokutshekisha (Checklists).
6. Bonke abagadi babaviwa beemviwo nootitshala abaya kuncedisa yaye banike uncedo ngethuba leemviwo zeprakhtikhali ze-Computer Applications Technology neze-Information Technology kufuneka bafumane uqeqesho kwigosa elifanelekileyo leSebe iWCED.
7. Kucelwa kuqatshelwe ukuba inqununu, umgadi wabaviwa oyintloko, notitshala weComputer Applications Technology kunye/okanye owe-Information Technology makangaze nangaliphi na ixesha balishiye igumbi lokubhalela iimviwo kude kube kubhalwe iiCDs zokugqibela kyaye kwazaliswa noluhlu lokutshekisha (ISIHLOMELO C).lwasayinwa yaye lwangeniswa (signed and submitted).
8. Kuvumeleke iiseshoni ezimbini ezizezona zininzi kuphela. Kucetyiswa la maxesha amiselweyo alandelayo kumathuba okuhlalela uviwo.:

8.1 UKUHLALELA UVIWO KANYE IXESHA ELISIKELWE OKU IXESHA ELITHATHWAYO
Ukuhlala kwilebhu yekhompyutha   08:30
Inkqubo yokuloga ungene nokunika elinye igana ifolda yoviwo 15 imizuzu 08:35 - 08:50
Ixesha lokufunda 10 imizuzu 08:50 - 09:00
Iphepha 1 (Iprakhtikhali) 3 iiyure 09:00 - 12:00
Ukugqibezela ukutshekisha, ukuqokelela iifolda, nokukhuphela iCDs (burn CDs) 120 imizuzu (lixhomekeke kwinani labaviwa) 12:00 - 14:00

8.2 UKUHLALELA UVIWO KABINI IXESHA ELISIKELWE OKU UKUHLALELA UVIWO OKOKUQALA UKUHLALELA UVIWO OKWESIBINI
Ukuhlala kwilebhu yekhompyutha   07:30 13:00
Inkqubo yokuloga ungene nokunika elinye igana ifolda yoviwo 15 imizuzu 07:35 - 07:50 13:05 - 13:20
Ixesha lokufunda 10 imizuzu 07:50 - 08:00 13:20 - 13:30
Iphepha 1 (Iprakhtikhali) 3 iiyure 08:00 - 11:00 13:30 - 16:30
Ukugqibezela ukutshekisha, ukuqokelela iifolda, nokukhuphela iCDs (burn CDs), ukucima konke okukwikhompyutha (clean computers) njl.njl. 120 imizuzu (lixhomekeke kwinani labaviwa) 11:00 - 13:00 16:30 - 18:30 (Ukuhlala okwesibini kunokuqala kwangoko

(Kucelwa uqaphele ukuba apho kukho amaxesha amabini okuhlalela uviwo (two sittings,) MAKKWAZISWE abaviwa nabazali babo ngalo malungiselelo ngencwadi ebhaliweyo).

9. II-NETHIWEKHI (NETWORKS) 9.1
9.1 Unxibelelwano lwee-Peer-to-peer networks aluboneleli ngamanqanaba afanayo okhuseleko njenge-server-based networks yaye akuvunyelwanga ukusetyenziswa yaye izikolo mazenze lungasebenzi olu nxibelelwano (dismantle) ngexesha lokuqhutywa koviwo kwaye mazisebenzise iikhompyutha ezizisebenzela ngazodwa (stand-alone mode).
9.2 Apho kukho ubungqina bokuba ii-SERVER-BASED networks, azizinzanga (unstable) kunye/ okanye ukhuseleko oluyimfuneko alunakuqinisekiswa, unxibelelwano lwazo malwenziwe lungasebenzi (dismantle) zize iikhompyutha zisetyenziswe njengezizisebenzela ngazodwa (stand-alone mode).
10. Kwezinye iinethiwekhi kunokwenzeka ukuba kugcinwe inkcazo (log) ngokuba ngubani na okhe wafikelela kwaye kweziphi na iifolda. Ukuba inethiwekhi yakho inaso esi sibonelelo, mayenziwe isebenze le nkqubo ngexesha lokubhala iimviwo ize igcinwe emva kokugqitywa koviwo, ukwenzela ukuphendula imibuzo enokubuzwa emalunga nezitenxo. Le fayili yenkcazo yelog mayikhutshelwe kwiCD kunye neefolda zabaviwa.
11. Uviwo iSpeed Endorsement Test luya kumakishwa ngekhompyutha ngo-2009 kwaye izikolo mazikhuphele (write) iifayili zedatha zabaviwa ukwenzela iSpeed Endorsement Test kwifolda eyahlukileyo kwiCD ekukhutshelwe kuyo iifayili zedatha yeprakhtikhali yeComputer Applications Technology.
12. Amagosa eSebe iWCED aya kutyelela iindawo zokubhalela iimviwo phambi kokuqala kokubhalwa koviwo ukuqinisekisa ukuba zonke iinethiwekhi nee-workstations zeekhompyutha ezizisebenzela ngazodwa (stand-alone workstations) zilungiswe kakuhle nokuba imiyalelo ekule setyhula ithotyelwe.
13. Ukuba kumka umbane ngexesha lokubhala uviwo, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
13.1 Xa kumke umbane, umphathi weziko lokubhalela makazise ngoko nangoko abasemagunyeni baloo ngingqi (local authorities). Makazame ukufumana apho kubo ukuba ngaba umbane uya kumka ithuba elingakanani na, ukuba oko kunokwenzeka;
13.2 Makwaziswe ISebe iWCED ngoko nangoko ngokumka kombane;
13.3 Abaviwa mabahlale kwiqumbi elineekhomyutha (computer room) de umbane ubuye. Abaviwa mabangathethi omnye nomnye ngexesha belinde ukubuya kombane. Ixesha abaphulukene nalo ngethuba lokumka kombane liya kubuyiswa njengexesha elongeziweyo loviwo;
13.4 Ukuba emva kweeyure ezimbini (2), umbane awukabuyi, uviwo luya kuhlehliselwa elinye ixesha;
13.5 Umsebenzi ogqityiweyo ngabaviwa uya kugqithiswa uze ungeniswe kwiSebe iWCED kunye Namaxwebhu;
13.6 Kwimeko apho uviwo luthe lwarhoxiswa ngenxa yokumka kombane, abafundi mababhale iphepha i-backup paper ngomnye umhla;
13.7 Kwimeko apho iiseshoni ezimbini zoviwo zicwangciselwe ixesha loviwo, elileli, kusasa nasemva kwemini, le nkqubo ingentla inokusetyenziswa kuzo zombini iiseshoni zoviwo.
14. Kwimeko yokonakala kwekhomyutha (computer breakdowns) ngexesha loviwo, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:
14.1 Abaviwa mabasuswe ngokukhawuleza basiwe kwezo zixhobo ze-backup equipment, baze bongezelwe ixesha elifanelekileyo;
14.2 Akukho xesha liya kongezwa ngenxa yomsebenzi ekuphulukenwe nawo kuba awukhange ugcinwe ngokuchanekileyo (not correctly saved.);
14.3 Abaviwa mabaligqibe iphepha lemibuzo yoviwo ngexesha elimisiweyo.
15. Ukungalandelwa ngqo kwale miyalelo ikule setyhula kungakhokelela ekubeni kuthathwe amanyathelo oluleko nokubekwa ityala lowo ungayithobelanga ngokomthetho osebenzayo.
16. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba ikopi yale setyhula inikwa bonke ootitshala nababagadi babaviwa be-Computer Applications Technology nabe-Information Technology.
17. Kucelwa uqhagamshelane noMnu I Francis (ifoni 021 467 2549 okanye idilesi ye-imeyili ifrancis@pgwc.gov.za ukuba ufuna ukucaciselwa nangakumbi kunye/okanye uncedo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:25

IsiHlomelo A: IIMVIWO ZEPRAKHTIKHALI KWI-COMPUTER APPLICATIONS TECHNOLOGY NEINFORMATION
TECHNOLOGY
 (ubukhulu: 13 KB)
IsiHlomelo B: IMISEBENZI ELUXANDUVA OLUNYANZELEKILEYO  (ubukhulu: 20 KB)
IsiHlomelo C: IILISTI ZOKUTSHEKISHA  (ubukhulu: 38 KB)

"Regulations pertaining to the Conducting, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate, Annexure G"  (ubukhulu: 32 KB)