1. |
Uluhlu lweencwadi ezimiselweyo eziya kuviwa ngo-Apreli-Juni 2010 kuviwo lweMatriki
|
1.1 |
Apha kule setyhula kuqhotyoshelwe uluhlu lweencwadi ezimiselweyo ze-Afrikansi, isiNgesi, isiXhosa, iSesotho neSetswana eziya kuviwa liSebe i-WCED ngo-Apreli-Juni 2010 kwiimviwo zeMatriki. (IsiHlomelo A) |
1.2 |
Abaviwa abanqwenela ukubhala ezinye iilwimi ezifakwe kuluhlu kwisiHlomelo B, bangacela izintlu zeencwadi ezimiselwe ukufundwa kwiCandelo loLawulo loVavanyo ngokunxibelelana noMnu TJ Magwaca kule nombolo yefoni (021) 467 2626 okanye ngale dilesi ye-imeyile tmagwaca@pgwc.gov.za |
2. |
Umhla wokuvala ukubhalisela iimviwo zika-Apreli-Juni 2010
2.1
|
2.1 |
Umhla wokuvala ukubhalisela uviwo luka-Apreli-Juni 2010 nguLwesithathu we-30 Septemba 2009. Abaviwa bangabhalisa kumaziko emfundo oluntu okanye kwiziko leefoni leSebe i-WCED (WCED call centre, 2nd floor, Grand Central Towers, Lower Plein Street, Cape Town. Bayacelwa abaphathi bamaziko emfundo oluntu nabaviwa ukuba bawubambe ngqo loo mhla. Abaviwa abanako ukusebenzisa i-Intanethi bangabhalisela iimviwo zeMatriki zika-Apreli-Juni 2010 ngokungena kweli ziko lewebhu http://exams.wcape.gov.za
|
3. |
Uluhlu lwezifundo eziya kuviwa ngo-2010 |
3.1 |
Uluhlu lwezifundo zeMatriki eziya kuviwa ngo-Apreli-Juni 2010 luqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo B. |
3.2 |
Abaviwa abangesosigxina mabaqaphele ukuba abasayi kuvunyelwa ukuba benze isifundo esinecandelo lepraktikhali, yiyo loo nto ezi zifundo zingafakwanga kolu luhlu. |
4. |
Ziyacelwa iinqununu, abaphathi bamaziko, kunye namagosa eSebe i-WCED, ukuba bancede bazise okubhalwe kule setyhula bonke abaviwa abanqwenela ukubhala iimviwo zeMatriki ngo-Apreli-Juni 2010 ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:22
|