1. ULWABIWO-MALI
Iinkcukacha zolwabiwo-mali ngokwe-Norms and Standards (N&S) zesikolo sakho ngalo nyaka-mali oqala nge-1 Apreli 2010 kuye kwi-31 Matshi 2011 zipapashwe kwiCEMIS. Izikolo zinako ukuzifumana ngokuthi zenze oku kulandelayo kwiikhompyutha zazo:

Logisha kwi-CEMIS. Kukho umyalezo kwesinye sezikrini zokuvula ocebisa omakwenziwe. Klikha ku-"Proceed". Yisa ikhesa yakho kule ayithem yemenyu "Administration" kwiCEMIS uklikhe ku-" Norms and Standards Allocation ". Kucelwa uliprinte eli phepha.

Kucelwa ukuba uthathele ingqalelo oku kulandelayo:

1.1 Ulwabiwo-mali lubalwe ngokungqinelana nemigqaliselo ekwimihlathi 108 - 113 ye-. National Norms and Standards for School Funding (NNSSF) (kwiGazethi kaRhulumente 29179, yomhla we-31 Agasti 2006).

Ngokomhlathi 109 we-NNSSF, amasebe emfundo amaphondo makasebenzise itheyibhile kazwelonke ebonisa ukuma kwamanqanaba entlupheko (national poverty distribution table) (itheyibhile ebonisa intlupheko) (poverty table), ukujonga ukuba izixa-mali ezithagethiweyo (targeted amounts) eziza kwabiwa kwiphondo ngalinye. Le theyiibhile ilapha ngezantsi efakelwe izilungiso ibonisa ipesenteji yabafundi eNtshona Koloni abanokufakwa kumanqanaba ngamanqanaba entlupheko kazwelonke (various national quintiles (NQs)), ukususela ku-2010.

  NQ1 NQ2 NQ3 NQ4 NQ5 Total
OlukaZwelonke (National) 20% 20% 20% 20% 20% 100%
OlweNtshona Koloni 9.5% 13.6% 16.9% 22.1% 37.9% 100%
1.2 Ileta yolwabiwo-mali ibandakanya ulwabiwo lwango-2010/11, kwakunye nolwabiwo-mali lwephondo lweminyaka-mali emibini elandelayo, o.k.t. 2011/12 no-2012/13. Zonke izabelo-mali zibalwe ngokususela kumanani obhaliso e-Annual Survey of Schools (ASS) ango-2009.
1.3 Kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, imali eyabiweyo ngokwale Setyhula mayisetyenziswe iphele ungadlulanga owe-31 Matshi 2011. Kwizikolo eziphantsi kweSiqendu 21, naziphi na ezi fom WCED 043 ezingekangeniswa (khangela kumhlathi 6.2) mazingeniswe phambi koLwesihlanu we-27 Februwari 2011, ukuthintela ukuba ziphulukane neemali ezingekahlawulwa.
2. ISICWANGCISO SENTLAWULO (PAYMENT SCHEDULE)
2.1 Izikolo ezibiza iifizi
2.1.1 Kufuneka izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, ngaphambi kwe-26 Februwari 2010, ziyahlula-hlule imali yesabelo sazo sonyaka-mali ophela nge-31 Matshi 2011 kwifom WCED 032 ibe ngamahlelo amane, angala, ele-LTSM, elokuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases) eleenkonzo zikamasipala nelolondolozo (maintenance). Lakufumana ifom WCED 032 ezaliswe ngokupheleleyo iSebe leMfundo leNtshona Koloni, liya kuzitshekishisa iibhajethi. Izikolo ziya kwaziswa ukuba iifom zazo azenziwanga kakuhle ukwenzela ukuba ziphinde zingenise iifom WCED 032 ezihlaziyiweyo.
2.1.2 Iintlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zolondolozo (maintenance) kunye neentlawulo zeenkonzo zikamasipala (kwezo zikolo zizihlawulela ngokwazo ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala), ziya kuhlawulwa ngolu hlobo lulandelayo: i-50% yesixa-mali esibhajethelwe zona iya kuhlawulwa ngo-Apreli/Meyi 2010, ize i-50% eseleyo ihlawulwe ngoNovemba 2010.
2.1.3 Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ziya kusifumana isabelo-mali sazo se-N&S sonyaka-mali 2010/11 ngezavenge ezibini, ekuzezi i-60% iya kukhutshwa ngo-Apreli/Meyi 2010 ize i-40% ikhutshwe ngoNovemba 2010. Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazisebenzise intlawulo yokuqala yazo (eyi-60%) neya kwenziwa ngo-Apreli/Meyi 2010, ekuthengeni iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM) zika-2011 ukwenzela ukuba zibe sele zikho ngaphambi kokuphela kukaSeptemba 2010, zize zihlawule enye inkcitho, njengoko kucacisiwe kumhlathi 3.1 apha ngasezantsi. Intlawulo ethunyelwa ngekhompyutha yesibini (eyi-40%) neya kwenziwa ifumaneke ngoNovemba 2010 mayisetyenziselwe ukuhlawula iindleko ezifanelekileyo ezinxulumene nesikolo ukuya kutsho ekupheleni konyaka-mali kaRhulumente o.k.t. 31 Matshi 2011.
2.2 Izikolo ezingabizi zifizi (No-fee schools)
2.2.1 Kwizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21, i-20% yaso sonke isabelo-mali saso se-N&S, ethathwa ngokuba yingeniso yonyaka evela kwiifizi zesikolo, iya kuhlawulwa ezikolweni ngo-Apreli/Meyi 2010. Izikolo ziya kwaziswa ngesi sixa-mali kwileta engesabelo-mali sazo se-N&S. Makukhunjulwe ukuba esi sixa-mali masisiqhube isikolo de kuye kutsho ku-Apreli 2011, apho kuya kufumaneka intlawulo yonyaka-mali olandelayo. Kufuneka izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 phambi kwe-26 Februwari 2010, ziyahlula-hlule imali eshiyekileyo yesabelo sazo se-N&S sonyaka-mali ophela ngowe-31 Matshi 2011 kwifom WCED 032 ibe ngamahlelo amane, kwifom WCED 032 (Jonga umhlathi 2.1.1 apha ngentla).
2.2.2 Kwangokufanayo nezikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 (khangela umhlathi 2.2.1 apha ngentla), i-20% yaso sonke isabelo-mali se-N&S sezikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ehlawulwa ngo-Apreli/Meyi 2010 (khangela umhlathi 2.1.3 apha ngentla), mayigcinelwe inkcitho ebihlawulwa ngaphambili ngeefizi zesikolo. Isabelo ngokwe-N&S, njengoko kutshiwo apha ngasentla, masilawulwe ngokomhlathi 3 olapha ngasezantsi.
2.2.3 Ukongeza, iintlawulo ezithunyelwa ngekhompyutha (transfer payments) kuzo zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zolondolozo (maintenance) kunye neentlawulo zeenkonzo zikamasipala (kwezo zikolo zizihlawulela ngokwazo ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala), ziya kuhlawulwa ngolu hlobo lulandelayo: i-50% yesixa-mali esibhajethelwe zona iya kuhlawulwa ngo-Apreli/Meyi 2010, ize i-50% eseleyo ihlawulwe ngoNovemba 2010.
3. UKUSETYENZISWA KWESABELO-MALI
3.1 Isabelo-mali ngokwe-N&S senzelwa eyona njongo iphambili nengeyokuqala, ukuthenga iLTSM, ukuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases), ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ukubonelela ngezona zinto zibalulekileyo kulondolozo lwemihla ngemihla lwezakhiwo zesikolo, amabala nezixhobo zomsebenzi (ulondolozo olwenziwa sisikolo), kunye nokuhlawula ezinye iindleko ezikhoyo zemihla ngemihla. Ingeniso yesikolo esiyenze ngokwaso, njengoko kuchaziwe kumhlathi 5, mayisetyenziselwe kuqala ukongeza apho kushota khona kwezi zinto zilapha ngentla phambi kokuba isetyenziselwe ukuhlawula izithuba zengqesho zamaBhunga oLawulo.

Kucetyiswa ukuba izikolo ziyahlula-hlule imali eziyabelweyo ngolu hlobo lulandelayo ngokweendidi ngeendidi zeendleko:

  • I-50% isetyenziselwe ii-odolo zeLTSM zango-2011 ekufuneka ke i-10% yayo isetyenziselwe ukuthenga iincwadi zelayibrari nezinye izibonelelo. Ngamnye umfundi makabe nencwadi yesifundo emiselweyo ngenkalo yesifundo nganye okanye ngesifundo ngasinye. Istokhwe seencwadi nezibonelelo zaselayibrari mazandiswe (augmented) qho ngonyaka de inani elipheleleyo lee-ayithem (items) libonise owona mgangatho usezantsi wamazwe ngamazwe (minimum international standard) wee-ayithem ezili-10 ngomfundi ngamnye. Jonga kumhlathi 3.1.1 apha ngezantsi, izinto ezinokufakwa phantsi kweLTSM;
  • I-24% isetyenziselwe iinkonzo zikamasipala. Izikolo zingenza ibhajethi yepesenti enkulu kunoku ukuba iindlela zenkcitho zazo (expenditure tendencies) zenza ukuba oku kube yimfuneko;
  • I-6% isetyenziselwe ulondolozo lwesikolo;
  • I-20% isetyenziselwe ukuhlawula izinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo (local purchases).
3.1.1 Iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM)

(a) ISebe leMfundo kuzwelonke (DoE) lizicacisa izibonelelo ezincedisa ukufunda nokufundisa (LTSM) njengazo naziphi na izinto ezixhasa zize zenze kube lula ukufunda nokufundisa eklasini ngqo okanye ekhaya (umsebenzi wesikolo wasekhaya). Zibandakanya oku kulandelayo:

  • Iincwadi zezifundo (textbooks), iincwadi zokufunda (readers), iincwadi zokukhangela izinto-yinto (reference books), iincwadi ezimiselweyo (prescribed books), ii-atlasi (atlases) nezichazi-magama (dictionaries);
  • Iimodyuli neencwadi zokwenza imisebenzi (workbooks);
  • Iiphowusta, iimephu neetshathi zodonga;
  • Iimidlalo efundisa okuthile ii-Educational board games;
  • Izinto zokufunda zaselayibrari (ezingamabali angeyonyaniso (fiction) nezingamabali asusela kwizinto zokwenene (non-fiction), iincwadi zokukhangela izinto-yinto, iividiyo esezirekhodiwe, iiDVD, ii-odiyokhasethi (audiocassettes), iiCD, iiCD-ROM, ii-multi-media njl. njl.);
  • I-software yekhompyutha nokulayisenswa kwayo (Computer software and licensing);
  • Izibonelelo ezisetyenziswa ngootitshala, ngabafundi, eziklasini naselayibrari.
(b) Izikolo zinokuthi, phantsi kwale miqathango ilandelayo, zikhuphe isabelo esinga-phantsi kwesimelwe ukwabelwa izibonelelo zeLTSM:

  • ukuba ngamnye umfundi osesikolweni unencwadi emiselweyo yenkalo yesifundo nganye okanye yesifundo ngasinye kwaye unako ukufikelela kwizibonelelo zeLTSM ezizezinye);
  • ukuba isikolo besisoloko sisithi qho ngonyaka sabe i-10% yesabelo seLTSM sithenge iincwadi nezibonelelo zaselayibrari zokwandisa istokhwe saselayibrari yaye inani lilonke lee-ayithem zaselayibrari kwistokhwe saselayibrari ngoku zii-ayithem ezili-10 ekulelona nani lisezantsi ngokomgangatho wamazwe ngamazwe (minimum international standard of 10 items) ngomfundi ngamnye;
  • YAYE ukuba ibhunga lolawulo lithathe isigqibo ngokusesikweni malunga noku kutenxa kokumiselweyo. Esi sigqibo sebhunga elilawulayo ngokumalunga nebhajethi, ekufuneka ingeniswe kwintlanganiso yabazali, sicacisiwe yaye isixa-mali esichithwe kwizibonelelo zeLTSM, ngomfundi ngamnye sibonelelwe. Esi sigqibo masandlalwe kwintlanganiso yabazali, nokuba ngaba umphathi weze-IMG uyasixhasa okanye akasixhasi.
(c) Zonke izikolo mazilandele ngqo uMgaqo-nkqubo wokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo ngokuKhetha aBathile kuQala (Preferential Procurement Policy) weli phondo xa zisebenzisa isabelo-mali sazo ngokwe-N&S ekuthengeni izibonelelo zeLTSM. Ukulungiselela le njongo, kukho izintlu ezimbini zabathengisi-zincwadi (suppliers). ULuhlu A (luluhlu lwabakhethwa kuqala) lumele abo bathengisi amabakhethwe kuqala. Babizwa ngokuba zii-Historically Disadvantaged Individuals (HDIs) nee-Small, Medium and Micro Enterprises (SMMEs). Izikolo mazithenge iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi ngexabiso ubuncinane eliyi-70% yesabelo sazo se-N&S kubathengisi abakolu Luhlu A. Izibonelelo ze-LTSM zingathengwa kubathengisi abakuLuhlu B ngebhalansi (eyi-30% yesabelo-mali seencwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi). Ezi zintlu zamvanje zathunyelwa ezikolweni ngeesetyhula ezahlukeneyo.
(d) Zifunyanwa njani iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (i-LTSM)

  • Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazilandele iinkqubo ezimiselweyo kwisiHlomelo A.
  • Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazilandele ngqo uMgaqo-nkqubo wokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo ngokuKhetha aBathile kuQala (Preferential Procurement Policy) ekufakeni ii-odolo zazo zeLTSM kubathengisi ababhaliswe kwimvumelwano B/WCED 60 (B/WCED 60 contract).
  • Izikolo mazikhethe zonke iincwadi zezifundo ze-FET kwikhatalogu ye-FET evunywe kuzwelonke (funda iNgcaciso eMfutshane DCF 0016/2009). Xa kukhethwa iLTSM ye-GET okanye iincwadi zoncwadi ezimiselwe ukufundwa (prescribed literature works), izikolo mazilandele isikhokelo noko kukhethwe ngamaCandelo eKharityhulam eWCED (WCED Curriculum Directorates). Kungaqhagamshelwana nee-ofisi zezithili zemfundo, xa ngaba izikolo zifuna uncedo malunga nokukhetha i-LTSM.
  • Xa kukhethwa iincwadi nezibonelelo zaselayibrari, izikolo kufuneka ziqhagamshelane noMququzeleli we-EDULIS weeNkonzo zeeLayibrari zeZikolo (School Library Services) ukucela ukuncediswa ekufuneni nasekuthengeni iincwadi ezicetyiswayo (recommended titles), kwakunye nomcebisi welayibrari yesikolo wesithili (district school library adviser) kunye/okanye umququzeleli weziko elinguvimba wolwazi (resource centre co-ordinator) ngokumalunga nokuphuculwa kweelayibrari zabo.

3.1.2 Iinkonzo zikamasipala

(a) Injongo yesabelo esinikwa izikolo ngokwe-N&S, phakathi kwezinye izinto, kukuhlawula ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, o.k.t. umbane, amanzi, ugutyulo lomphutha (sewerage removal), ukuthuthwa kwenkunkuma, kodwa asibandakanyi ukuhlawulwa kwerhafu yepropathi. Njengoko kwakunjalo kwixesha elidlulileyo, uRhulumente uya kuyihlawula irhafu yepropathi ebhaliswe ngegama leRiphablikhi yoMzantsi Afrika.
(b) Izikolo ezimbalwa zivakalise ukuba azifuni kulawula ii-akhawunti zazo zeenkonzo zikamasipala yaye ezi akhawunti ziya kuqhubeka zihlawulwa yi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo. I-ofisi yesithili semfundo iya kunika isikolo ngasinye iikopi zee-akhawunti zaso qho ngenyanga ngenjongo yokuba sizitshekishe kwaye singqine ukuba ii-akhawunti ezo zichanekile.
(c) Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibale imali ebekelwe iinkonzo zikamasipala ngokwenkcitho yazo yangaphambili yezi nkonzo zize ziyibonise kwifom WCED 032. Esi sixa-mali kunye nemali yolondolozo ziya kuhlawulwa ngaxeshanye kwizikolo ezavumayo ukwenza lo msebenzi.
(d) Phakathi kwezinye zezinto emazenziwe zizikolo, kukuphumeza amanyathelo okonga imali aboniswe kwiSihlomelo B.
(e) U-ESKOM noninzi loomasipala bavakalise ukuba bangazenza iimitha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa (pre-paid electricity meters) ezikolweni. Oku kuya kwenza izikolo zibe nolawulo olubhetele losetyenziso lombane.
(f) Apho isebe liye laqaphela ukuba izikolo azizihlawuli ii-akhawunti zazo zikamasipala, isebe linelungelo lokuyibamba lingayikhuphi imali eyabelwe ezo zikolo ukwenzela ukuba lihlawule ezo akhawunti zikamasipala zingekahlawulwa.

3.1.3 Ulondolozo lwemihla ngemihla

(a) Ulondolozo lwemihla ngemihla lubandakanya ukulungiswa kwamabala kwakunye, nokulondolozwa, nokuhlaziywa, nokulungiswa kunye/okanye ukukhutshwa kwezinto ezonakeleyo kufakwe ezinye kwizakhiwo zesikolo. Ukuba alwenziwa ulondolozo lwemihla ngemihla kwangoko, izakhiwo ziya kugxagxiseka kangangokuba zifune ulungiso olungxamisekileyo lomonakalo omkhulu nobiza imali enkulu.
(b) Izikolo mazizenzele ibhajethi yolondolozo lwemihla-ngemihla ngokungqinelana nemeko yezakhiwo namabala azo. Isabelo-mali ngokwe-N&S sondolozo lwemihla ngemihla sinokungeneli. Kwiimeko ezinjalo isikolo masiyongeze ngokwaso imali esiyabelweyo ngemali ephuma kwiingxowa zaso, apho kusebenzayo oku.
(c) Izikolo mazibekele bucala esinye isixa-mali kuleyo ziyabelweyo yokwenza ulondolozo lwemihla ngemihla sokusetyenziswa kulondolozo lwezixhobo zomsebenzi ezisetyenziswa ekuphuculeni amabala esikolo, umz. ukulungiswa kwemowa, ukusika ingca, ukupeyinta izitulo ezisemabaleni esikolo, ukuthenga ikalika (lime) nesichumiso (fertiliser)
(d) Isabelo-mali ngokwe-N&S masingaze sisetyenziselwe ulondolozo lwezixhobo lwemihla ngemihla kwiihostele zokuhlala. Olu hlobo lolondolozo maluxhaswe ngemali yentlawulo yabafundi yokuhlala ehostele/ngeebhasari.

3.2 Izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 mazibonise izabelo-mali ezenzelwe ulondolozo lwezakhiwo, amabala nezixhobo zokusebenza njengesixa esinye kwifom WCED 032.
3.3 ISebe iWCED aliyi kwamkela butyala ngentlawulo yazo naziphi na ii-akhawunti apho izikolo zichithe ngaphezu komlinganiselo osisabelo sazo. Kuya kufuneka izikolo zizihlawulele ngokwazo ezi ndleko. Ukuba kuthi ngenxa yaso nasiphi na isizathu, nesaluhlobo luni na, izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zigqithise kwisabelo sazo ngokwe-N&S, nayiphi na inkcitho engaphezulu iya kuxhuzulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni kwisabelo sesikolo sonyaka olandelayo. Oku akuthethi ukuba makugqithiswe kwizabelo-mali ngokwe-N&S.
4. ULUNGISO LOMONAKALO OMKHULU OLUNGXAMISEKILEYO
Ngokomhlathi 97 weNNSSF, iSebe iWCED liyalwamkela uxanduva lolungiso olungxamisekileyo lwezakhiwo ezonakeleyo, kodwa ke ayininzanga imali iSebe elinayo yokwenza olo lungiso lwezakhiwo. Ezi ntlobo zolungiso lomonakalo zilandelayo ziya kuqwalaselwa ngokungqinelana neenkqubo ezikwiSetyhula 175/2000:

IHLELO A
Umonakalo omkhulu odalwe ziintlekele zendalo, iingxaki zesakhiwo nemililo

ISebe iWCED liya kuyithathela kulo le misebenzi yolungiso lwezakhiwo olungxamisekileyo kuphela xa iindleko zingaphezu kwe-R5 000 nangokuxhomekeka ekubeni ikho imali eyaneleyo.
ISebe iWCED linokuthi kwakhona, ngokwengqiqo yalo, lijonge ukuba alinakufaka imali yokuhlawulela umonakalo kwi-akhawunti yebhanki yesikolo ukulungiselela ukuthenga izinto zokwakha kwiimeko apho ungemkhulu kangako umonakalo.

5. INGENISO EYENZIWA SISIKOLO NGOKWASO
NgokweSiqendu 36 (1) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, (UMthetho 84/1996), njengoko ufakelwe izilungiso, (SASA), amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) makathathe onke amanyathelo afanelekileyo okongezelela kwisabelo sikarhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo efundiswa sisikolo. Akukho sikolo esingabizi zifizi masibize iifizi zesikolo ezinyanzelekileyo (kubandakanywa neefizi zobhaliso). Nangona kunjalo ziyakhuthazwa ezi zikolo ukuba ziqokelele iminikelo ekhutshwa ngokuzithandela (voluntary contributions) kwaye zinyuse ingxowa-mali ngendlela yezipho-mali (donations), yamatheko okunyusa ingxowa (fund-raising functions) njl. njl.
6. UKUNIKA INGXELO
6.1 Ibhajethi yesikolo evunyiweyo mayingeniswe kwisithili semfundo esichaphazelekayo ungadlulanga owe-1 Disemba kunyaka ngamnye.
6.2 Zonke izikolo mazingenise le fom WCED 043 (iingxelo zekota ezingenkcitho) kwisithili semfundo esichaphazelekayo zingekapheli iintsuku eziyi-30 ukususela ekupheleni kwekota nganye (inkcitho eya kutsho kwi-31 Matshi, 30 Juni, 30 Septemba, ne-31 Disemba). Imali iya kuhlawulwa ezikolweni kuphela xa kufunyenwe ezi ngxelo WCED 043 ezanelisayo malunga nemicimbi yemali yeekota zangaphambili.
6.3 NgokweSiqendu 43(5) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (uMthetho 84 ka-1986), izikolo mazingenise (ukuze iqwalaselwe ngumlawuli wesithili semfundo esichaphazelekayo) iseti yeengxelo-mali eziphicothiweyo (audited set of financial statements) zonyaka-mali ongaphambili ungekadluli owe-30 Juni kunyaka ngamnye.
7. EMINYE IMIQATHANGO
7.1 I-SGB mayibe nolawulo olululo kwingeniso nakwinkcitho njengoko kucacisiwe kule ncwadana Manual: Basic Financial System for Schools. Ukuba amalungu ebhunga lolawulo lesikolo akanabo ubungcali obuyimfuneko bokwenza lo msebenzi ngendlela eyiyo, makakhethe (co-opt) umntu oya kuba nako ukuwancedisa.
7.2 Yonke imali yesikolo, efunyenwe kwisabelo sikaRhulumente naleyo evela kwisikolo ngokwaso, mayisetyenziselwe iinjongo ezinxulumene ngqo nezemfundo, njengoko kucacisiwe kwiSiqendu 37(6) soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, yaye ngakumbi ukuthenga iLTSM. Ngokomgaqo-nkqubo weSebe iWCED, makungaze kwenziwe iikopi zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) kunye neencwadi zokufunda (readers) njengoko oku ikukunyasha uMthetho weLungelo eliValela uKwenziwa kweeKopi, 1978 (uMthetho 98 ka-1978) (Copyright Act, 1978 (Act 98 of 1978)).
7.3 ISebe iWCED linelungelo lokuhlola iirekhodi ezinxulumene nemali yesikolo kunye nokuthatha amanyathelo ngakuye nawuphi na umsebenzi/utitshala wesikolo okanye ilungu lebhunga lolawulo, ukuba lithe lachaphazeleka kwizenzo zokusetyenziswa gwenxa kwemali yesikolo. Ngako oko ke izikolo mazigcine bonke ubungqina bengeniso nenkcitho ukulungiselela le njongo.
8. ISICELO SOKUFAKWA KWESIKOLO PHANTSI KWESIQENDU 21
Izicelo zokutshintsha ukusuka ekubeni sisikolo esingekho phantsi kweSiqendu 21 sibe phantsi kweSiqendu 21 mazingeniswe ngaphambi kwe-20 Februwari 2010 ngale fom eqhotyoshelweyo. Izikolo eziphumeleleyo ziya kufakwa phantsi kweSiqendu 21 ukususela kunyaka-mali olandelayo kuphela, o. k. t., ukususela kowe-1 Apreli 2010.
9. IZIBHENO
9.1 Amanani abafundi
Ukuba amanani abafundi asekelwe kusuku lweshumi Iwesaveyi ngo-2009, ande ngaphezu kwe-7% ekuqaleni konyaka wesikolo omtsha (2010), xa kuthelekiswa namanani obhaliso e-ASS yango-2009, kuya kuhlenga-hlengiswa izabelo-mali ngokwe-N&S ngokumalunga noko kwanda kungaphezu kwe-7%. Iileta zezabelo ezihlaziyiweyo ziya kuthunyelwa ezikolweni engadlulanga uMatshi 2010.
9.2 IntluphekoISebe iWCED lifumene izicelo ezinzi ezibhaliweyo nezefoni zokuba kuhlaziywe ii-NQs zezikolo ngokususela kwiimeko zokungaqeshwa kwabazali, abafundi abahamba isikolo abavela kwiingingqi ezihlupheke ngaphezulu, ukungahlawulwa kweefizi zesikolo, njl.njl. Ngokumalunga noku, i-NNSSF iyiqonda kakuhle into yokuba izikolo (ekuzizo ezifumana izabelo-mali (beneficiaries of the allocation)) mayingabi zizo eziza nale ngcaciso, kodwa makusetyenziswe u-StatsSA okanye idatha efana naleyo yakhe.

Ukuza kuthi ga ngoku, akukho luhlenga-hlengiso lwenziweyo kuhlelo ngokwamanqanaba entlupheko kwezikolo ngenxa yezizathu ezingeniswe zizikolo. Kuphela kukwiimeko apho iSebe iWCED liye layalela izikolo ukuba zibhalise abafundi abavela kwiingingqi ezingezizo ezo zimi kuzo izikolo ngenxa, (a) yokunqongophala kwendawo (inadequate spaces), okanye (b) yengxaki yomgangatho wokufundisa apho kungathathelwa ingqalelo uhlenga-hlengiso lokuhlelwa kwesikolo ngokwenqanaba lentlupheko (NQ ranking). Abafundi abahamba isikolo abavela kubahlali abangengabo abo besikolo (outside the community) ngokuzikhethela kwabo, abanako ukuqwalaselwa ngenjongo yokuhlaziywa kokuhlelwa ngokwamanqanaba entlupheko (revision of poverty placement)

10. ULWABIWO-MALI LUKA-2009/10
Imali eyabelwe izikolo ngokweSetyhula 0034/2008 mayisetyenziswe iphele zizikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ngaphambi kowe-31 Matshi 2010. Zonke iifom WCED 043 ezingekangeniswa zezikolo eziphantsi kweSiqendu 21, mazingeniswe phambi koLwesihlanu we-26 Februwari 2010, ukuthintela ukuba ziphulukane neemali ezingekahlawulwa.
11. NAZI IINOMBOLO ZONXIBELELWANO ZOKUBUZA IMIBUZO
ISihloko Igama Inombolo yefoni
Iifom WCED 043 zeengxelo zekota neengxelo-mali zonyaka eziphicothiweyo I-Ofisi yeSithili seMfundo -USekela-Mlawuli weeNkonzo zezoLawulo lweZiko Yeye-Ofisi yeSithili seMfundo esichaphazelekayo
Ukungeniswa kwefom WCED 032 (Ukuhlelwa kolwabiwo-mali lweN&S) Ms P Philips 021 900 7062
Ukuthengwa kwe-LTSM (WCED 034) nokuthengwa kwezinto kuloo ndawo inesikolo (WCED 026). Zonke izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 Mr B Le Keur
Ms P Phillips
021 903 8453
021 900 7062
Iintlawulo ezifakwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo (izabelo-mali ngokwe-N&S)) Ms L Shasha
Mr M Draai
021 467 2770
021 467 2005
Ulungiso lomonakalo olungxamisekileyo Mr B Bougaard
Ms V Balfour
021 467 2132
021 467 9262
I-e-Learning
UMququzeleli we-EDULIS : IiNkonzo zeeLayibrari zeZikolo
Mr O Sadeck
Ms T de Young
021 467 2351
021 957 9638
Imibuzo ngokubanzi Mr L van Wyk
Mr J Kitshoff
Mr R Eyssen
021 467 2658
021 467 2665
021 467 2662


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:09:17


Government Gazette 29179: "Amended National Norms and Standards for School Funding"  (ubukhulu: 891 KB)
isiHlomelo A: IINKQUBO ZOKUTHENGWA KWEEMPAHLA NOKUFUNYANWA KWEENKONZO  (ubukhulu: 36 KB)
isiHlomelo B: "Saving measures in respect of municipal services"  (ubukhulu: 13 KB)
Application for Article 21 Status  (ubukhulu: 8 KB)

WCED Forms:
The following forms are in WordŽ (".doc") format.
To save a form for later use, click on the "zipped" link below and follow the intructions.
If you have WordŽ installed on this computer, click on the "DOC" link below (the form will open in a separate window: to return to this circular, close that window)

"Form WCED 026: Requisition for stores and other requirements"  ("zipped" version, size: 6 KB)
"Form WCED 026: Requisition for stores and other requirements"  ("DOC" version, size: 38 KB)

"Form WCED 032: Allocation for local purchases, municipal services and maintenance"  ("zipped" version, size: 38 KB)
"Form WCED 032: Allocation for local purchases, municipal services and maintenance"  ("DOC" version, size: 78 KB)

"Form WCED 034: Requisition for Learning & Teaching Support Material (LTSM)"  ("zipped" version, size: 7 KB)
"Form WCED 034: Requisition for Learning & Teaching Support Material (LTSM)"  ("DOC" version, size: 47 KB)

The following form is in ExcelŽ format.
To save it for later use, click on the "zipped" link below and follow the intructions.
If you have ExcelŽ installed on this computer, click on the "XLS" link below (the form will open in a separate window: to return to this circular, close that window)

"Form WCED 043: Quarterly Report"  ("zipped" version, size: 33 KB)
"Form WCED 043: Quarterly Report"  ("XLS" version, size: 57 KB)