1. INGCACISO YOKWANDLALELA

1.1 Njengoko kumiselwe ngumthetho, iLungu leSigqeba soLawulo (Member of the Executive Council (MEC) lemfundo lithetha-thethene ngokufanelekileyo nemibutho yabasebenzi yePhondo ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (Provincial Education Labour Relations Council (PELRC)), kwakunye nemibutho yamabhunga olawulo ezikolo eyaziwayo kweli phondo ngokumalunga nenani lilonke lezithuba zootitshala iphondo elinako ukuzihlawulela ezikumaziko emfundo eSebe leMfundo leNtshona Koloni. UMphathiswa ulandisile inani lezithuba zootitshala iphondo elinako ukuzihlawulela ngo-2010 ngezithuba eziyi-322, xa kuthelekiswa nenani lezithuba ezazikho ngo-2009. Kwezi zithuba ziyi-322, eziyi-140 ziphawulelwe imfundo ebandakanya bonke abafundi (inclusive education) ukuze eziyi-112 ziphawulelwe ukunciphisa umlinganiselo wenani labafundi abafundiswa ngutitshala kwiSigaba seSiseko kwizikolo ezizezona zihlwempuzekileyo kwiphondo.
1.2 Izithuba ezabelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zibalwe ngokwemigaqo ehlaziyiweyo yolwabiwo lwezithuba (revised post distribution norms) eyavunywa yiKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo (Heads of Education Committee (HEDCOM) ngo-2007 kunye nangokweenguqu zamvanje kwikharityhulam yeBakala 12. Ubungakanani beemfuno (weightings) kwiBakala 12 buye batshintsha ngenxa yeenguqu ezibangelwe yikharityhulam yeBakala 12, neziphunyezwe okokuqala ngqa ngo-2009.
1.3 Ngaphambi kuka-2005, izithuba ezabelwe amaziko azizikolo zikarhulumente ezinemfundo eneemfuno ezizodwa (special public schools) zazikhutshwa qho ngonyaka wesithathu (issued every 3rd year), kodwa ukususela ngo-2005 izithuba ezabelwe la maziko zikhutshwa qho ngonyaka.
1.4 Njengoko kumiselwe ngumthetho, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lithetha-thethene nawo omabini amaqela emibutho yabasebenzi yePhondo ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (Provincial Education Labour Relations Council (PELRC), kweli phondo, kunye nemibutho yamabhunga olawulo ezikolo eyaziwayo ngokumalunga nezi zithuba zabelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa.

2. IMIQATHANGO (IMIGAQO NGOKUBANZI)
2.1 INDLELA EZIMI NGAYO IZITHUBA (POST STRUCTURE)

Ukuma kwezithuba neenkcazo ezikwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 4/2003 yeBhunga lezeMfundo lezoBudlelwane emiSebenzini (Education Labour Relations Council (ELRC)) kusasebenza nakulwabiwo lwezi zithuba zengqesho zootitshala. Kucelwa uqaphele into yokuba izigqibo ezikolu xwebhu Occupation Specific Dispensation for Educators (OSD) (kwiCollective Agreement 1 of 2008 of the ELRC) azinayo nayiphi na inxaxheba kulwabiwo lwezi zithuba zamaziko azizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo luka-2010.

2.2 UKUHLELWA KWEZIKOLO (SCHOOL GRADINGS)

Izikolo zihlelwe ngokweMigangatho yokuHlelwa kweZikolo (School Grading Norms) ekwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 3/2006 ye-ELRC. Kucelwa ukhangele kwakhona umhlathi 2.1 apha ngasentla.

2.3 UKUPHELELWA LIXESHA KWEZITHUBA NGE-31 DISEMBA 2010
2.3.1 Ngokwemiqathango yeNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (RPDM), izithuba zamaziko azizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zikarhulumente ezinemfundo eneemfuno ezizodwa mazikhutshwe kunye nenani lezithuba ezabelwa amaziko qho ngonyaka phambi kokuphela kukaSeptemba wonyaka ongaphambili (before the end of September of the previous year). Oku kuthetha ukuba zonke izithuba zootitshala kunyaka wezifundo ka-2010 (2010 academic year) ezikhutshelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo zikarhulumente ezinemfundo eneemfuno ezizodwa, (kwakunye nazo zonke izithuba eziye zaveliswa ezongezelelwayo (all additional posts created) ezenzelwe nezinikwe isikolo sikarhulumente ngo-2009 no-2010, nokuba ngaba kungenxa yokwanda kwamanani obhaliso lwabafundi okanye kungenxa yeemfuno zekharityhulam zeziko lemfundo), ziyaphelelwa ukuphela kuka-2010.
2.3.2 Izithuba eziveliswe ngenjongo yokukhawulelana nemeko yethutyana (ad hoc posts) (ukongeza phezu kwezo ziboniswe kwizithuba ezisisigxina ezabelwe isikolo sikarhulumente) nezanikwa izikolo ngo-2009 ngenjongo yokuba zisetyenziswe ngo-2010 ukwenzela ukuqinisekisa ukuba izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezithile zinomlinganiselo wenani emalifundiswe ngutitshala oyi-33:1 (kwizikolo eziziisekondari) okanye oyi-37:1 (kwizikolo zaseprayimari), nazo ziyaphelelwa lixesha ekupheleni kuka-2010.
2.4 UKWABIWA KWEZITHUBA ZOKUKHAWULELANA NEMEKO YETHUTYANA: IZITHUBA EZIYI-458 ZOKUKHAWULELANA NEMEKO YETHUTYANA (EKUZIZITHUBA ZENQANABA I)

ISebe i-WCED linovuyo ukubhengeza ukuba, ngenxa yokukhula kwenani lilonke lezithuba elinako ukuzihlawulela, libe nako ukuzigcina zikho izithuba eziveliswe ngenjongo yokukhawulelana nemeko yethutyana ngo-2010. Ziya kunikwa izikolo njengoko kucacisiwe apha ngasezantsi:

2.4.1 Zizonke zizithuba eziyi-458, eziza kwabelwa izikolo ngenxa yokukhawulelana nemeko yethutyana ukongeza phezu kwezo ziboniswe kwizithuba ezisisigxina ezabelwe izikolo, ezivunywe ngonyaka wezifundo ka-2010.
2.4.2 Ekubeni kuthathelwe ingqalelo izithuba ezisisigxina ezabelwe iziko ngalinye ngo-2010, ezi zithuba zongeziweyo ziyi-458 zokukhawulelana nemeko yethutyana ziye zabelwa izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngolu hlobo lulandelayo:

  • Apho indlela ehlaziyiweyo yolwabiwo lwezithuba yabe izithuba zootitshala ezingaphantsi kwezi-6 kwisikolo esiyisekondari esincinane, siye songeza izithuba zootitshala zaya kutsho kwezi-6, o.k.t ukuba isikolo bekufanele sifumane ootitshala abane (4) ngokwale ndlela ehlaziyiweyo yolwabiwo lwezithuba, siye sasinikwa ezinye izithuba ezi-2.
  • Apho indlela ehlaziyiweyo yolwabiwo lwezithuba yabe izithuba zootitshala ezingaphantsi kwezi-6 kwisigaba sesekondari sesikolo esidibeneyo (combined school), siye songeza izithuba zootitshala zaya kutsho kwezi-6 kwisigaba sesekondari, o.k.t ukuba isikolo bekufanele sifumane ootitshala abane (4) ngokwale ndlela ehlaziyiweyo yolwabiwo lwezithuba kwisigaba sesekondari, siye sanika isikolo ezinye izithuba ezi-2 zesigaba sesekondari
  • Izithuba ezingamashumi amane (40) zabelwe ezinye zezikolo ezifundiswa ngutitshala omnye kuphela.
  • Izithuba eziseleyo kwezo zokukhawulelana nemeko yethutyana ziye zabelwa izikolo ezinomlinganiselo wenani emalifundiswe ngutitshala ongaphezu kwe-33:1 (kwizikolo eziziisekondari) kunye/okanye ongaphezu kwe-37:1 (kwizikolo eziziiprayimari), ukusuka kwezona zihlwempuzekileyo ukuya kwezona zineentsiba (from the poorest school to the richest school), de libe liphelile inani lezithuba ezivunywe ngenxa yokukhawulelana nemeko yethutyana.
2.4.3 Ezi zithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana (ukongeza phezu kwezithuba zootitshala eziboniswayo ezisisigxina ezabelwe isikolo (fixed establishment) ezinikwa izikolo ukuba zizisebenzise ngo-2010 ukuqinisekisa ukuba izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezithile zinomlinganiselo wenani emalifundiswe ngutitshala oyi-33:1 (kwizikolo eziziisekondari) okanye oyi-37:1 (kwizikolo zaseprayimari), nazo ziya kuphelelwa lixesha ekupheleni kuka-2010. Oku kuthetha ukuba ezi zithuba aziyi kuba sisigxina.
2.4.4 Lilungelo leSebe i-WCED ukubala ngokutsha naluphi na ulwabiwo lwezithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana xa kufunyaniswe ukuba ayichanekanga ingcaciso ngesikolo eso, efunyenwe kwiSaveyi yeKhompyutha ye-CEMIS (CEMIS Online Survey) kaMatshi 2009.

QAPHELA:Izithuba zezifundo zomdaniso ezingamashumi amane anesibini (42) zokukhawulelana nemeko yethutyana zazabelwe izikolo njengezithuba zootitshala abangoonojikeleza (itinerant posts) kwizikolo ezingaphezu kwezingamashumi amane anesibini (42) kweli phondo.

Izithuba ezingamashumi amabini ananye (21) zesifundo se-Information Technology (IT), zabelwe izikolo ezingamashumi amabini ananye (21) kwiphondo liphela ukwenzela ukuba zibe ngamaziko eekhompyutha. Kufuneka la maziko eekhompyutha angazisebenziseli nje kuphela ezi zithuba ekufundiseni abafundi bawo ngexesha lesikolo, kuloko azisebenzisele nokufundisa iiklasi zasemva kwemini zabafundi bezikolo ezingabamelwane/ezikufuphi abenza esi sifundo kodwa abangenazititshala zakubafundisa i-IT ezikolweni zabo. Amagama ala maziko eekhompyutha ayafumaneka kwiCandelo loCwangciso loPhuhliso lwaBasebenzi. Nangona esi sithuba sengqesho sisisigxina, iSebe iWCED linelungelo lokusirhoxisa isithuba sengqesho kweso sikolo singasisebenzisi ngokwemigqaliselo (stipulations) ecaciswe liSebe iWCED. Nangona izikolo zikhethwa, ezo zikolo zikhethiweyo zinyanzelekile ukuba zenze isicelo sesi sithuba sengqesho.

2.5 UKWABIWA KWEZITHUBA ZEZIKOLO EKUGXILWE KUZO (FOCUS SCHOOL POSTS)
2.5.1 Izithuba ezingamashumi amahlanu anesixhenxe (57) zezikolo ekugxilwe kuzo ezisisigxina zabelwe izikolo ezithile ekugxilwe kuzo ukongeza phezu kwezo zithuba zootitshala zisisigxina ezabelwe isikolo ngo-2010.
2.5.2 Ezi zithuba mazisetyenziselwe kuphela qwaba injongo ebezabelwe yona kwaye maziqhubele phambili iinjongo zePhulo leZikolo ekuGxilwe kuzo (Focus School Initiative). Makwenziwe zonke iinzame zokuqinisekisa ukuba kugaywa kwezi zithuba ootitshala abafanelekileyo, abaqeqeshwe ncam ngokwasemfundweni. Ukuba akukho ndlela yakugaya utitshala ofanelekileyo noqeqeshwe ncam, kungathi ke kuqwalaselwe utitshala onamava ngesifundo eso ngenjongo yokuba aqeshwe, ngokuxhomekeka ekubeni kungeniswa izizathu ezibhaliweyo nezivokothekileyo zokuthethelela oko. Ukuba isikolo asisisebenzisi isithuba sengqesho ukulungiselela injongo esabelwe yona okanye ngaloo ndlela imiselweyo, isithuba eso siya kuthwathwa kuso size sinikwe esinye isikolo.
2.5.3 Ngenjongo yokuphucula imfundo nenqanaba lokupasa, izikolo ezikhethiweyo ze-MST (Maths, Science and Technology) kwezo kugxilwe kuzo, ingakumbi kwiMathematika neFizikhali Sayensi (Physical Science), zinikwe isithuba esinye ukongeza (iSithuba seNqanaba 1).
2.5.4 Inani lezithuba zezikolo ekugxilwe kuzo ngo-2010 linikwe kwileta eza kuthunyelwa kwiziko yokulazisa ngezithuba zootitshala elabelwe zona.
2.5.5 Inani lezithuba zengqesho zezikolo ekugxilwe kuzo alinxulumananga nokuhlelwa kwezikolo ngokweemeko ezithile (grading of the school). Nangona ezi zithuba zisisigxina, azithathelwa ngqalelo xa kubalwa inani lezithuba zonyuselo-sikhundleni ezabelwe isikolo.
2.6 IZITHUBA ZEZIKOLO ZE-DINALEDI
2.6.1 Uhlobo ezabiwe ngalo izithuba ezongeziweyo ezabelwe iZikolo zeDinaledi (Dinaledi Schools) (ukongeza phezu kwezo zithuba zabelwe isikolo ngasinye seDinaledi) luza kuhlala lunjalo lungatshintshanga.
2.6.2 Imigaqo esetyenziswa kwizithuba zezikolo ekugxilwe kuzo (focus school posts), ikwasetyenziswa nakwizithuba zeDinaledi. Nangona ezi zithuba zisisigxina, azithathelwa ngqalelo xa kubalwa inani lezithuba zonyuselo-sikhundleni ezabelwe isikolo.
2.7 IZITHUBA ZESIGABA SESISEKO (POSTS FOR FOUNDATION PHASE)
2.7.1 Sikhuphe izithuba eziyi-514 zeSigaba seSiseko kwizikolo eziziiprayimari ngo-2009. Siya kuzikhupha kwakhona ezi zithuba zengqesho kwakwezo zikolo ziziprayimari zinye, ukuba zisavuliwe ngo-2010. Ezi zithuba zengqesho zisisigxina. Zimbini izinto ezidlala indima ekumiseleni ukuba ngaba isikolo sikulungele na ukufumana isithuba sengqesho esilolu hlobo okanye akunjalo. Linani labafundi kwiSigaba seSiseko nomba wokuhlwempuzeka kwesikolo. Nangona esi sithuba sengqesho sisesisigxina, ezinye izikolo aziyi kufumana zithuba zengqesho ngo-2011. Makuqatshelwe ukuba ukufumana isithuba sengqesho ngo-2008, 2009 nango-2010 akuyi kubangela ukuba isikolo sifaneleke ukusifumana ngokuzenzekelayo isithuba ngo-2011. Makuqondwe ukuba isithuba sengqesho sinikwa izikolo ezihlwempuzekileyo ukunceda kwiziphumo zoLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala kwezo zikolo.
2.7.2 Silindele ukuba izikolo ezazifumene esi sithuba sengqesho ukulungiselela u-2010 zibonise apho isithuba sengqesho sisetyenziswe khona kwiSigaba seSiseko. Ukuba isithuba sengqesho besisetyenziswe kwibakala elithile, kulindeleke ukuba ubukhulu beklasi kuzo zonke iiklasi kwelo bakala ibe nabafundi abangaphantsi kwe-35 kutitshala ngamnye. Izikolo ezingasisebenzisiyo isithuba sengqesho ngalo ndlela sabiwe ngayo (prescribed manner) kwaye zingabonisi nkqubela kwiziphumo zoLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala kwelo bakala lichaphazelekayo, ziya kuphulukana neso sithuba sengqesho. Isithuba sengqesho masingasetyenziselwa ukwenza kulingane inani leeyure zokufundisa zootitshala kwithayimthebhile yesikolo.
2.7.3 Ezi Zithuba zeNqanaba 1 zongeziweyo mazisetyenziswe kuphela kwiSigaba seSiseko sesikolo.
2.7.4 Oku kuthetha ukuba zonke izikolo ezichaphazelekayo mazibenalo ubuncinane elona nani lisezantsi lezithuba zeSigaba seSiseko ngokuqhelekileyo elabiwa sisikolo KWAKUNYE nesithuba (nezithuba) sengqesho esongeziweyo seSigaba seSiseko esabelwe isikolo.
2.7.5 ISithuba seNqanaba 1 esongeziweyo (iZithuba zeNqanaba 1 ezongeziweyo) esabiweyo singazaliswa ngokusisigxina.
2.7.6 Ezi zithuba zengqesho zithathelwa ingqalelo xa kubalwa inani lezithuba zonyuselo-sikhundleni ezabelwe isikolo.
2.8 IZITHUBA ZOKUNCIPHISA UMLINGANISELO WENANI EMALIFUNDISWE NGUTITSHALA (LEARNER: EDUCATOR RATIO) KWIZIKOLO ZENQANABA 1 LENTLUPHEKO KUZWELONKE (NATIONAL QUINTILE 1 SCHOOLS)
2.8.1 Sabele izikolo eziziiprayimari ezili-112 izithuba ngokwenqanaba 1 lentlupheko kuzwelonke ngo-2010 ukwenzela ukuba kuncitshiswe umlinganiselo wenani emalifundiswe ngutitshala kwiSigaba seSiseko. Sikhuphe ezi zithuba zengqesho zanikwa izikolo ezikwinqanaba 1 lentlupheko kuzwelonke ezinamanani amakhulu abafundi beSigaba seSiseko. Oku kwenzelwe ukunika inkxaso isicwangciso soLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala seWCED, esinjongo yaso ikukuphucula iziphumo zoLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala kwiSigaba seSiseko. Ezi zizithuba ezisisigxina. Yimiba emibini edlala indima ekuqinisekiseni ukuba ngaba isikolo siya kufaneleka na kweso sithuba silolu hlobo: inani labafundi kwiSigaba seSiseko nomba wentlupheko (poverty factor) esikolweni. Nangona esi sithuba sengqesho sisesisigxina, ukufumana isithuba sengqesho esilolu hlobo ngo-2010 akuthethi ukuba isikolo siya kusifumana ngokuzenzekelayo isithuba ngo-2011. Isithuba sinikwa izikolo ezithwaxwa yintlupheko ukunceda kwiziphumo zoLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala kwezo zikolo. ISebe kufuneka libone ukuba isithuba sisetyenziswa ngokufanelekileyo.
2.8.2 Silindele ukuba ezo zikolo zifumene esi sithuba sengqesho ngo-2010 zibonise apho isithuba sengqesho sisetyenziswe khona kwiSigaba seSiseko. Ukuba isithuba sengqesho besisetyenziswe kwibakala elithile kwiSigaba seSiseko, kulindeleke ukuba ubukhulu beklasi bazo zonke iiklasi kwelo bakala ibe ngabafundi abangaphantsi kwe-35 kutitshala ngamnye. Izikolo ezingasisebenzisiyo isithuba sengqesho ngalo ndlela sabiwe ngayo (prescribed manner) kwaye zingabonisi nkqubela kwiziphumo zoLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala kwelo bakala lichaphazelekayo, ziya kuphulukana neso sithuba sengqesho. Isithuba sengqesho masingasetyenziselwa ukwenza kulingane inani leeyure zokufundisa zootitshala kwithayimthebhile yesikolo.
2.8.3 Ezi Zithuba zeNqanaba 1 zongeziweyo mazisetyenziswe kuphela kwiSigaba seSiseko sesikolo.
2.8.4 Oku kuthetha ukuba zonke izikolo ezichaphazelekayo mazibenalo ubuncinane elona nani lisezantsi lezithuba zeSigaba seSiseko ngokuqhelekileyo elabelwa isikolo KWAKUNYE nesithuba (nezithuba) seSigaba seSiseko esabelwe isikolo.
2.8.5 ISithuba seNqanaba 1 esongeziweyo (iZithuba zeNqanaba 1 ezongeziweyo) esabiweyo singazaliswa ngokusisigxina.
2.8.6 Ezi zithuba zengqesho mazingathathelwa ngqalelo xa kubalwa inani lezithuba zonyuselo-sikhundleni ezabelwe isikolo.
2.9 IZITHUBA ZOKUXHASA UKUFUNDA

Izithuba zokuXhasa ukuFunda kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ziqhagamshelwe kwizithuba ezabelwe izithili zemfundo yaye ke ngoko, aziveli kwizithuba ezabelwe izikolo, ngaphandle kwezo zabelwe izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinee-unit classes ezivunyiweyo.

2.10 IZITHUBA ZEETHERAPISTI

Kwabiwe izithuba zeetheraphisti ezine(4) ezongezelelweyo ngonyaka wezifundo ka-2010. Oku kwenza kube zizithuba ezili-136 zizonke ekufuneka zabelwe izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa.

2.11 IZITHUBA ZEESAYIKHOLOJISTI: IZIKOLO ZIKARHULUMENTE ZEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA (PUBLIC SPECIAL SCHOOLS)

Izithuba zeesayikholojisti kwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa, apho oku kusebenzayo, ziyinxalenye yezithuba zonyuselo-sikhundleni.

2.12 UKUHLAZIYWA KWEZITHUBA EZABELWE AMAZIKO NGO-2010
2.12.1 ISebe i-WCED labele amaziko aphantsi kwalo inani lezithuba elinako ukuzihlawulela ngokungqinelana neRPDM nemiqathango ecaciswe kule setyhula. Kuphela ngamagosa asebenza kwiCandelo loCwangciso loPhuhliso lwaBasebenzi leWCED anokuprintela isikolo uxwebhu olunamanani ezithuba zengqesho ezabelwe isikolo.
2.12.2 Sisebenzise amanani ewonke obhaliso lwabafundi ukususela nge-3 Matshi 2009 (njengoko zazixelelwe izikolo), ukubala inani lezithuba ezabelwe isikolo. Amanani ewonke abafundi akabandakanyi abafundi basepriprayimari. Ukuba isikolo sibe nengxaki yokwehla ngokukhawuleza nangokubonakalayo kwamanani obhaliso lwabafundi emva kwe-3 Matshi 2009, inani lezithuba zengqesho ezabelwe isikolo belifanele ukubanjwa ukuze lincitshiswe ukuba ulawulo lwesikolo alunako ukunika isizathu esivakalayo esingunobangela wokuhla kwanani abafundi ngokukhawuleza. Oku kungakhokelela kwiingxoxo zetyala loluleko (disciplinary hearings). Ezi zikolo zingakhange zigqibe ukufaka iinkcukacha zabafundi bazo kwiCEMIS ungekadluli owe-3 Matshi 2009, okanye ezo zibhalise inani elikhulu labafundi emva kwe-3 Matshi 2009, kuya kufuneka zenze izicelo zezithuba zengqesho ezongezelelweyo emva kosuku lwe-10 lwesikolo ngo-2010.
2.12.3 Izikolo ziya kuvunyelwa ukuba zifake isibheno esichasa ukubalwa kwenani lezithuba zengqesho azabelweyo amaziko zisebenzisa amanani azo obhaliso lwabafundi ango-2009. Ukuze kube nokuphikiswa ukubalwa kwenani lezithuba zengqesho, isikolo kuya kufuneka sinike ubungqina obungathandabuzekiyo bokuba iCandelo loCwangciso loPhuhliso lwaBasebenzi leWCED laziswa ngencwadi ebhaleliweyo phambi kowe-3 Matshi 2009 ukuba isikolo sibenengxaki yokuhlaziya ingcaciso yaso kwiCEMIS phambi kwe-3 Matshi 2009. Akukho simbi isizathu siya kwamkeleka. Izikolo ezilolu hlobo ziya kuvunyelwa ukuba ziphikisane nala manani okwabiwa kwezithuba zengqesho zango-2010 ngeleta ethunyelwe ngekhompyutha nekufuneka ifike ngethuba elisusela ngo-10:00 nge-16 Septemba 2009 kude kube ngu-15:00 nge-18 Septemba 2009. Akukho leta ebhalelwe naliphi na igosa lemfundo iya kuthathelwa ingqalelo ngalo mba. Akukho zileta ziphikisana nala manani okwabiwa kwezithuba ziya thathelwa ingqalelo liSebe iWCED ukuba zifike emva kwexesha.
2.12.4 Nakuba kunjalo, iSebe i-WCED liyayiqonda into yokuba kunokwenzeka ukuba kubekho iintloko zezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinqwenela ukuba kuhlaziywe ulwabiwo lwezithuba zamaziko azo ngenxa yeenguqu ezizodwa kakhulu (exceptional changes) kwiimeko zezikolo zazo. Izicelo ezixhaswa zizizathu ezivakalayo zokuhlaziywa kolwabiwo lwezithuba zamaziko (izicelo zezithuba zekharityhulam) mazingeniswe ngekhompyutha kwiCEMIS ukususela ngo-10:00 nge-5 Oktobha 2009 kude kube ngu-15:00 nge-23 Oktobha 2009. Zonke ezi zicelo zekhompyutha ziya kusetyenzwa ngowe-30 Novemba 2009 liCandelo loCwangciso loPhuhliso lwaBasebenzi leWCED. Akukho zicelo zifike mva ziya kuthathelwa ingqalelo. Akukho zibheno zichasene neziphumo zoko ziya kuvunyelwa. Iikhrayitheriya eziya kusetyenziswa ngethuba lenkqubo yokwabela izikolo izthuba zengqesho ezongezelelweyo iqulethwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loCwangciso loPhuhliso lwaBasebenzi 0008/2009.
2.13 UKUTSHITSHISWA KWEZITHUBA NGENXA YOKUNCIPHA KWENANI LOBHALISO NGOSUKU LOKUQALA LUKA-2010
2.13.1 Ukuba isikolo sifumana ukuba linciphile inani lobhaliso lwabafundi baso xa zivulwa izikolo ngo-2010, o.k.t. apho inani lobhaliso lwabafundi ngosuku lokuqala lwesikolo lingaphantsi kwenani lobhaliso lwabafundi eliboniswe kwizithuba zaso esizabelweyo ngo-2010, ezo zithuba zinokuzaliswa kuphela ngokungqinelana nomlinganiselo wenani labafundi emalifundiswe ngutitshala weso sikolo ngokwenani labafundi elibhalisileyo ngo-2010. Kwimeko enje ngale, makusetyenziswe umlinganiselo ongu-1:37 kwizikolo eziziiprayimari ize ibe ngu-1:33 kwizikolo eziziisekondari.
2.13.2 Oku kulapha ngasentla, ukwenza umzekelo, kuthetha ukuthi, ukuba inani lezithuba ezabelwe isikolo ngo-2010 (ngokususela kwidatha yeCEMIS 2009) yabafundi abali-1000, lithi libonelele ngezithuba ezingama-30 (enika umlinganiselo wenani labafundi emalifundiswe ngutitshala ongu-33.33: 1 kwisikolo sikarhulumente esiqhelekileyo esichaphazelekayo), lize inani lobhaliso lwabafundi kusuku lokuqala esikolweni ngo-2010 libe lingu-920 kuphela, ngoko ke inqununu inokuzalisa izithuba eziyi-28 kuphela, o.k.t ama-920 ohlula-hlulwe ngo-33.33 uba ngu-28 (27.60) (920÷ 33.33 = 28 (27.60)). Izithuba ezibini ezishiyekileyo ziya kutshitshiswa zize zabelwe ezinye izikolo apho kuye kwakho ukukhula kwamanani kuzo. Olu lwabiwo ngokutsha luya kususela kwakhona kwinani labafundi ababhaliswe kwiCEMIS.
2.13.3 Lo mqathango ukhankanywe apha ngasentla AWUSEBENZI kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo apho ZONKE izithuba ezikhoyo zizaliswe ngootitshala abasisigxina. Nakuba kunjalo, ukuba kuthi kuvuleke isithuba ngenxa yaso nasiphi na isizathu, kuya kusetyenziswa lo mqathango ulapha ngasentla.
2.14 UKUBALWA NGOKUTSHA KWEZITHUBA EZABELWE AMAZIKO NGENXA YOKUNCIPHA KWENANI LOBHALISO NGETHUBA LOKUQHUBEKA KUKA-2010
2.14.1 Lilungelo leSebe i-WCED ukutshitshisa iZithuba zeNqanaba 1 ukuba kukho ukuhla kwamanani obhaliso lwabafundi esikolweni ngethuba lokuqhubeka konyaka u-2010. Kwiimeko ezinjengezi ootitshala abaqeshwe ngokungesosigxina (in a temporary capacity), baya kutshintshelwa kwizithuba ezikwamanye amaziko. Ngako oko ke ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba, xa kugaywa ootitshala abaqeshwa ngokungesosigxina, mazibaxelele abenzi-sicelo ukuba mabazi ukuthi baqeshwa kukho into yokuba bangatshintshelwa kwamanye amaziko xa kutshitshiswa izithuba ngenxa yokuncipha kwenani lobhaliso lwabafundi.
2.14.2 Bonke abaqeshwe ngokwemvumelwano mabaqeshwe kuphela de kube yi- 31 Matshi 2010. Izithuba ezivunywe ngokusemthethweni zabaqeshwe phantsi kwemvumelwano (Substantive contract appointments) ezenziwe zaqalela ngowe-1 Apreli 2010, zingaqhubeka de kube yi-31 Disemba 2010, ukuba isikolo sifanelekile ukufumana isithuba sengqesho.
2.14.3 Silindele ukuba zonke izikolo zibe ziwahlaziyile amanani obhaliso azo onke kwi-CEMIS engadlulanga uLwesibini, we-2 Matshi 2010. Zonke izikolo ezinamanani obhaliso lwazo ngoLwesibini we-2 Matshi 2010 angaphantsi kunamanani obhaliso lwazo ange-3 Matshi 2009, kuya kufuneka libalwe ngokutsha inani lezithuba ezabelwe lona ungadlulanga owe-12 Matshi 2010. Kwimeko apho isikolo kufuneka siphulukene nesithuba saso okanye nezithuba zaso, ngoko ke inani lezithuba ezivunywe ngokusemthethweni zabaqeshwe phantsi kwemvumelwano (number of substantive contract appointments) ezilingana okanye ezingaphantsi kwenani lezithuba isikolo esiphulukana nazo, asiyi kuzifumaneka ukususela nge-1 Apreli 2010.
2.14.4 Kwimeko yaxa kwande amanani obhaliso lwabafundi ukususela kowe-3 Matshi 2010 ukuya kwi-26 Januwari 2010, isikolo siya kuvunyelwa ukuba sifake isicelo ekhompyutheni (apply online), ngethuba elisusela kwi-13 Januwari 2010 ukuya kwi-29 Januwari 2010, ukucela isithuba sengqesho sokwanda kwesikolo (growth post). Inani lobhaliso lilonke (enrolment total) elithathelwa ingqalelo liya kuba linani elilonke lobhaliso kwi-CEMIS xa bekufakwe isicelo.
2.14.5 Isikolo esithi ngabom singabakhuphi ezincwadini abafundi abaphumileyo esikolweni (deliberately does not de-register) ungadlulanga owe-2 Matshi 2010, siya kubangela ukuba libalwe ngokutsha inani lezithuba zootitshala esabelwe lona eso sikolo (educator staff establishment recalculated).
2.15 UKUDALWA KWEZITHUBA NGENXA YOKWANDA KWENANI LOBHALISO NGO-2010
2.15.1 Izicelo ezenziwa zizikolo kwiSebe i-WCED zokudalwa kwezithuba ezongeziweyo kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngenxa yokwanda kwenani lobhaliso lwabafundi okanye ngenxa yezinye iimeko ezingqongileyo (other contextual factors), mazingeniswe ngekhompyutha ngokuzithumela nge-CEMIS. Akukho sicelo siya kuqwalaselwa ukuba asingeniswanga ngokusebenzisa ikhompyutha sithunyelwe nge-CEMIS. Ezi zicelo mazingeniswe ngethuba elisusela kwi-13 Januwari 2010 ukuya ngo-15:00 ngoLwesihlanu we-29 Januwari 2010.
2.15.2 Kucelwa iinqununu ziqaphele oku kulandelayo:

  • Izicelo zokongezelelwa izithuba aziyi kuthathelwa ngqalelo emva kokuphela kwekota yokuqala ngo-Matshi 2010;
  • Ukutyunjwa kootitshala kwizithuba ezongezelelweyo zizikolo ebezifake izicelo ngenxa yokwanda kunye/okanye yeemfuno zekharityhulam yesikolo, kungenziwa kuphela emva kokuba kufunyenwe imvume ebhaliweyo evela kuMlawuli weCandelo loCwangciso loPhuhliso lwaBasebenzi okanye kulowo adlulisele kuye amagunya.

3. IZITHUBA ZIKA-2010 (2010 ESTABLISHMENTS)
3.1 UKUZALISWA KWEZITHUBA XA KWANDISWE INANI LEZITHUBA
3.1.1 Kwimeko apho kuye kwakho ukwanda kwinani lezithuba zootitshala elabelwe isikolo sikarhulumente esiqhelekileyo, izithuba ezitsha eziye zavela zinokuzaliswa ngolu hlobo lulandelayo:

  • Ngokumatanisa nokufaka esithubeni ootitshala abangaphezu kwemfuneko (by matching and placing of staff in excess) (Makuqatshelwe ukuba ukumatanisa nokufaka esithubeni ootitshala abangaphezu kwemfuneko yinkqubo eqhubeka okokoko, nekhethwa kuqala kunaleyo yokupapashwa kwezithuba.);
  • Ngokupapashwa kuLuhlu lweZithuba zeNgqesho ngenjongo yokuzaliswa ngokusisigxina kwezithuba ezilolu hlobo. (Oku kuthetha ukuba iZithuba zeNqanaba 1 nezithuba zonyuselo-sikhundleni mazipapashwe ngokukhawuleza kakhulu kangangoko oku kunokwenzeka.);
  • Ngokuqeshwa kootitshala ngokusisigxina okanye ngokungesosigxina okanye ngokuthi babe ngababambeleyo (in an acting capacity) ngokwemigaqo emiselweyo yomgaqo-nkqubo okhoyo.
3.2 UKUZALISWA KWEZITHUBA XA KUNCITSHISWE INANI LEZITHUBA
3.2.1 Kwimeko apho liye lancipha inani lezithuba kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa (o.k.t. apho kutshitshiswe isithuba okanye izithuba), isikolo singazalisa kuphela elo nani lezithuba libonisiweyo kuluhlu lwezithuba esizabelweyo. Ngako oko ke oku kuthetha ukuba isikolo asinako konke konke ukuzalisa ngaphezu kwenani lezithuba esizabelweyo.
3.2.2 Ukuba kuthe kwakho inani lootitshala abaqeshwe ngokusisigxina elingaphezu kwenani lezithuba ezabelwe eso sikolo, eso sikolo masingaze siphinde siqeshe abanye ootitshala nokuba ngaba kungokusisigxina okanye ngokungesosigxina.
3.2.3 Ziyakhunjuzwa kwakhona iintloko zamaziko emfundo ukuba iSebe i-WCED aliliniki iziko ootitshala abambeleyo apho kukho ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina abangaphezu kwenani lezithuba.
3.2.4 Ootitshala abaqeshwe ngokusisigxina mabavakaliswe njengabangaphezu kwemfuneko (be declared in excess) ngokweSigqibo 2/2003 seMvumelwano neMibutho yaBasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (ELRC Collective Agreement 2/2003).
3.3 UKUZALISWA KWEZITHUBA EZIPAPASHIWEYO
3.3.1 Zonke izithuba esele zipapashwe kuLuhlu lweZithuba zeNgqesho lweSebe zingazaliswa ngokusisigxina, ngokuxhomekeka ekubeni isithuba eso sikho kwinani lezithuba ezabelwe iziko ngo-2010.
3.3.2 Ukuba kuthe kanti isithuba eso asikho kwinani lezithuba ezabelwe iziko ngo-2010, elo ziko alinalungelo leso sithuba yaye eso sithuba siya kuthathwa ngokuba sipapashwe ngempazamo.
3.3.3 Usaza kuhlala usebenza umgqaliselo othi isithuba esipapashiweyo (ngakumbi isithuba sonyuselo-sikhundleni) singazaliswa kuphela xa singazi kudala omnye utitshala ongaphezu kwemfuneko.
3.3.4 Ukuba iintloko zamaziko emfundo kunye namabhunga olawulo zithi zibe noluvo lokuba inkcazo yesithuba esipapashiweyo ayisazanelisi iimfuno zekharityhulam zelo ziko, zinokucela iSebe i-WCED ukuba lisithathe eso sithuba njengesipapashwe ngempazamo. Isicelo esilolu hlobo masihambe kunye nenkcazo ebanzi yezizathu ezisixhasayo.
3.4 UKUZALISWA KWEZITHUBA ZOKUKHAWULELANA NEMEKO YETHUTYANA

Ukuzaliswa kwezithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana (ad hoc posts) kungenziwa kuphela ngokuthi kuqeshwe abangesosigxina (in a temporary capacity). Kuya kuqeshwa kuzo zonke izithuba zokukhawulelana nemeko yethutyana (ad hoc posts) de kube ngowe-31 Matshi 2010. Ezi zithuba ziya kugcinwa zizikolo nasemva kwalo mhla xa ngaba isikolo sisafanelekile emva kokubalwa ngokutsha (recalculation) okusekelwe kumanani obhaliso ewonke ange-2 Matshi 2010. Ukuqeshwa kotitshala osesikhundleni ukukhawulelana nemeko yethutyana (an ad hoc post-holder) akunakugqithela ngaphaya kowama-31 Disemba 2010.

3.5 OOTITSHALA ABANGAPHEZU KWEMFUNEKO
3.5.1 Ootitshala esekuthiwe bangaphezu kwemfuneko, ngokususela kulwabiwo lwezithuba lwangaphambili nangokungqinelana neenkqubo zangaphambili, nabasengaphezu kwemfuneko nangoku, baya kugcina loo meko yabo yokubangaphezu kwemfuneko (retain their in excess status). Imeko yaba titshala iya kusingathwa ngokulandela iimvumelwano ezikhoyo ngoku kunye nemibutho yabasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (ELRC).
3.5.2 Aba titshala bangaphezu kwemfuneko (funda umhlathi 3.5.1) banokufakwa ezithubeni ezabelwe amaziko ngokutsha ngokuthi kumataniswe (by matching) izithuba ezilingana nezo bakuzo baze ke baqeshwe apho kuzo (funda umhlathi 3.1.1 (a)).
3.5.3 Njengoko kucacisiwe kumhlathi 3.2.4 apha ngentla, ootitshala abaqeshwe isigxina mabaziwe (must be identified) njengabangaphezu kwemfuneko ngokweSigqibo 2/2003 seMvumelwano neMibutho yaBasebenzi ekwiBhunga leMfundo lezoBudlelane emiSebenzini (ELRC)

4. IMIBUZO

Kucelwa ubhekise yonke imibuzo emalunga nale setyhula (imiqathango njl.njl.) kubaphathi beekomiti zeesekethe.


5. IZINTO NGOKUBANZI

Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo ukuze bakuthathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:28