1. IIMFUNO EZINTSHA ZOKUQHUBELA PHAMBILI NOKUPASA (PROGRESSION AND PROMOTION REQUIREMENTS ) KUMABAKALA 1 - 9
1.1 IBhunga laBaphathiswa bezeMfundo libone kukho imfuneko yokuba kumiselwe ezona mfuno zisezantsi zokuqhubela phambili kumaBakala 1 - 8 nokupasa ukususela kwiBakala 9 ukuya ku-10 kwaye oku kwaziswa izikolo ngeSetyhula 18/200918/2009. Kodwa ke ileta efike emva koko yomhla we-5 Agasti 2009, evela kwiSebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education), ngoku ibonisa ukuba umgaqo-nkqubo wovavanyo uya kufakwa kwigazethi kwakuba kufakelwe iingcebiso kuwo ezivele emva kokuhlalelwa kwajongisiswa kwakhona (review) ukuphunyezwa kweNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke. Ngako oko ke, iimfuno zokuqhubela phambili nokupasa ezikwiSetyhula 18/2009 ziya kuba zezinyanzelekileyo kwizwelonke liphela ukususela ngo-2010.
1.2 Ngako oko ke, izikolo maziqhubeke nenkqubo yokuqhubela phambili nokupasa kwabafundi (progress and promote learners) ngo-2009, zisebenzisa iikhrayitheriya zokuqhubela phambili nokupasa ezicaciswe kwiGazethi kaRhulumente No. 29626 ka-2007.
1.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyaxolisa ngokuthi kubekho imfuneko kwakhona yokuba liphinde litshintshe imiqathango eyapapashwa ngaphambili kwaye licela uxolo ngokubhideka nangenkxamleko ebangelwe koku ezikolweni. Nangona kunjalo, uninzi luya kusivuyela esi sigqibo sokuphumeza iimfuno zokuqhubela phambili nokupasa ukususela ngo-2010, njengoko uninzi lweenqununu zezikolo besele zivakalise inkxalabo malunga nexesha lokuphumeza oku.
1.4 Ziyacetyiswa iinqununu zezikolo njengangoku ukuba ziwusingathe lo mba ngokufanelekileyo yaye zibalungiselele ngokwaneleyo ootitshala, abafundi nabazali abaya kuchatshazelwa zezi mfuno zintsha ngo-2010.
2. UKUREKHODA NOKULUNGISELELA UKWENZIWA KWEERIPOTI KUMABAKALA 9
2.1 Omabini amaCandelo e-CTA u-A no-B aya kwenziwa ngethuba lekota yesine. ICandelo B malenziwe ngokungqinelana nethayimthebhile kazwelonke ehamba kunye nale setyhula njengesiHlomelo A.
2.2 Ngo-2009, iCandelo A le-CTA novavanyo oluqhubekela esikolweni (SBA) ziya kwenza i-75% yamanqaku okupasa ewonke kwiBakala 9 kwinkalo yesifundo nganye. ICandelo A le-CTA liya kuba yi-10% luze uvavanyo oluqhubekela esikolweni lube yi-65% yamanqaku e-SBA okuphela konyaka.
2.3 Ngako oko ke, iCandelo B le-CTA liya kuba yi-25% yamanqaku okupasa okuphela konyaka kwinkalo yesifundo nganye.
2.4 Iishedyuli ezihlaziyiweyo ezikwikhompyutha (Revised electronic versions) zeBakala 9 ziya kwenziwa zifumaneke kuzo zonke izikolo kungekudala kwiziko lewebhu le-CEMIS apha http://wcedmis.pgwc.gov.za/wcedmis/ phantsi kwesihloko esithi Reports and Assessments.
3. ISATIFIKETHI I-GENERAL EDUCATION CERTIFICATE
3.1 IBhunga laBaphathiswa bezeMfundo livumile ukuba imfundo esisiseko (basic education) mayaziwe njengangoku njengemfundo eqalela kwiBakala R ukuya kwiBakala 12.
3.2 Ngenxa yoku kulapha ngentla, iBhunga lenze isigqibo sokuba akusekho mfuneko yokuba kubekho iGeneral Education Certificate (GEC).
3.3 Ngako oko ke iphelisiwe inkqubo ebilingwa ye-GEC.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni licela uxolo ngako nakuphi na ukuxhamleka okubangelwe zezi nguqulelo zenziwe kade kwimiqathango eyapapashwa ngaphambili. Sizimisele ukunceda izikolo ukuba zikwazi ukuyilawula bhetele imfundo kwaye sizibophelele ekubeni sisoloko siqhubeka nokuthetha-thethana nabo bonke abachaphazelekayo ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ukuba izinto eziqaliswayo (introductions) ezichaphazela inkqubo yezikolo zipapashwa ngaphambi kokuba kuphele uSeptemba ngonyaka owandulela ukuphunyezwa kwazo.
5. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, abazali nabanye abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:27

"Annexure A: Common Tasks for Assessment: Section B Timetable"  (ubukhulu: 59 KB)