1. Bonke abathengisi abangenisa iikowuteshini zabo mabaxele kwisiHlomelo C (Declaration of Interest) ukuba ngaba abalawuli babo okanye abanini-zabelo (shareholders) babo bangabaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni okanye belinye isebe lephondo okanye likazwelonke. Makuzaliswe isiHlomelo C ngawo onke amaqela anika amaxabiso aze asisayine. Akukho xabiso liya kuqwalaselwa ukuba asiqhotyoshelwanga isiHlomelo C esizalisiweyo.
2. Onke amalungu ekomiti eyenza izigqibo ngokuvunywa kweekowuteshini, makazalise ifom yesiHlomelo B (Declaration of Confidentiality and Impartiality) efakwe apha, aze ayisayine. Usihlalo wekomiti makathi emva koko, ayisayine le fom aze aqinisekise ukuba, ngokumalunga nayo nganye ikowuteshini eyenzelwa isigqibo yikomiti, ngalinye ilungu lekomiti lizalisa ifom yesiHlomelo B lize liyisayine.
3. Ukuba umthengisi uvakalisa ukuba umlawuli okanye umnini-zabelo uqeshwe ngurhulumente, kufuneka ke ngoko icandelo labaqeshi kwi-ofisi eyintloko efanelekileyo (relevant head office) lingqine ukuba umqeshwa karhulumente ochaphazelekayo unikwe imvume efunekayo yokuba enze loo msebenzi anika ixabiso ngenxa yawo naya kuthi ngawo afumane intlawulo.
4. Onke amalungu angabasebenzi abecandelo lolawulo loqhagamshelwano lwabathengi nabathengisi kwizithili zemfundo, kwakunye namalungu eekomiti ezikhankanywe kumhlathi 2, kufuneka nawo azalise isiHlomelo A ubuncinane qho ngonyaka okanye xa ingcaciso enikwe kwifom itshintshile. Zonke iifom zesiHlomelo A (Financial Disclosure) ezizaliswe ngokupheleleyo mazifakwe kwifayili eyahlukileyo zize iifom zesiHlomelo B zifakwe kwifayili namaxwebhu okhuphiswano ngamaxabiso okanye neekowuteshini zamaxabiso afanelekileyo ukulungiselela iinjongo zokuphicothwa kweencwadi (for audit purposes).
5. Kucelwa wazise bonke abasebenzi abachaphazelekayo okukule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo. Mabangqine ukuba bayifumene baza bayifunda ngokuthi basayine i-circulation list.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:27

"Annexure A: Financial Disclosure Form"  (ubukhulu: 16 KB)
"Annexure B: Declaration of Confidentiality and Impartiality</a>"  (ubukhulu: 9 KB)
"Annexure C: Declaration of Interest"  (ubukhulu: 8 KB)