1. Kucelwa nifunde le Setyhula 0022/2008 yomhla we-6 Agasti 2008 malunga noku kulapha ngasentla.
2. Umhlathi 1.1 wale setyhula ikhankanywe apha ngasentla, unika umlawuli igunya lokuvuma ukusetyenziswa kwezibonelelo ezingezizo ezeSebe iWCED (izikolo, iikholeji zobugcisa, izibonelelo ezikwii-ofisi zezithili zemfundo) ukulungiselela iinjongo zokuqhutywa kweeseshoni zoqeqesho neentlanganiso zaseburhulumenteni, kuphela kwiimeko ezizodwa (in exceptional circumstances). Kutshanje kuye kwasetyenziswa iihotele ngeendleko ezinkulu ngeenjongo zokuqhutywa koqeqesho. Ootitshala baye bahlaliswa kwakwezo hotele. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kulandelwa ngqo iindlela zokonga imali ezichazwe kule Setyhula 0022/2008 ye-6 Agasti 2008, zonke izicelo zokusetyenziswa kweehotele okanye kwamakhaya eendwendwe (guesthouses) ukulungiselela iinjongo zoqeqesho kufuneka zixhaswe zizizathu ezivokothekileyo ezithethelela ukusetyenziswa kwezo zibonelelo zize zingeniswe kwiSekela Mlawuli-Jikelele elifanelekileyo. Phakathi kwezo zizathu, makuboniswe ezi zinto zilandelayo:

  1. Iinzame ezenziweyo zokusebenzisa iziko lemfundo yaye
  2. Isizathu sokuba (izizathu zokuba) kungani na iziko lemfundo elikhoyo lingenako ukuhlangabezana neemfuno zendibano yaseburhulumenteni ethile.
3. Irikhwizishini ehamba kunye nemvume ekhankanywe apha ngasentla mayidluliselwe kwiCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo (Directorate: Procurement Management) ukwenzela ingacaciso egcweleyo.
4. Kucelwa uqinisekise ukuba onke amagosa ayawazi lo mgqaliselo ulapha ngasentla.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:25