1. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lweesetyhula ezikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni ngekota yesibini ka-2009.
2. Iisetyhula zithunyelwa ngefomathi ye-imeyili, kodwa izikolo ezingekabinayo i-imeyili zisaza kuqhubeka zifumana iikopi zeesetyhula ezingamaphepha. Ukuba iisetyhula zinezihlomelo ezingenako ukuthunyelwa nge-imeyili, ziya kufumaneka iikopi zazo ezingamaphepha.
3. Luxanduva lwezikolo namagosa ukutshekisha mihla le i-imeyili yazo ukuze zihlale zinolwazi ngazo zonke iisetyhula kwanoko kubhalwe kuzo njengoko la maxwebhu ebaluleke kakhulu ukuze likwazi ukusebenza ngempumelelo iSebe leMfundo leNtshona Koloni. Liza kutshekisha iSebe leMfundo ukuba izikolo zizifumene zaza zazivula na iisetyhula ezithunyelwe kuzo.
4. Mazincede izikolo namagosa zenze iifolda kwiikhompyutha zazo ukwenzela ukugcina ezi setyhula, zisebenzise le ndlela isetyenziswa ngokubanzi kumagama eefolda "WCED circulars 2009". Ezi setyhula mazigcinwe kwirekhodi ngalo lonke ixesha zisasebenza ngokusemthethweni.
5. Ziyafumaneka iisetyhula ezakhutshwa ukususela ekuqaleni kuka-2003 kweli phepha lewebhu yeSebe leMfundo leNtshona Koloni: http://wced.wcape.gov.za/circulars/index_circmins.html.
6. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.
7. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-SH MAFANGA-KIBI
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:08:03

"List of circulars for the period 01 April 2009 - 30 June 2009"  (ubukhulu: 9 KB)