1. Kuvunyiwe ukwandiswa kwezi bhasari zilandelayo ukususela kwi-1 Apreli 2009:
1.1 Ezona ntlawulo ziphezulu zeebhasari zokubhoda ezihlawulwa abafundi abasweleyo abakwiihostele zezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zandisiwe ukusuka kwi-R5 174.00 ukuya kwi-R5 640.00 ngomfundi ngonyaka;
1.2 Ezona ntlawulo ziphezulu zeebhasari zokubhoda kwiindawo zabucala neebhasari zezothutho ezihlawulwa abafundi abasweleyo kwezi zithili zemfundo, West Coast, Cape Winelands, Eden & Central Karoo ne-Overberg, zandisiwe ukusuka kwi-R1 206.00 ukuya kwi-R1 315.00 ngomfundi ngonyaka.

QAPHELA: Zonke ezi bhasari zingentla zibalwa ngokungqinelana novavanyo lobungakanani bemfuno (means test) oluvunyiweyo neekhrayitheriya ezimiselweyo ezicaciswe kwiSetyhula 0143/1998 ye-6 Novemba 1998 nakwiSetyhula 0029/2001 ye-13 Matshi 2001.

2. Kukwavunyiwe kwakhona ukwandiswa kwezi nkxaso-mali zabasebenzi zilandelayo ukususela nge-1 Apreli 2009:
2.1 Inkxaso-mali (subsidy) yabasebenzi ehlawulwa kwizikolo zikarhulumente ezinenani labafundi ababhalisileyo elingaphantsi kwabafundi abayi-201 ukwenzela ukuthenga iinkonzo zezolawulo nezokucoca, yandisiwe ukusuka kwi-R346.00 ukuya kwi-R377.00 ngomfundi ngonyaka;
2.2 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zikarhulumente ezinenani labafundi ababhalisileyo elingaphantsi kwabafundi abayi-50 abahlala ehostele ukwenzela ukuthenga ukutya kwesondlo (nutrition) neenkonzo zokucoca, yandisiwe ukusuka kwi-R4 800.00 ukuya kwi-R5 232.00 ngomfundi ngonyaka;
2.3 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa ecaweni okanye kwiihostele zabucala ukwenzela ukuthenga ukutya kwesondlo (nutrition) neenkonzo zokucoca, yandisiwe ukusuka kwi-R1 208.00 ukuya kwi-R1 317.00 ngomfundi ngonyaka.
3. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane amalungu ebhunga lolawulo lesikolo nabo bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-LJ ELY
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:07:22