1. ISebe leMfundo kuzwelonke lenze ukuba kubekho umzekelo womgaqo wokuziphatha wezikolo. UMthetho weZikolo waseMzantsi, uMthetho, 1996 (uMthetho 84 ka-1996) ukhuthaza ngokucace gca umgaqo wokuba isikolo kufuneka siqulunqe uMgaqo wokuZiphatha waBafundi waso. Nakuba kunjalo, isikolo ngasinye masiqaphelisise ngenyameko enkulu ukuba umgaqo waso uqulunqwa ngeendlela ezilawulwa yidemokhrasi nothetha-thethwano. Masiqinisekise kwakhona ukuba yonke imimiselo yawo iyangqinelana noMgaqo-siseko waseMzantsi Afrika, nobandakanya uMqulu waMalungelo oLuntu - ngakumbi amalungelo abantwana.
2. Umgaqo wokuziphatha mawucacise gca imithetho (rules) emalunga nokuziphatha kwabafundi esikolweni kwaye uchaze inkqubo yoluleko emayiphunyezwe sisikolo kumasango aso okanye xa bephumile ukuya kumela isikolo okanye beye kwitheko lesikolo.
3. Sinqwenela ukugxininisa ukuba izikolo mazibethelele le mimiselo kumgaqo wokuziphatha wazo Regulations for Safety Measures at Public Schools, ebhengezwe yiGovernment Notice measure 4 of 1040 of 12 October 2001 (as amended by Government Notice R1128 in Government Gazette 29376 of 10 November 2006), SASA (84/1996) and the Amendment: Regulation for Safety Measures at Public Schools 29376, 10 November 2006, njengoko inxulumene nokubakho kwezixhobo eziyingozi okanye iziyobisi ezingekho mthethweni kumasango ezikolo zikarhulumente okanye kumntu othile ezikuye ngokuchasene nale mimiselo.
4. Ukuncedisa izikolo ukuba ziqulunqe uMgaqo wokuZiphatha wazo ngenjongo yokuseka indawo enocwangco nelawulwa ngendlela eyiyo neneenjongo elungiselela ukuba kufundiswe yaye kufundwe esikolweni, sifake ikopi yencwadi ekwikhompyutha (electronic copy of the book), uMgaqo wokuZiphatha weSikolo ukukuncedisa ukuba uqulunqe umgaqo wokuziphatha wesikolo sakho.

Le ncwadana icacisa oku kulandelayo:

ICandelo 1: Imithetho yeSikolo (School Rules)

ICandelo 2: Inkqubo yoLuleko (Disciplinary System)

IsiHlomelo A:

  • IFom yokuZibophelela koMfundi
  • IsiHlomelo B:

  • Itheyibhile 1: Uluhlu lwezenzo zolwaphulo-mthetho ngokodidi lolwaphulo-mthetho ngalunye
  • Itheyibhile 2: Uluhlu lwezohlwayo ezinokuwiswa (possible disciplinary sanctions) ngokodidi 1, 2,
        3, no-4 lolwaphulo-mthetho ngalunye, ngokulandelelanayo
  • IsiHlomelo C:

  • Umzekelo weSilumkiso esiBhaliweyo
  • IsiHlomelo D:

  • Umzekelo weSilumkiso esiBhaliweyo sokuGqibela
  • IsiHlomelo E:

  • Umzekelo weSaziso seNtlanganiso yokuXoxa iTyala loLuleko (Disciplinary Hearing)
  • IsiHlomelo F:

  • Umzekelo wokuRekhodwa kweeNgxoxo zeTyala loLuleko (Disciplinary Hearing)
  • IsiHlomelo G:

  • Umzekelo wokuFaka isiBheno (Ifom yokuHlalelwa kwaso (Review Form))
  • 5. Sinethemba lokuba niya kusifumana esi sikhokelo siluncedo nokuba niya kuqulunqa umgaqo wokuziphatha oya kuninceda ekubeni nenze isikolo sibe yindawo ekhuselekileyo yokufundisela nokufundela.


    ISAYINWE: NGU-RB SWARTZ
    INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
    UMHLA: 2009:06:30


    "Complete booklet: 
    A Code of Conduct for a School"  (ubukhulu: 409 KB)

    "Introduction and Part 1: School Rules"  (ubukhulu: 134 KB)
    "Part 2: Disciplinary System"  (ubukhulu: 108 KB)
    isiHlomelo:  "Annexures A - G"  (ubukhulu: 190 KB)