ISIKHOKELO SEZOKHUSELEKO SEEKOMITI ZOKHUSELEKO LWEZIKOLO



1. Izikolo ezenza isicelo senkxaso kwiSebe iWCED: I-ofisi yoLawulo loKhuseleko kwezeMfundo, kwakunye nezo zikolo zisebenzisa iinkonzo zokhuseleko bucala, mazihambe ngokwesi sikhokelo.

2. Iinkonzo zokhuseleko ekuthi ngenxa yazo iSebe iWCED, nge-ofisi yoLawulo loKhuseleko kwezeMfundo, linike igunya isikolo zingafunelwa kuphela amathutyana amafutshane angadlulanga kwiiveki ezimbini kwaye ziya kuqwalaselwa kuphela xa iindlela zokhuseleko ezisetyenziswayo zithe zoyisakala ngenxa yokunokaliswa okanye ngenxa yeemeko ezigabadeleyo, xa ubomi bootitshala nabafundi nabasebenzi abanika inkxaso busemngciphekweni wokwenzakala.

3. Isicelo esibhaliweyo sokhuseleko okwethutyana masenziwe kuMququzeleli weZikolo eziKhuselekileyo weSithili okanye kwabezoLawulo loKhuseleko kwezeMfundo, kwaNdlunkulu, eKapa.
3.1 Kucelwa usithumele ngefeksi apha 021 467 2573 unike inkcazo epheleleyo yemfuneko yenkonzo elolu hlobo.
3.2 Kucelwa ufonele kule nombolo 021 467 2598 ukungqinisisa ukuba bayifumene ifeksi. Isikolo siya kufumana impendulo ebhaliweyo ephendula isicelo saso phambi kokuba kuphele usuku lomsebenzi ngolo suku.

4. Esi sikhokelo masifundwe neziHlomelo A no-B
IsiHlomelo A Amaxwebhu axhasayo afunekayo ukulungiselela intlawulo yeenkonzo zokhuseleko ezenziweyo
IsiHlomelo B Imfuno ezimiselwe ngumthetho, imigaqo nemigqaliselo yokuqeshwa kwabeenkonzo zokhuseleko
5. Kucelwa wazise okubhalwe kule Setyhula bonke ootitshala, abazali, abafundi kunye nabo bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-RB SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:30

IsiHlomelo A: AMAXWEBHU AXHASAYO AFUNEKAYO UKULUNGISELELA INTLAWULO YEENKONZO ZOKHUSELEKO EZENZIWEYO  (ubukhulu: 14 KB)
IsiHlomelo B: IIMFUNO EZIMISELWE NGUMTHETHO, IMIGAQO NEMIGQALISELO YOKUQESHWA KWABEENKONZO ZOKHUSELEKO.  (ubukhulu: 21 KB)