1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lizimisele ukuqhubeka nokunika inkxaso okokoko nokuxhasa ukuphunyezwa kweNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke njengoko kugunyaziswa ngumgaqo-nkqubo kazwelonke (2002), sisiCwangciso soLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala seWCED (Literacy and Numeracy Strategy (2006 - 2016) naliPhulo leZiseko zoKufunda) (Foundations for Learning Campaign (2008 - 2011). 2.
2. Ngenxa yoku kuye kwaveliswa iincwadi zomgaqo-nkqubo wekharityhulam zeSigaba seSiseko (AmaBakala R - 3) nezeSigaba esiPhakathi (AmaBakala4 - 6). Ezi ncwadi zineNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke epheleleyo (NCS) noMgaqo-nkqubo iNational Policy on Assessment and Qualifications (NPAQ) wezikolo ezikwiCandelo leGET, wesigaba ngasinye. Ukudityaniswa kwamaxwebhu asisiShwankathelo seNCS (NCS Overview), nazo zonke iiNkcazo zeeNkalo zeZifundo zeNCS (NCS Learning Area Statements) ne-NPQA kwincwadi enye, ejolise ngqo kwiSigaba, kwenza ootitshala namagosa bakwazi ukufikelela ngokulula kumgaqo-nkqubo ojolise ngqo kwisigaba.
3. ICandelo leKharityhulam yeGET linovuyo ukwazisa ukuba ezi ncwadi ziza kuziswa ngoJuni 2009 ngolu hlobo lulandelayo:

  • kuzo zonke izikolo eziziiprayimari zikarhulumente: Inani leekopi zeencwadi zeSigaba seSiseko neSigaba esiPhakathi ezisiwa kwisikolo ngasinye lisekelwe kwidatha yeCEMIS. Kukho incwadi yeSigaba seSiseko katitshala ngamnye kumaBakala R - 3 nencwadi yeSigaba esiPhakathi katitshala ngamnye kumaBakala 4 - 6 kwakunye neyenqununu. Ukuba inani ootitshala lahlukile kwinani leencwadi ezizisiweyo, kucelwa iinqununu zizalise iNgxelo yokuZiswa kweeNcwadi yeSikolo (School Delivery Report).
  • kuzo zonke ii-ofisi zezithili zemfundo: Ishedyuli enika iinkcukacha zeencwadi ezisiwe ezikolweni (distribution breakdown) yamagosa, iya kuthunyelwa kumlawuli wesithili semfundo.
4. Ezi ncwadi azinamgaqo-nkqubo mtsha, koko zinomgaqo-nkqubo okhoyo ngoku othe wenziwa wangumqulu oyincwadi ejolise ngqo kwisigaba (phase-specific book). Nangona kunjalo, ngenxa yokuba kuveliswe le ncwadi, iNPQA iye yafakelwa izilungiso kwaye ezi zilungiso kufuneka ngoku nazo zibandakanywe. Ngokumalunga noku, makufundwe iSetyhula 0018-2009: Iimfuno eziMiselweyo zokuQhubela Phambili kunye nokuPasa kumaBakala 1 - 9 ukususela ngo-2009 (Progression and Promotion Requirements for Grades 1 - 9 as from 2009).  IsiHlomelo A sinezihlonyelwa (addenda) nemazincanyathiselwe kwezi ncwadi zomgaqo-nkqubo.
5. Ezi ncwadi zomgaqo-nkqubo kufanele zongezwe kumqulu wencwadi oyi-curriculum resource pack owawunikwe utitshala ngamnye weBakala R - iBakala 6 kulo nyaka uziiShedyuli zoMsebenzi neZikhokelo zeSebe iWCED (WCED Work Schedules Guides) (kwiibhokisi eziblowu). Kufuneka utitshala ngamnye afumane ngoku incwadi yomgaqo-nkqubo aza kuyigcina kunye neshedyuli yomsebenzi. Ezi zinto zombini zisetyenziswa kunye - umgaqo-nkqubo nguwona uluxwebhu oluyintsusa (source document) ekusekelwe kulo iishedyuli zomsebenzi.
6. Ootitshala beBakala R nabo mabafumane ikopi yencwadi yeSigaba seSiseko (Foundation Phase book).
7. Ezi ncwadi zemigaqo-nkqubo zihlala ziyiprophathi yesikolo/yesithili semfundo yaye ke ngoko mazifakwe istampu sesikolo zize zifakwe kwi-inventri yesikolo.
8. ICandelo leKharityhulam yeGET leWCED liyayivuyela ingxelo engamava afunyanwa ngootitshala (feedback) malunga nokusetyenziswa kwezi ncwadi. Iikhomenti zingathunyelwa kulo givanwyk@pgwc.gov.za okanye kulo mcameron@pgwc.gov.za.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:06:17

iNgxelo yokuZiswa kweeNcwadi yeSikolo  (ubukhulu: 13 KB)
IsiHlomelo A  (ubukhulu: 13 KB)