1. UKUNYUSWA KWENKXASO-MALI ENIKWA UMFUNDI NGAMNYE

Kuvunyiwe ukunyuswa kwenkxaso-mali ekhutshelwa umfundi ngamnye enxulumene nabantwana beBakala R kwiiklasi/kumaziko okufundela avunyiweyo aziipri-prayimari (kwiBakala R) okuza kuqalela kwixesha elidlulileyo (retrospectively) ukususela nge-1 Apreli 2008 (kwikota yesi-2). Le nkxaso-mali inikwa umfundi ngamnye ngosuku inyuswe ngolu hlobo lulandelayo:

Izikolo ezikumaNqanaba oBuhlwempu 1 & 2 ukusuka kwi-R9 ukuya kwi-R12
Izikolo ezikumaNqanaba oBuhlwempu 3 ukusuka kwi-R8 ukuya kwi-R9
Izikolo ezikumaNqanaba oBuhlwempu 4 ukusuka kwi-R4 ukuya kwi-R6
Izikolo ezikumaNqanaba oBuhlwempu 5 ukusuka kwi-R4 ukuya kwi-R5

Kuphela yinkxaso-mali yezikolo ezifanele ukufumana inkxaso-mali eyona isezantsi eyi-R24 000 ngonyaka ehleli ingatshintshanga. Inkxaso-mali yezinye izikolo/yamaziko achaphazelekayo seyilungelelanisiwe zaza iimali ebezingekahlawulwa (arrears) zafakwa kwii-akhawunti zawo. Ezinye izikolo/amaziko aya kufumana iintlawulo zawo zemali ezingekahlawulwa ekuqaleni konyaka omtsha.


2. UKUNGENISWA KWEEFOM ZAMABANGO

Ziyakhunjuzwa kwakhona iinqununu zezikolo ezineBakala R neentloko zamaziko ophuhliso lwemfundo yabantwana abasaqalayo (early childhood development) (ECD) ukuba izicelo zenkxaso-mali mazizaliswe ngokuchanekileyo nangokupheleleyo zize zisayinwe phambi kokuba zingeniswe kwi-ofisi yesithili semfundo. Iifom ezingazaliswanga ngokupheleleyo (okanye iifom ezingeniswe ngqo kwaNdlunkulu), ngelishwa, kuza kufuneka zibuyiselwe ezikolweni, nto leyo ekhokelela ekulibazisekeni kokuvunywa nokwenziwa kwentlawulo yezicelo zamabango.

Izicelo zawo zenkxaso-mali yekota zika-2009 zifanele ukungeniswa kwi-ofisi yesithili semfundo zibe sezigqithiselwa kwaNdlunkulu ingagqithanga okanye phambi kwale mihla ilandelayo:

Ikota I-ofisi yesithili semfundo UNdlunkulu
Ikota yoku-1 ka-2009NgoLwesihlanu,
we-6 Matshi 2009
NgoLwesihlanu,
we-27 Matshi 2009
Ikota yoku-2 ka-2009NgoLwesihlanu,
we-22 Meyi 2009
NgoLwesihlanu,
we-12 Juni 2009
Ikota yoku-3 ka-2009NgoLwesihlanu,
we-28 Agasti 2009
NgoLwesihlanu,
we-18 Septemba 2009
Ikota yoku-4 ka-2009NgoLwesihlanu,
we-6 Novemba 2009
NgoLwesihlanu,
we-27 Novemba 2009

Izikolo/amaziko angakwenziyo oku kanye ngqo ngale mihla ingasentla asemngciphekweni wokuphulukana nenkxaso-mali yawo kuba i-WCED ifumana izicelo ezininzi ezicela ukuncedo lwemali ezivela kwezinye izikolo ezisweleyo ezineBakala R. Izikolo ezifuna uncedo malunga nokuzaliswa kweefom zamabango enkxaso-mali zingaqhagamshelana nomcebisi ngeze-IMG we-ECD kwi-ofisi yesithili semfundo.


3. UMVUZO KATITSHALA WEBAKALA R

Ukuphendula kwimibuzo emininzi emalunga noku kungasentla, i-WCED inqwenela ukugxininisa ukuba intlawulo yomvuzo weengcali zeBakala R (ngaphandle kwabo titshala bakwinani lezithuba ezabelwe iziko le-WCED) luxanduva lwebhunga lolawulo elichaphazelekayo. Ngako oko ke, kunyanzelekile ukuba ibhunga lolawulo leziko lokufundela leBakala R lenze imvumelwano nengcali yeBakala R ekhankanya ngokuthe gca amalungelo ahamba nenkonzo (service benefits) enikwa yingcali leyo.

Ngenxa yokunyuka kweendleko zokuphila (cost of living) kucetyiswa ukuba owona mvuzo usezantsi wengcali yeBakala R ube sisigxina se-R3 500,00 ngenyanga.


4. UKUSETYENZISWA KWENKXASO-MALI YESEBE LEMFUNDO YEBAKALA R

Inkxaso-mali yesebe lemfundo ehlawulwa amaziko e-ECD isetyenziselwa kuphela iiklasi zeBakala R. Amashumi asixhenxe eepesenti (70%) makasetyenziswe njengegalelo kumvuzo wengcali echaphazelekayo (weengcali ezichaphazelekayo) aze amashumi amathathu eepesenti (30%) aseleyo asetyenziswe ekuthengweni izinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material) (LTSM). Njengoko i-WCED ingaboneleli ngebhajethi epheleleyo yokuqhutywa kweeklasi zeBakala R namvuzo wengcali yeBakala R, luxanduva lwebhunga lolawulo lesikolo ukuvala isikhewu semali eshotayo ngokuthi lenze izinto zokunyusa ingxowa (fundraising events) kwanokubiza intlawulo yeefizi zesikolo.

Ngenxa yokuba incinane imali ekhoyo, kucetyiswa kwakhona ukuba izikolo/amaziko athenge kuphela i-LTSM esemgangathweni abaya kuthi kuyo abafundi beBakala R bafumane eyona nzuzo inkulu.

Mayigxininiswe into yokuba naluphi na usetyenziso gwenxa lwenkxaso-mali yeBakala R luya kukhokelela ekurhoxisweni kwenkxaso-mali enikwa isikolo/iziko lokufundela elichaphazelekayo.

Kungenxa yesi sizathu kunyanzelekile ukuba kwenziwe ngocoselelo olukhulu ukuzaliswa kwengxelo-mali emfutshane engeniswa nesicelo sokucela inkxaso-mali.

Imfuno engummiselo obalulekileyo yobhaliso oluthe rhoqo kukuba ubuncinane mayibe ngabafundi abayi-20 kwiklasi nganye yeBakala R abafunekayo. Apho izikolo/amaziko (ngaphandle kwalawo akwiindawo ezisemaphandleni ezithe qelele) engaphumeleli ukungqinelana nale mfuno ingummiselo, ubhaliso olulolu hlobo kunye/okanye inkxaso-mali nayo ingarhoxiswa de kuhlangatyezwane nale mfuno ingummiselo.


5. Okubhalwe kule setyhula makwaziswe bonke abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo kuPhuhliso lweMfundo yaBantwana aBasaqalayo (Early Childhood Development) (ECD) kwisikolo sikarhulumente/kwiziko lokufundela le-ECD nakwi-ofisi yesithili semfundo yaloo ndawo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:01:13