1. Uyacelwa ukuba ufunde iSetyhula 0009/2007 yomhla wama-22 Matshi 2007, apho kucelwa khona amabhunga olawulo ezikolo ukuba angenise itheyibhile ebonisa inani lezicelo ezifunyenweyo ezimalunga nokunyinyiselwa ukuhlawula iifizi zesikolo. Esi sicelo singqinelana noMqathango wesi-3 kwiMiqathango eMalunga noKunyinyiselwa kwaBazali uKuhlawula iiFizi zeSikolo kwiZikolo zikaRhulumente (kungabandakanywanga iZikolo eziNgahlawulisi ziFizi (Regulations Relating to the Exemption of Parents from the Payment of School Fees in Public Schools (excluding No-Fees Schools), eyabhengezwa ngokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996).
2. Ziyakhunjuzwa kwakhona iinqununu noosihlalo bamabhunga olawulo ukuba bangenise itheyibhile yethutyana lithile, ebonisa iinkcukacha-manani ezicelwe kule setyhula ingentla ekupheleni kwekota yokuqala yesikolo kunyaka ngamnye netheyibhile yokugqibela phambi okanye ngowama-30 Novemba kunyaka ngamnye. Esi sicelo sichaphazela zonke izikolo zikarhulumente, ngaphandle kwezo zibhengezwe njengezikolo ezingahlawulisi zifizi. Izikolo ezingahlawulisi zifizi azinakuhlawulisa iifizi zesikolo.
3. Nakuba kunjalo, makuqatshelwe ukuba iinkcukacha-manani eziyimfuneko mazingeniswe ngoku kwi-ofisi yesithili semfundo efanelekileyo, kungekuko kwaNdlunkulu weWCED, njengoko bekuchaziwe kwisetyhula 0009/2007. i-ofisi zezithili zemfundo, ke ngoko ziyacelwa ukuba zilondoloze iziko ledatha (database) layo yonke ingcaciso emalunga nokunyinyiselwa ukuhlawula iifizi zesikolo efunyenwe kwizikolo zikarhulumente. Makuthunyelwe isishwankathelo sezi nkcukacha-manani (ngesikolo ngasinye) ekupheleni kwekota yesine yesikolo kwaNdlunkulu, kuMnu IJ Morkel, kweli Candelo: Institutional Management and Governance Planning, Room 1015 Atterbury House, 9 Riebeeck Street, Cape Town, 8000.
4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi namalungu ebhunga lolawulo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:12:17