1. Intshayelelo
1.1 Olu xwebhu i-National Policy on Assessment and Qualifications for schools in the GET band (iGazethi kaRhulumente No 29626 of 2007) lubonelela ngeemfuno ezimiselweyo zokuqhubela phambili (progression) zamaBakala 1 - 8, kunye nezokupasa (promotion) kwiBakala 9. Nakuba imiqathango yokuqhubela phambili icaciswe gca malunga namaBakala R - 8, amanqanaba acacileyo amakafikelelwe akafakwanga kwiGazethi.
1.2 Lo mgaqo-nkqubo uye waphononongwa ukwenzela ukuba ubandakanye iimfuno ezimiselweyo ezithile zokuqhubela phambili kunye nokupasa kumaBakala 1 - 9, nezavunywa liBhunga laBaphathiswa beMfundo nge-17 Novemba 2008.
1.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni sele lizifumene iimfuno ezimiselweyo nezihlaziyiweyo zokuqhubela phambili nezokupasa ezivela kwiSebe leMfundo, kuxwebhu lwe-1 Apreli 2009. Iimfuno zokupasa nezokuqhubela phambili zicaciswe ngokubanzi apha ngasezantsi.
1.4 Ezi mfuno zimiselweyo zintsha zokupasa nokuqhubela phambili zicaciswe ngokubanzi apha ngasezantsi.

2. Ukuqhubela phambili kwiSigaba seSiseko: (amaBakala 1 - 3)
Isikali sokureyitha 1 - 4

Ubuncinane yikhowudi yokureyitha engu-3 kuLwazi lokuFunda nokuBhala (kuLwimi lweNkobe okanye kulwimi lokufunda nokufundisa) kuze ubuncinane ibe yikhowudi yokureyitha engu-3 kwiiprogram zokufunda zoLwazi lokuBala

Ikhowudi yokureyitha Ukuchazwa kobuchule
4 Ukuphumelela ngokuqaqambileyo ukuya ekuphumeleleni ngokugqwesileyo
(Yonke imiba yemigangatho yovavanyo yonke iphunyelelwe)
3 Ukuphumelela ngokwanelisayo ukuya ekuphumeleleni kakuhle kakhulu
(Imiba ephambili yemigangatho yovavanyo yonke iphunyelelwe)
2 Ukuphumelela ngomndilili ukuya ekuphumeleleni ngokwanelisayo
(Ubuncinane sisiqingatha semigangatho yovavanyo ephunyelelweyo)
1 Akaphumelelanga ukuya ekuphumeleleni kancinane
(Imbalwa kakhulu imigangatho yovavanyo ephunyelelweyo)

3. Ukuphumelela kwiSigaba esiPhakathi: (amaBakala 4 - 6):
Isikali sokureyitha 1 - 4

Ubuncinane yikhowudi yokureyitha engu-3 kuzo naziphi na iinkalo zezifundo ezintathu, enye yazo kufuneka ibe luLwimi lweNkobe okanye ulwimi lokufunda nokufundisa, KUNYE nekhowudi yokureyitha engu-2 ubuncinane kuzo naziphi na iinkalo zezifundo ezintathu ezishiyekileyo, enye yazo kufuneka ibe yiMathematika

Ikhowudi yokureyitha Ukuchazwa kobuchule %
4 Ukuphumelela ngokuqaqambileyo kuye ekuphumeleleni ngokugqwesileyo
(Yonke imiba yemigangatho yovavanyo yonke iphunyelelwe)
70 - 100
3 Ukuphumelela ngokwanelisayo kuye ekuphumeleleni kakhulu
(Imiba ephambili yemigangatho yovavanyo yonke iphunyelelwe)
50 - 69
2 Ukuphumelela ngomndilili kuye ekuphumeleleni ngokwanelisayo
(Ubuncinane sisiqingatha semigangatho yovavanyo ephunyelelweyo)
35 - 49
1 Akaphumelelanga ukuya ekuphumeleleni kancinane
(Imbalwa kakhulu imigangatho yovavanyo ephunyelelweyo)
0 - 34

4. UkuQhubela Phambili kwiSigaba saBadala kumaBakala 7 no-8 nokuPasa kwiBakala 9:
Isikali sokureyitha 1 - 7

Ubuncinane yikhowudi yokureyitha engu-4 kuzo naziphi na iinkalo zezifundo ezintathu, enye yazo kufuneka ibe luLwimi lweNkobe okanye ulwimi lokufunda nokufundisa, KUNYE nekhowudi engu-3 ubuncinane kuzo naziphi na iinkalo zezifundo ezishiyekileyo, enye yazo kufuneka ibe yiMathematika.

Ukureyitha Ukuchazwa kobuchule %
7 Uphumelele emagqabini Yonke imiba yemigangatho yovavanyo yonke iphunyelelwe 80 - 100
6 Uphumelele ngokuqaqambileyo Phantse yonke imiba yemigangatho yovavanyo yonke iphunyelelwe 70 - 79
5 Uphumelele kakuhle kakhulu Imiba ephambili yemigangatho yovavanyo yonke iphunyelelwe 60 - 69
4 Uphumelele ngokwanelisayo Imiba ephambili yoninzi lwemiganga-tho yovavanyo iphunyelelwe 50 - 59
3 Uphumelele ngomndilili Ubuncinane sisigingatha semiganga-tho yovavanyo ephunyelelweyo 40 - 49
2 Uphumelele kancinane Imbalwa kakhulu imigangatho yovavanyo ephunyelelweyo 30 - 39
1 Akaphumelelanga Akukho nto ayiphumeleleyo 0 - 29

5. Injongo yezi mfuno zimiselweyo zintsha zokuqhubela phambili nokupasa kukomeleza uvavanyo kwicandelo le-GET kwaye ziya kuxhasa ootitshala eklasini. Ezi mfuno zimiselweyo ziya kuqinisekisa ukuba zicaciswa gca iithagethi ezicacileyo emazifikelelwe kuvavanyo lwabafundi ukuze ootitshala nabafundi basebenzele ukufikelela kwezi thagethi zinye. Ziya kuqinisekisa ukuba intsebenzo yabafundi ikumgangatho omnye kuzo zonke iimeko zokufunda kuwo onke amaphondo.
6. Ootitshala mabasebenzise ezi mfuno zimiselweyo xa besenza izigqibo zokuba ngaba abafundi bafikelele na kwiimfuno zekharityhulam ezimiselweyo ekupheleni kwebakala elo.
7. Ezi mfuno zimiselweyo zokupasa zikhankanywe apha ngasentla ziqalisa ukusebenza ukusukela ngo-2009.
8. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyakuqonda ncam ukubaluleka kokucwangcisa kwangaphambili yaye belikhetha ukuba ezi mfuno zimiselweyo zintsha zibe zazaziswe izikolo ekuqaleni kuka-2009. Njengoko onke amanye amaphondo nawo ephumeza ezi mfuno zimiselweyo zintsha zokuqhubela phambili nokupasa, kukwangumsebenzi oluxanduva lweSebe iWCED ukuphumeza ezi mfuno zimiselweyo zintsha.
9. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula kubo bonke ootitshala, abazali kunye nabo bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:05:22

iGazethi kaRhulumente No 29626 of 2007: National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the GET Band
(ubukhulu: 947 KB)