1. INTSHAYELELO
1.1 Kucelwa nifunde iSetyhula 0048/2008. Unyulo lwebhunga lolawulo lesikolo (school governing body (SGB)) lucwangciselwe uJuni 2009. Ngokubonisana nabathathi-nxaxheba kumabhunga olawulo ezikolo ephondo, neSebe leMfundo kuzwelonke (DoE), kwathathwa isigqibo liSebe leMfundo leNtshona Koloni sokuba kuvunyelwe zonke izikolo eNtshona Koloni ukuba ziqalise ngenkqubo yonyulo lweeSBG zazo ukususela kowe-1 Meyi 2009 endaweni yowe-1 Juni 2009. Inkqubo yonyulo lweeSGB ke ngoko iya kuqhubeka ukususela kowe-1 Meyi 2009 kuye kutsho kowe-30 Juni 2009 ukuqinisekisa ukuba athi esiya ekupheleni uJuni 2009 abe sele onyulwe onke amalungu eSGB.
1.2 ISebe iWCED linqwenela ukubulela zonke iinqununu ebeziye kuqeqesho lwephondo lwamagosa onyulo eSGB. Umntu ngamnye kwezi nqununu uya kufumana, ileta nesatifikethi esisayinwe ngumlawuli wesithili sakhe ezingqina ukuba unako ukongamela unyulo lweSGB ngokusemthethweni kwisikolo esikhethiweyo kunye/okanye esikufutshane. Ukutyunjwa kwamagosa onyulo eSGB kwisikolo ngasinye kuya kulawulwa yikomiti yesithili yonyulo.

2. IZILUNGISO EZIFAKELWE KWIMIQATHANGO YEPHONDO
2.1 ISebe leMfundo leNtshona Koloni livume iqela lezilungiso ezifakelwe kwiMiqathango yePhondo (Provincial Measures). Ezi zilungiso zidweliswe kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.
2.2 Ezi zilungiso zikwisiHlomelo A zapapashwa kwiSaziso sePhondo 138/2009 sowe-24 Apreli 2009, yaye ezinye, ziya kubandakanywa zibe yinxalenye yohlaziyo olupheleleyo lweMiqathango ethubeni.

3. UKUSHENXA KWINKQUBO YOKUTYUNJWA KONYULWE NGOSUKU OLUNYE (SINGLE NOMINATION AND ELECTION DAY)
3.1 Izikolo mazifake isicelo kwiNtloko yeSebe zicele imvume yokuba zitenxe kule nkqubo yokutyunjwa konyulwe ngosuku olunye njengoko kucacisiwe kwimiqathango yephondo.
3.2 Nakuphi na ukutenxa kule miqathango makungaze kudlelelele, naphantsi kwayo nayiphi na imeko, ukuthatha inxaxheba kwabo nabaphi na abazali, kwaye makucaciswe gca yaye kunikwe izizathu ezikuthethelelayo kubahlali besikolo ukuze bonke bayiqonde inkqubo eza kulandelelwa.
3.3 Ezi meko mazicaciswe gca kwisicelo esiya kwiNtloko yeSebe.

4. UNYULO LWAMALUNGU EBHUNGA ELIMELE ABAFUNDI (REPRESENTATIVE COUNCIL OF LEARNERS (RCL)) ENYULELWA KWIBHUNGA LOLAWULO LESIKOLO
4.1 IBhunga eLimele aBafundi (Representative Council of Learners (RCL)) liya kunyula apho kumalungu alo amalungu eSGB. Ithuba lokuba sesikhundleni kwelungu lebhunga lolawulo elingumfundi malingadluli kunyaka omnye.
4.2 Ngethuba lonyulo lweSGB ka-2009, kuya kunyulwa abazali abatsha, ootitshala abatsha namalungu angengabo ootitshala amatsha. Akuyi kubakho mfuneko yokuba kunyulwe kwakhona amalungu amabini amatsha eRCL akwiSGB, njengoko sele ekho la malungu. Ithuba lokuba sesikhundleni kwawo kwiSGB alikho ngaphezu konyaka omnye yaye afanelekile ukuba aqhubeke nokuba kwiSGB entsha de kuye ekupheleni kuka-2009.
4.3 Inkqubo yokutyunjwa nokunyulwa kwamalungu angootitshala, njengoko imiselwe kwiMiqathango yePhondo, iya kuthi ke ngoko ingasebenzi ekutyunjweni nakunyulo lwamalungu angabafundi ngoMeyi nangoJuni kunyulo lweeSGB luka-2009.

5. IKOMITI YONYULO YESIKOLO
5.1 Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba makusekwe ikomiti yonyulo yesikolo kwaye iqalise ukusebenza ukwenzela ukuba icwangcisele inkqubo yonyulo oluyimpumelelo. ISetyhula 0048/2008 icacisa ukwakhiwa kwale komiti.
5.2 Imisebenzi ebalulekileyo yekomiti yonyulo yesikolo kukulungisa umqulu wabavoti, ukwenza amalungiselelo eendawo zonyulo nokwazisa unyulo kubahlali besikolo.

6. UKUNIKA IZIKOLO INKXASO
6.1 Yindima yekomiti yonyulo yesithili ukubeka esweni inkqubo yonyulo kwisithili semfundo nakwiisekethe.
6.2 Ukuba isikolo sakho sifuna inkxaso okanye sinemibuzo, masiqhagamshelane ngaphandle kwamathandabuzo nomququzeleli wekomiti yonyulo wesithili ofanelekileyo oboniswe apha ngezantsi.

  Isithili semfund Umququzeleli weKomiti yezoNyulo weSithili Iinombolo zefoni
1 I-Cape Winelands Mr J. van Tonder 023 348 4680
2 I-Eden & Central Karoo Mr E. Magodla 044 803 8300
3 I-Metropole Central Mr J. Petersen 021 659 4300
4 I-Metropole East Mr Z. Conco 021 900 7000
5 I-Metropole North Mr H. Botha 021 938 3000
6 I-Metropole South Mr R. Job 021 370 2000
7 I-Overberg Mr J. Bailey 028 212 1730
8 I-West Coast Mr F. Claasen 021 860 1200
6.3 IKomiti yoNyulo yePhondo iya kunika izikolo namabhunga olawulo ezikolo (SGBs) ingcaciso ngenkqubo yokunikezela iintambo kwebhunga lolawulo elikhoyo ngoku kwelo litsha linyuliweyo kwakunye nengcaciso kuloo mabhunga olawulo asanda kunyulwa.

7. IPHULO LOKUGAYA INKXASO
7.1 Kwenziwa izicwangciso zamaphulo okugaya inkxaso kuzwelonke, kumaphondo nakwizithili ukwenzela ukukhuthaza abazali, abahlali, ootitshala nabasebenzi abangengabo ootitshala ukuba bathathe inxaxheba kwinkqubo yonyulo lweSGB esikolweni.
7.2 Kwiindawo zabahlali, imibutho yeSGB eyinxalenye yekomiti yonyulo yephondo sele iqalisile ngokugaya inkxaso ngamandla, isebenzisa izitraksha zabahlali ezahlukeneyo.
7.3 Ziyakhuthazwa iikomiti zonyulo zezikolo ukuba zenze izicwangciso zazo zokugaya inkxaso yokuxhasa unyulo oluzayo ezikolweni zazo.


ISAYINWE: NGU-TS LINGELA
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:05:04

kwisiHlomelo A  (ubukhulu: 10 KB)