1. IKomiti yeeMviwo yamaPhondo ngamaPhondo (Inter-Provincial Examination Committee) iqulunqa ithayimthebhile yeemviwo zikazwelonke emva kokuba ithetha-thethane nabo bonke abathathi-nxaxheba nemibutho yezenkolo. Le thayimthebhile yowe-2009 yamkelwe yiKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo (Heads of Education Departments Committee) yaze yavunywa liBhunga laBaphathiswa beMfundo (Council of Education Ministers).
2. Izifundo i-Computer Applications Technology (CAT) Speed Test (ozikhethelayo), Computer Applications Technology Paper 1 (Practical) ne-Information Technology (IT) Paper 1 (Practical) ziya kubhalwa ngowesi-7, owesi-8 nowe-9 kuOktobha ngokulandelelanayo.
3. Abafundi abangazenziyo izifundo i-CAT ne-IT kufuneka baye esikolweni ngokwesiqhelo ngowesi-7, owesi-8 nowe-9 Oktobha 2009.
4. Ukususela kowe-12 Oktobha ukuya kowe-23 Oktobha 2009, ukufunda nokufundisa kwesiqhelo kuya kuqhuba ukuqinisekisa ukuba lifumaneka kangangoko kunako ixesha lokufundisa. Akukho mfundi weBakala 12 uya kuvunyelwa agoduke phambi kwexesha ngeenjongo zokuba ayokulungiselela ukufunda phambi kowama-23 Oktobha 2009.
5. Zonke izifundo zepraktikhali, iilwimi ezingezozaseburhulumenteni kunye nezifundo ezinabaviwa abancinane ababhalisileyo kuzo ziya kubhalwa ngowama-26 nowama-30 Oktobha 2009.
6. Ezona zifundo ziphambili zokuviwa zilungiselelwe ukuba zibhalwe ngowesi-2 Novemba 2009 ukuya kowesi-3 Disemba 2009.
7. Zimbini iiseshoni zeemviwo ezilungiselelwe usuku ngalunye. Iseshoni yakusasa iya kuqala ngo-09:00 ize yona iseshoni yasemva kwemini iqale ngo-14:00.
8. Iinqununu nabaphathi bamaziko kufuneka bazise abaviwa ngokuba iimviwo zokuxabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ziya kuqhutywa ngoFebruwari-Matshi 2010, kwaye kungafunekanga ukuba zibhidaniswe neeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zangoMeyi-Juni 2010.
9. Apha kuqhotyoshelwe ikopi yethayimthebhile yokuphela konyaka yeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke yowe-2009.
10. Iinqununu nabaphathi bamaziko bayacelwa baripote kwi-WCED konke ukungqubana kwethayimthebhile okufumanekayo. Ezo ripoti mazingeniswe ngokubhaliweyo, phambi koLwesihlanu, we-16 Meyi 2009, kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr TJ Magwaca (Room 814)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000

Ifeksi: 021 467 2620
Idilesi ye-imeyili: tmagwaca@pgwc.gov.za

11. Iinqununu nabaphathi bamaziko bayacelwa ukuba bazise bonke abaviwa ukuba mababekho esikolweni kude kuyokuba ngumhla wokugqibela wekota wokuya esikolweni (owe-11 Disemba 2009), ukuba kunokuba yimfuneko, nokuba kungasiphi isizathu, ukuba ukubhala uviwo olo kurhoxiselwe elinye ixesha lokubhalwa kwephepha loviwo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:14

""Final Timetable: NSC Examination, November 2009""  (ubukhulu: 50 KB)