1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0011/2009, yomhla we-03 Matshi 2009, eyayihamba kunye nethayimthebhile yeeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.

2. Kuthe emva koko leyo thayimthebhile yafakelwa izilungiso ukulungiselela oku kulandelayo:
2.1 Izifundo ezongezelelweyo eziye zaqatshelwa emva kokuba igqityiwe inkqubo yobhaliso yeeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke;
2.2 Umhla weholide yezenkolo (Shavuot) ebhiyozelwa ngamaJuda ngoLwesihlanu we-29 Meyi 2009.

3. Okuqhotyoshelwyo kule setyhula yithayimthebhile efakelwe izilungiso yeeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngoMeyi-Juni 2009.
4. Kucelwa wazise okuqulethwe kule setyhula bonke abaviwa bakho abaya kuba bebhala iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngoMeyi-Juni 2009, ukuze bakuthathela ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:04:20

"Amended Senior Certificate Examination Timetable, May/June 2009 "  (ubukhulu: 85 KB)