1. Uxwebhu olufakelwe izilungiso oluyi-Regulations on the Conduct, Administration and Management of Assessment of the Senior Certificate Examinations luvumela ukusingathwa kweemviwo zeMatriki ukususela ngoMeyi-Juni 2009 ukuya kutsho ngoMeyi-Juni 2011.
2. Apha kuqhotyoshelwe ithayimthebhile yabaviwa abangesogxina (part-time candidates) abaya kuba bebhala iimviwo ngoMeyi-Juni 2009.
3. Ezi mviwo ziqala ngowama-28 Apreli 2009 ziphele ngowama-25 Juni 2009.
4. Kwiintsuku ezininzi zokubhalwa kweemviwo kuya kubakho iseshoni yoviwo ibe nye kuphela ngosuku, o.k.t. kuya kuba yiseshoni yasemva kwemini eqala ngo-14:00.
5. Amaziko eemviwo ekuza kubhalelwa kuwo iimviwo zeMatriki aya kwabiwa ngokweendawo ekuye kwagqitywa ngazo liSebe leMfundo.
6. Umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba abaviwa bangena kwindawo yokubhalela uviwo kwimizuzu engama-30 phambi kwexesha lokuqala ngokusesikweni kweseshoni yoviwo. Le mizuzu ingama-30 mayisetyenziswe ngolu hlobo lulandelayo:
6.1 Imizuzu yokuqala engama-20 mayisetyenziselwe ukuhlalisa kakuhle abaviwa kwizitulo zabo ezichanekileyo, ukuhambisa amaphepha emibuzo, njl. njl.
6.2 Kwithuba lemizuzu eli-10 eshiyekileyo abaviwa kufuneka bawafunde onke amaphepha abo emibuzo.
7. Akuvumelekanga ukubhala okanye ukwenziwa kweenowuthsi ngalo naliphi na ixesha ngeli thuba lemizuzu engama-30. Ukutyeshelwa kwalo mqathango kuya kuthathwa njengesitenxo.
8. Abaviwa mabagqibe ukubhala bangagqithisi kwixesha elibonisiweyo kwithayimthebhile yoviwo.
9. Uyacelwa ukuba wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaviwa abanenjongo yokubhala iiMviwo zeMatriki ngoMeyi-Juni 2009.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:03:03

ithayimthebhile  (ubukhulu: 82 KB)