1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni [WCED] lazisiwe ukuba izikolo ezithile zivumela amaqela ezopolitiko ukuba abeke iiphowusta kwiibhodi zezaziso zazo.
2. ISebe iWCED linqwenela ukulumkisa ii-ofisi zezithili nezikolo ngokuqulathwe yile Setyhula 0076/1998, "Ukupapasha kwiPropathi yeSikolo" (umhlathi 3.3), engathi, nangona ingabhekiselelanga ngokukodwa kwizaziso zamaqela ezopolitiko, ibe nokusetyenziswa zizikolo ngokumalunga noku.
3. Akukho ziphowusta zezopolitiko/ziphamflethi mazibekwe kuyo nayiphi na indawo yesakhiwo sesikolo okanye zixhonywe elucingweni/kumbiyo wesikolo.
4. Kucelwa wazise okukule setyhula, ootitshala, ibhunga lolawulo lesikolo nabazali ukuze bakuthathele ingqalelo.
5. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku egameni lokukhusela imfundo.


ISAYINWE: NGU-TS LINGELA
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2009:02:23

Circular 76 of 1998  (ubukhulu: 246 KB)